Xhosa

1 Chronicles

21

1Ke kaloku uSathana wesukela phezulu kumaSirayeli, waxhokonxa uDavide ukuba awabale amaSirayeli.2Wathi ke uDavide kuYowabhi nakubathetheli babantu, Khaniye, niwabale amaSirayeli, nithabathela eBher-shebha, nide nise kwaDan, nilizise kum, ndilazi inani lawo.3Wathi uYowabhi, UYehova makalongezelele inani labantu bakhe izihlandlo ezilikhulu, kunoko bangako; kodwa, nkosi yam, kumkani, abangabakhonzi benkosi yam bonke, yini na? Iyifunelani na le nto inkosi yam? Yini na ukuba iwazekise ityala amaSirayeli?4Laqinisela ilizwi lokumkani kuYowabhi. Waphuma ke uYowabhi, wahambahamba kumaSirayeli onke, weza eYerusalem.5UYowabhi wamnika ke uDavide inani lokubalwa kwabantu. AmaSirayeli onke aba sisigidi esinye esinamawaka alikhulu samadoda aphatha ikrele; namaYuda angamakhulu amane anamanci asixhenxe amawaka amadoda aphatha ikrele.6Ke abaLevi namaBhenjamin akawabalanga phakathi kwawo; ngokuba ilizwi lokumkani laye lilisikizi kuYowabhi.7Kwaba kubi emehlweni kaThixo ngenxa yale nto; wawohlwaya ke amaSirayeli.8Wathi uDavide kuThixo, Ndonile kunene ngale nto ndiyenzileyo; kaloku khawubukhwelelise ubugwenxa bomkhonzi wakho; ngokuba ndenze ubudenge obukhulu.9Wathetha uYehova kuGadi, imboni kaDavide, esithi,10Yiya uthethe kuDavide, uthi, Utsho uYehova ukuthi, Ndikubekela izinto ezintathu; zinyulele ibe nye kuzo, ndiyenze kuwe.11Waya ke uGadi kuDavide, wathi kuye, Utsho uYehova ukuthi, Zityumbele;12nokuba yiminyaka emithathu yendlala; nokuba ziinyanga ezintathu ugxothwa ziintshaba zakho, nekrele leentshaba zakho likufikela; nokuba yimihla emithathu yekrele likaYehova, nendyikitya yokufa ezweni, isithunywa sikaYehova sisonakalisa emimandleni yonke yakwaSirayeli. Kaloku ke, yenza ilizwi endolibuyisela kondithumileyo.13Wathi uDavide kuGadi, Ndididekile kunene; masendisiwa esandleni sikaYehova, ngokuba ininzi imfesane yakhe; mandingaweli esandleni somntu.14UYehova wathoba ke indyikitya yokufa kwaSirayeli; kwawa amashumi asixhenxe amawaka amadoda kwaSirayeli.15UThixo wathuma isithunywa eYerusalem, ukuba siyitshabalalise. Sakubona ukuba siyatshabalalisa, wabona uYehova, wazohlwaya ngenxa yobubi obo; wathi kwisithunywa eso sitshabalalisayo, Kwanele, sithobe kaloku isandla sakho. Ke kaloku isithunywa sikaYehova sema esandeni sikaOrnan umYebhusi.16UDavide wawaphakamisa amehlo akhe, wabona isithunywa sikaYehova simi phakathi komhlaba nezulu, sithe rhuthu ikrele laso ngesandla, lolulelwe phezu kweYerusalem. UDavide namadoda amakhulu, bezigubungele ngeengubo ezirhwexayo, bawa phantsi ngobuso.17Wathi uDavide kuThixo, Asindim yini na othe mababalwe abantu? Yaba ndim ke owonileyo, ndenza ububi ukwenza oko; ke ezi zimvu zenze ntoni na zona? Yehova Thixo wam, isandla sakho masifikele mna, nendlu kabawo, singabi kubantu bakho, ukuba babulawe.18Sathi isithunywa sikaYehova kuGadi, Makatsho kuDavide, enyuke uDavide, amisele uYehova isibingelelo esandeni sikaOrnan umYebhusi.19Wenyuka uDavide ngelizwi likaGadi, awalithethayo egameni likaYehova.20Wathi guququ uOrnan, wasibona isithunywa; oonyana bakhe abane ababenaye bazimela; ke uOrnan wayebhula ingqolowa.21Xa uDavide wayesiza kuOrnan, uOrnan wabheka wabona uDavide, waphuma esandeni, waqubuda kuDavide, ebhekise ubuso bakhe emhlabeni.22Wathi uDavide kuOrnan, Ndinike le ndawo yesanda, ndimakhele uYehova khona isibingelo; wondinika ngenani elizeleyo, sithintelwe isibetho ebantwini.23Wathi uOrnan kuDavide, Yithabathele kuwe, inkosi yam ukumkani yenze okulungileyo emehlweni ayo; khangela, ndikunika iinkomo ezi ukuba zibe ngamadini anyukayo, nempahla yokubhula ibe ziinkuni, nengqolowa ukuba ibe ngumnikelo wokudla; ndikunika konke oko.24Wathi ukumkani uDavide kuOrnan, Hayi; ndiya kusithenga ngexabiso elizalisekileyo; ngokuba andiyi kumthabathela nto iyeyakho uYehova, ndinyuse amadini anyukayo endiwazuze ngelize.25UDavide wamnika uOrnan ngaloo ndawo iishekele zegolide ezibunzima bumakhulu mathandathu.26Wakhela apho ke uDavide isibingelelo kuYehova, wanyusa amadini anyukayo nemibingelelo yoxolo, wanqula uYehova; waza yena wamphendula ngomlilo ovela ezulwini, phezu kwesibingelelo sedini elinyukayo.27Wathetha uYehova kwisithunywa, salibuyisela esingxobeni ikrele laso.28Ngelo xesha, akubona uDavide ukuba uYehova umphendule esandeni sikaOrnan umYebhusi, wamana ebingelela khona.29Ke umnquba kaYehova, awa wenzayo uMoses entlango, nesibingelelo sedini elinyukayo, bezisesigangeni eGibheyon ngelo xesha.30UDavide ubengenakuya phambi kwawo amquqele uThixo; ngokuba ubesoyika ikrele lesithunywa sikaYehova.