Xhosa

1 Kings

14

1Ngelo xesha wahliwa sisifo uAbhiya, unyana kaYarobheham.2Wathi uYarobheham kumkakhe, Khawusuke uzenze mntu wumbi, bangakwazi ukuba ungumkaYarobheham; uhambe uye eShilo; nanko apho uAhiya umprofeti, owandixelelayo ukuba ndiya kuba ngukumkani waba bantu;3uphathe esandleni sakho izonka ezilishumi, nemiqhathane, neselwa lobusi, uye kuye: wokuxelela okuya kubakho kulo mntwana.4Wenjenjalo umkaYarobheham, wesuka waya eShilo, wangena endlwini ka-Ahiya. Ke kaloku uAhiya ebengenakubona, ngokuba amehlo akhe abenorhatyazo ngobudala bakhe.5Wathi uYehova kuAhiya, Nanko umkaYarobheham eza kubuza into kuwe ngonyana wakhe; ngokuba esifa. Uze uthi, uthi, ukuthetha kuye; kuba wothi ekungeneni kwakhe, azenze mntu wumbi.6Kwathi, akusiva uAhiya isingqi seenyawo zakhe, engena emnyango, wathi, Ngena, mkaYarobheham, yini na ukuba uzenze mntu wumbi? Ndithunywe kuwe udaba olubi.7Yiya, uthi kuYarobheham, Utsho uYehova uThixo kaSirayeli, ukuthi, Ngenxa enokuba ndakuphakamisayo phakathi kwabantu, ndakwenza inganga kubantu bam amaSirayeli,8ndabukrazula ubukumkani endlwini kaDavide, ndakunika; wesuka akwafuza umkhonzi wam uDavide, owayigcinayo imithetho yam, owandilandelayo ngentliziyo yakhe yonke, ukuba enze okuthe tye kodwa emehlweni am;9wesuka wena wenza okubi ngaphezu kwabo bonke ababekho ngaphambi kwakho, waya wazenzela thixo bambi, nemifanekiso etyhidiweyo, ukuba undiqumbise, wandiphosa emva komhlana wakho:10ngako oko, yabona, ndiya kuyizisela ububi indlu kaYarobheham, ndiyinqamle kwaYarobheham yonke into eyindoda, ovalelweyo novulelweyo kwaSirayeli, ndiwatshayele amavela-mva endlu kaYarobheham, njengokutshayelwa kwelindle, kude kuthi tu.11OkaYarobheham ofela phakathi komzi, uya kudliwa zizinja; ofela endle, uya kudliwa ziintaka zezulu; ngokuba uYehova ethethile.12Suk’ ume ke wena, uhambe uye endlwini yakho; ekungeneni kweenyawo zakho kuwo umzi, uya kufa umntwana.13Ommbambazelela onke amaSirayeli, amngcwabe; ngokuba nguye yedwa kwaYarobheham, oya kungena engcwabeni; ngenxa yokuba kufunyenwe kuye kukho into elungileyo, ebhekisele kuYehova, uThixo kaSirayeli, endlwini kaYarobheham.14UYehova uya kuzivelisela ukumkani kwaSirayeli, oya kuyinqamla indlu kaYarobheham loo mini, Ndisathetha ntoni na, sekunjalo nje?15UYehova uya kubetha kumaSirayeli, njengengcongolo izanyazanyiswa ema nzini, awanyothule amaSirayeli emhlabeni olungileyo, awawunika ooyise, awachithachithele phesheya koMlambo, ngenxa enokuba enze ooAshera bawo, amqumbisa uYehova;16awanikele amaSirayeli ngenxa yesono sikaYarobheham, owonayo, wawonisa ngaso amaSirayeli.17Wesuka ke umkaYarobheham, wahamba, wafika eTirtsa, wathi akuthi ukunyathela embundwini womnyango wendlu, wafa umntwana.18Amngcwaba, ammbambazelela amaSirayeli onke ngokwelizwi likaYehova, awalithethayo ngomkhonzi wakhe, uAhiya umprofeti.19Ezinye izinto zikaYarobheham, ukulwa kwakhe, nokulawula kwakhe, nanko kubhaliwe encwadini yemicimbi yemihla yookumkani bakwaSirayeli.20Imihla awayengukumkani ngayo uYarobheham ngamashumi amabini anesibini iminyaka; walala kooyise. UNadabhi, unyana wakhe, waba ngukumkani esikhundleni sakhe.21Ke uRehabheham, unyana kaSolomon, waye engukumkani kwaYuda. URehabheham ubeminyaka imashumi mane anamnye ezelwe ukuba ngukumkani kwakhe; waba neminyaka elishumi elinesixhenxe engukumkani eYerusalem, umzi awawunyulayo uYehova ezizweni zonke zakwaSirayeli, ukuba alibeke khona igama lakhe. Igama lonina belinguNahama, umAmonikazi.22AmaYuda enza ububi emehlweni kaYehova, amkhweletisa ngaphezu kwako konke ababekwenzile ooyise ngezono zabo, ababesona ngazo.23Azakhela nazo izinganga, nezimiso zamatye, nooAshera, ezindulini zonke eziphakamileyo, naphantsi kwemithi yonke eluhlaza.24Kananjalo bekukho amang’awu elizweni, enza ngokwamasikizi onke eentlanga, awazigqogqayo uYehova phambi koonyana bakaSirayeli.25Kwathi ngomnyaka wesihlanu wokumkani uRehabheham, kwenyuka uShishaki, ukumkani waseYiputa, wayifikela iYerusalem.26Wabuthabatha ubuncwane bendlu kaYehova nobuncwane bendlu yokumkani; wabuthabatha bonke; wazithabatha zonke iingweletshetshe zegolide awazenzayo uSolomon.27Ukumkani uRehabheham wenza iingweletshetshe zobhedu esikhundleni sazo, waziphathisa abathetheli bezigidimi ezibe zigcina umnyango wendlu yokumkani.28Ubesakuthi, akuya ukumkani endlwini kaYehova, ziziphathe izigidimi ezo, zize zizibuyisele egumbini logcino lwezigidimi.29Ezinye izinto zikaRehabheham, nako konke awakwenzayo, azibhalwanga na encwadini yemicimbi yemihla yookumkani bakwaYuda?30Yaye iyimfazwe phakathi koRehabheham noYarobheham yonke imihla.31URehabheham walala kooyise, wangcwatyelwa kooyise emzini kaDavide. Igama lonina belinguNahama, umAmonikazi. UAbhiyam, unyana wakhe, waba ngukumkani esikhundleni sakhe.