1Oonyana bakaLevi nguGershon, noKehati, noMerari.2Oonyana bakaKehati nguAmram, noItsare, noHebron, noUziyeli.3Abantwana baka-Amram ngooAron, noMoses, noMiriyam. Oonyana baka-Aron ngooNadabhi, noAbhihu, nguElazare, noItamare.4UElazare wazala uPinehasi, uPinehasi wazala uAbhishuwa;5uAbhishuwa wazala uBhuki; uBhuki wazala u-Uzi;6u-Uzi wazala uZeraya; uZeraya wazala uMerayoti;7uMerayoti wazala uAmariya; uAmariya wazala uAhitobhi;8uAhitobhi wazala uTsadoki; uTsadoki wazala uAhimahatse;9uAhimahatse wazala uAzariya; uAzariya wazala uYohanan;10uYohanan wazala uAzariya, (yena ke ebengumbingeleli endlwini awayakhayo uSolomon eYerusalem);11uAzariya wazala uAmariya; uAmariya wazala uAhitubhi;12uAhitubhi wazala uTsadoki uTsadoki wazala uShalum;13uShalum wazala uHilekiya; uHilekiya wazala uAzariya;14uAzariya wazala uSeraya; uSeraya wazala uYotsadaki;15uYotsadaki wahamba, akuwafudusa uYehova amaYuda neYerusalem ngoNebhukadenetsare.16Oonyana bakaLevi nguGershom, noKehati, noMerari.17Ngawo la amagama oonyana bakaGershom: nguLibheni noShimehi.18Oonyana bakaKehati nguAmram, noItsare, noHebron, noUziyeli.19Oonyana bakaMerari nguMaheli noMushi. Yiyo ke leyo imizalwane kaLevi, ngokwezindlu zooyise.20KuGershom: nguLibheni unyana wakhe, nguYahati unyana wakhe, nguZima unyana wakhe,21nguYowa unyana wakhe, nguIdo unyana wakhe, nguZera unyana wakhe, nguYehatrayi unyana wakhe.22Oonyana bakaKehati nguAminadabhi unyana wakhe, nguKora unyana wakhe, nguAsire unyana wakhe,23nguElikana unyana wakhe, noEbhiyasefu unyana wakhe, noAsire unyana wakhe,24nguTahati unyana wakhe, ngu-Uriyeli unyana wakhe, ngu-Uziya unyana wakhe, nguSawule unyana wakhe.25Oonyana bakaElikana nguAmasayi noAhimoti.26KuElikana: oonyana bakaElikana nguTsofayi unyana wakhe, noNahati unyana wakhe,27nguEliyabhi unyana wakhe, nguYoram unyana wakhe, nguElikana unyana wakhe.28Oonyana bakaSamuweli nguVashni amazibulo akhe, noAbhiya.29Oonyana bakaMerari nguMaheli, nguLibheni unyana wakhe, nguShimehi unyana wakhe, ngu-Uza unyana wakhe,30nguShimeha unyana wakhe, nguHagiya unyana wakhe, nguAsaya unyana wakhe.31Aba ngabo wabaphathisayo uDavide ingoma endlwini kaYehova, kususela koko yaphumlayo ityeya.32Balungiselela ngengoma phambi komnquba oyintente yokuhlangana, wada uSolomon wayakha indlu kaYehova eYerusalem; bema ngokwesiko labo enkonzweni yabo.33Aba ngabo bema noonyana babo. Kubo oonyana bakaKehati nguHeman imvumi, unyana kaYoweli, unyana kaShemuweli,34unyana kaElikana, unyana kaYeroham, unyana kaEliyeli, unyana kaToha,35unyana kaTsufi, unyana kaElikana, unyana kaMahati, unyana ka-Amasayi,36unyana kaElikana, unyana kaYoweli, unyana ka-Azariya, unyana kaZefaniya,37unyana kaTahati, unyana ka-Asire, unyana ka-Abhiyasefu, unyana kaKora,38unyana kaItsare, unyana kaKehati, unyana kaLevi, unyana kaSirayeli.39Ke umzalwana wakhe uAsafu wema ngasekunene kwakhe: uAsafu unyana kaBherekiya, unyana kaShimeha,40unyana kaMikayeli, unyana kaBhahaseya, unyana kaMalekiya,41unyana kaEteni, unyana kaZera, unyana ka-Adaya,42unyana kaEtan, unyana kaZima, unyana kaShimehi,43unyana kaYahati, unyana kaGershom, unyana kaLevi.44Abazalwana babo, oonyana bakaMerari, bema ngasekhohlo: uEtan unyana kaKishi, unyana ka-Abhedi, unyana kaMuluki,45unyana kaHashabhiya, unyana ka-Amatsiya, unyana kaHilekiya,46unyana ka-Amtsi, unyana kaBhani, unyana kaShemere,47unyana kaMaheli, unyana kaMushi, unyana kaMerari, unyana kaLevi.48Abazalwana