Xhosa

1 Chronicles

3

1Ngabo aba oonyana bakaDavide, awabazalelwayo eHebron: owamazibulo ibinguAmnon ka-Ahinowam waseYizereli; owesibini nguDaniyeli ka-Abhigali waseKarmele;2owesithathu nguAbhisalom unyana kaMahaka, intombi kaTalemayi, ukumkani waseGeshuri; owesine nguAdoniya unyana kaHagiti;3owesihlanu nguShefatiya ngoAbhitali; owesithandathu nguItram ngoEgela umkakhe.4Abo bathandathu wabazalelwa eHebron; waba ngukumkani khona iminyaka esixhenxe neenyanga ezintandathu. Waba neminyaka emashumi mathathu anamithathu engukumkani eYerusalem.5Ngabo aba awabazalelwayo eYerusalem: nguShimeha, noShobhabhi, noNatan, noSolomon, bobane, ngoBhateshuwa intombika-Amiyeli;6nguIbhehare, noElishama, noElifelete,7noNoga, noNefege, noYafiya,8noElishama, noEliyada, noElifelete; basithoba.9Bebonke oonyana bakaDavide ngabo abo, bengabalwa oonyana bamashweshwe; nodade wabo ibinguTamare.10Unyana kaSolomon ibinguRehabheham; nguAbhiya unyana wakhe; nguAsa unyana wakhe; nguYoshafate unyana wakhe;11nguYoram unyana wakhe; nguAhaziya unyana wakhe; nguYowashe unyana wakhe;12nguAmatsiya unyana wakhe; nguAzariya unyana wakhe; nguYotam unyana wakhe;13nguAhazi unyana wakhe; nguHezekiya unyana wakhe; nguManase unyana wakhe;14nguAmon unyana wakhe; nguYosiya unyana wakhe.15Oonyana bakaYosiya nguYohanan, amazibulo akhe, nguYoyakim owesibini, nguZedekiya owesithathu, nguShalum owesine.16Oonyana bakaYoyakim nguYekoniya unyana wakhe; nguZedekiya unyana wakhe.17Oonyana bakaYekoniya nguAsire, nguShelatiyeli unyana wakhe,18noMalekiram, noPedaya, noShenatsare, noYekamiya, noHoshama, noNedabhiya.19Oonyana bakaPedaya ngooZerubhabheli noShimehi. Oonyana bakaZerubhabheli ngooMeshulam, noHananiya, benoShelomiti udade wabo;20noHashubha, no-Oheli, noBherekiya, noHasadiya, noYushabhi-hesede; bahlanu.21Oonyana bakaHananiya ngooPelatiya noYesaya; oonyana bakaRefaya; oonyana baka-Arnan; oonyana bakaObhadiya; oonyana bakaShekaniya.22Oonyana bakaShekaniya nguShemaya; oonyana bakaShemaya ngooHatushe, noIgali, noBhariya, noNeyariya, noShafati; bathandathu.23Oonyana bakaNeyariya ngooEliyohenayi, noHezekiya, noAzerikam; bathuthu.24Oonyana bakaEliyohenayi ngooHodaya, noEliyashibhi, noPelaya, noAkubhi, noYohanan, noDelaya, noAnani; basixhenxe.