Xhosa

1 Kings

7

1Eyakhe indlu uSolomon wayakha iminyaka elishumi elinamithathu, wayigqiba indlu yakhe yonke.2Kuba wakha nendlu yehlathi laseLebhanon: yalikhulu leekubhite ubude bayo, yangamashumi amahlanu eekubhite ububanzi bayo, yangamashumi amathathu eekubhite ukuphakama kwayo, phezu kwemikrozo emine yeentsika zomsedare, ezinemiqadi echweliweyo yemisedare phezu kweentsika ezo.3Yafulelwa ngemisedare phezulu, phezu kwamagumbi abe ephezu kweentsika ezingamashumi amane anantlanu; aba lishumi elinantlanu lukrozweni lunye.4Imiqadi ibiyimikrozo emithathu, ikroba likhangelene nekroba kathathu.5Zonke iingcango nemigubasi yayimbombo-ne, iyimithi; ikroba lilunge nekroba kathathu.6Wenza ivaranda yeentsika: yaziikubhite ezimashumi mahlanu ubude bayo, neekubhite ezimashumi mathathu ububanzi bayo, zinevaranda engaphambi kwazo, neentsika nezinyuko phambi kwazo.7Wenza nevaranda yetrone, apho abethetha khona amatyala, iyivaranda yamatyala, wayifulela ngemisedare, ethabathela komnye umgangatho wesa komnye umgangatho.8Indlu yakhe abehlala kuyo, ekwenye intendelezo phakathi ngasevarandeni, yasetyenzwa kwangokunjalo. Wayenzela indlu intombi kaFaro, awayizekayo uSolomon, yanjengaloo varanda.9Zonke ezo zinto bezizezamatye anqabileyo, aqingqwe ngokomlinganiso, asarhiweyo ngeesarha, ngaphakathi nangaphandle; ethabathela esisekweni esa elungqwini, ethabathela nangaphandle esa entendelezweni enkulu.10Useko lwalungamatye anqabileyo, amatye amakhulu, amatye eekubhite ezilishumi, amatye eekubhite ezisibhozo.11Ngaphezulu yabe ingamatye anqabileyo, aqingqwe ngokomlinganiso, nemisedare.12Intendelezo enkulu ejikelezayo yayineengcamba ezintathu zamatye aqingqiweyo, nocamba lwemisedare echweliweyo; njengentendelezo engaphakathi yendlu kaYehova, nevaranda yendlu layo.13Wathumela ukumkani uSolomon, wathabatha uHuram eTire.14Yena ebengunyana womhlolokazi wesizwe sakwaNafetali, uyise ebengumTire, ingcibi yobhedu; wayezele bubulumko nayingqondo, nakukwazi ukwenza yonke imisebenzi yobhedu. Weza ke kukumkani, kuSolomon, wayenza yonke imisebenzi yakhe.15Wayila iintsika zambini zobhedu: zalishumi elinesibhozo iikubhite ukuphakama kwentsika inye, nomtya oziikubhite ezilishumi elinambini ukuthandela intsika inye.16Wenza iingqukuva zambini ngobhedu olutyhidiweyo, zokubekwa emantloko eentsika ezo: ukuphakama kwengqukuva enye kuziikubhite ezintlanu, ukuphakama kwengqukuva yesibini kuziikubhite ezintlanu.17Wenza iminatha, umsebenzi onguphinyephinye, nezidanga, umsebenzi osontelwe ezingqukuveni, ezisemantloko eentsika ezo: yasixhenxe kwenye ingqukuva, yasixhenxe kweyesibini ingqukuva.18Wenza ke iirharnate, imikrozo emibini yokuwujikeleza omnye umnatha, yokugubungela iingqukuva ezisemantloko eentsika, wenjenjalo nakweyesibini ingqukuva.19Iingqukuva ezisemantloko eentsika ezo zibe zingumsebenzi oyinyibiba, ngokwevaranda, ziziikubhite ezine;20iingqukuva ezisezintsikeni ezo zombini wazenza nangaphezulu, kufuphi nesisu esalekwe ngomnatha, neerharnate ezimakhulu mabini, zikrozile zajikeleza engqukuveni yesibini.21Wazimisa iintsika evarandeni yetempile, wayimisa intsika yasekunene, wathi igama layo nguZinzisayo; wayimisa intsika yasekhohlo, wathi igama layo nguMandlakuye.22Phezu kweentloko zeentsika ezo bekukho umsebenzi weenyibiba. Wagqitywa ke umsebenzi weentsika.23Wenza ulwandle olutyhidiweyo: lwaziikubhite ezilishumi ukusuka kolunye udini lwalo, kuyiwe kolunye udini lwalo, luyinqila ngeenxa zonke, lwaziikubhite ezintlanu ukuphakama kwalo; kwajikeleza kulo umtya oziikubhite ezimashumi mathathu ngeenxa zonke.24Ngaphantsi