babo, abaLevi, babemiselwe umsebenzi wonke womnquba wendlu kaThixo.49Ke uAron noonyana bakhe babeqhumisela esibingelelweni sedini elinyukayo, nasesibingelelweni sesiqhumiso, bengabomsebenzi wonke wengcwele kangcwele, bacamagushele amaSirayeli, ngokoko konke wawisa umthetho ngako uMoses, umkhonzi kaThixo.50Ngabo aba oonyana baka-Aron: nguElazare unyana wakhe, nguPinehasi unyana wakhe, nguAbhishuwa unyana wakhe,51nguBhuki unyana wakhe, ngu-Uzi unyana wakhe, nguZeraya unyana wakhe,52nguMerayoti unyana wakhe, nguAmariya unyana wakhe, nguAhitubhi unyana wakhe,53nguTsadoki unyana wakhe, nguAhimahatse unyana wakhe.54Ngawo la amakhaya abo ngokweengqili zabo, emideni yabo, ezoonyana baka-Aron, ngokwemizalwane kaKehati; ngokuba laba lelabo iqashiso:55babanika owaseHebron ezweni lakwaYuda, namadlelo awo ngeenxa zonke;56ke wona amasimi omzi lowo nemizana yawo bawanika uKalebhi, unyana kaYefune.57Babanika oonyana baka-Aron imizi yokusabela: owaseHebron, neLibhena namadlelo ayo, neYatire, ne-Eshtemowa; namadlelo ayo,58neHilen namadlelo ayo, neDebhire namadlelo ayo,59neAshan namadlelo ayo, neBhete-shemeshe namadlelo ayo.60Esizweni sakwaBhenjamin: iGebha namadlelo ayo, neAlemete namadlelo ayo, neAnatoti namadlelo ayo. Yonke imizi yabo ngokwemizalwane yabo yabe iyimizi elishumi elinamithathu.61Oonyana bakaKehati abaseleyo banikwa emzalwaneni wesizwe sakwaEfrayim, nasesizweni sakwaDan, nasesiqingatheni sesizwe sakwaManase, ngeqashiso imizi elishumi.62Oonyana bakaGershom ngokwemizalwane yabo banikwa esizweni sakwaIsakare, nasesizweni sakwa-Ashere, nasesizweni sakwaNafetali, nasesizweni sakwaManase eBhashan, imizi yalishumi elinamithathu.63Oonyana bakaMerari ngokwemizalwane yabo banikwa esizweni sakwaRubhen, nasesizweni sakwaGadi, nasesizweni sakwaZebhulon, ngeqashiso imizi elishumi elinamibini.64Oonyana bakaSirayeli babanika abaLevi imizi namadlelo ayo.65Babanika ngeqashiso esizweni soonyana bakaYuda, nasesizweni soonyana bakaSimon, nasesizweni soonyana bakaBhenjamin, yona le mizi ibiziweyo ngamagama ayo.66Ke emizalwaneni yoonyana bakaKehati kwabakho imizi yemida yabo esizweni sakwaEfrayim.67Babanika imizi yokusabela: owakwaShekem namadlelo awo ezintabeni zakwaEfrayim, neGezere namadlelo ayo,68neYokemeham namadlelo ayo, neBhete-horon namadlelo ayo;69neAyalon namadlelo ayo, neGati-rimon namadlelo ayo;70nasesiqingatheni sesizwe sakwaManase: iAnere namadlelo ayo, neBhileham namadlelo ayo, ngokomzalwane woonyana bakaKehati abaseleyo.71Oonyana bakaGershom banikwa emzalwaneni wesiqingatha sesizwe sakwaManase: iGolan yaseBhashan namadlelo ayo, neAshtaroti namadlelo ayo;72nasesizweni sakwaIsakare: iKedeshe namadlelo ayo, neDabherati namadlelo ayo,73neRamoti namadlelo ayo, neAnem namadlelo ayo;74nasesizweni sakwa-Ashere: iMashale namadlelo ayo, neAbhedon namadlelo ayo,75neHukoki namadlelo ayo, neRehobhi namadlelo ayo;76nasesizweni sakwaNafetali: iKedeshe yaseGalili namadlelo ayo, neHamon namadlelo ayo, neKiriyatayim namadlelo ayo.77Abaseleyo kubaLevi koonyana bakaMerari banikwa esizweni sakwaZebhulon: iRimono namadlelo ayo, neTabhore namadlelo ayo;78naphesheya kweYordan ngaseYeriko, ngasempumalanga kweYordan esizweni sakwaRubhen: iBhetsere esentlango namadlelo ayo, neYatsa namandlelo ayo,79neKedemoti namadlelo ayo, neMefahata namadlelo ayo;80nasesizweni sakwaGadi: iRamoti yaseGiliyadi namadlelo ayo, neMahanayim namadlelo ayo,81neHeshbhon namadlelo ayo, neYazere namadlelo ayo.