kodini lwalo ngeenxa zonke yangamathangazana alishumi kubhitini-nye, azunguleza ulwandle olo ngeenxa zonke; eyimikrozo emibini amathangazana, athyidwa nalo ekutyhidweni kwalo.25Lwema phezu kweenkomo ezilishumi elinambini: ezintathu zibheke entla, ezintathu zibheke entshonalanga, ezintathu zibheke ezantsi, ezintathu zibheke empumalanga; ulwandle lubekwe kuzo ngaphezulu, imiva yazo zonke isinge phakathi.26Ubungqingqwa balo bebungangobubanzi besandla; udini lwalo belwenziwe lwanjengodini lwendebe, lwaneentyantyambo zeenyibiba; lulingene amawaka amabini eebhate.27Wenza iingqwelwana zalishumi ngobhedu; baziikubhite ezine ubude benqwelwana inye, baziikubhite ezine ububanzi bayo, kwaziikubhite ezintathu ukuphakama kwayo.28Kwakunje ukwenziwa kwenqwelwana: zazineepanele phakathi kwemiqhele;29naphezu kweepanele eziphakathi kwemiqhele ibiziingonyama neenkomo neekerubhi; naphezu kwemiqhele bekukho useko ngaphezulu; ngaphantsi kweengonyama neenkomo bekukho izidanga, umsebenzi ojingayo.30Inqwelwana inye yabe ineevili ezine zobhedu, neeasi zobhedu; iinyawo zazo zozine zazinamagxa; ngaphantsi kwezitya zokuhlambela ingamagxa lawo atyhidiweyo, ngaphaya kwelinye ibizizidanga.31Umlomo wayo ubusesazulwini sesiciko, uyikubhite ukuphakama kwawo; umlomo wesiciko uyinqila, senziwe ngokwenziwa koseko; siyikubhite enesiqingatha sekubhite ububanzi; nasemlonyeni waso kwakukho imikrolo; iipanele zaso zazimbombo-ne, azaba zinqila.32Ngaphantsi kweepanele yabe iziivili ezine, iiasi zeevili ezo bezimi enqwelwaneni; ukuphakama kwevili kwakuyikubhite nesiqingatha sekubhite.33Ukwenziwa kweevili bekunjengokwenziwa kweevili zeenqwelo zonke; iiasi zazo, neefeleni zazo, nezipeki zazo, neenafu zazo, zibe zityhidiwe zonke.34Amagxa omane abesezimbombeni zone zenqwelwana, emilile enqwelwaneni amagxa lawo.35Emphezulwini wenqwelwana kwakukho inqila ngeenxa zonke; ukuphakama kwawo kusisiqingatha sekubhite; phezu komphezulu wenqwelwana kwaphuma izinto zokubamba neepanele.36Emacebeni azo okubamba, nasezipaneleni zawo, wakrola iikerubhi neengonyama namasundu, ngangebala lalo elinye, nezidanga ngeenxa zonke.37Wenjenjalo ukuzenza iinqwelwana ezilishumi: waba mnye umtyhido, waba mnye umlinganiso, kwaba kunye ukubonakala kwazo zonke.38Wenza ke izitya zokuhlambela zalishumi ngobhedu; sisinye isitya sokuhlambela salingana amashumi amane eebhate: sisinye isitya sokuhlambela siziikubhite ezine; sasisitya sokuhlambela enqwelwaneni kuzo zoshumi.39Wabeka iinqwelwana zantlanu ngecala lokunene layo indlu, wabeka zantlanu ngecala lasekhohlo layo indlu; walubeka ulwandle ngecala lokunene layo indlu, lwabheka empumalanga malunga ezantsi.40UHuram wazenza nezitya zokuhlambela, nemihlakulwana, nezitya zokutshiza. UHuram wagqiba ke ukuwenza wonke umsebenzi abewenzela ukumkani uSolomon, wendlu kaYehova:41iintsika zombini, neembumba zeengqukuva ebezisemantloko eentsika ezo zombini, neminatha yomibini yokuzunguleza iimbumba zombini zeengqukuva ebezisemantloko eentsika;42neerharnate ezimakhulu mane zeminatha yomibini: imikrozo emibini yeerharnate kumnatha umnye yokuzunguleza iimbumba ezimbini zeengqukuva, ezibe zisezintsikeni;43neenqwelwana ezilishumi, nezitya zokuhlambela ezilishumi ezinqwelwaneni;44nolwandle olunye, neenkomo ezilishumi elinambini ngaphantsi kolwandle olo;45neembiza, nemihlakulwana, nezitya zokutshiza, neempahla zonke. Zizo ezo izinto uHuram awazenzela ukumkani uSolomon, zendlu kaYehova; bezizezo bhedu olubengezelayo.46Ukumkani wazityhidela emmandleni weYordan, emhlabeni oludongwe, phakathi kweSukoti neTsaretan.47Waziyeka uSolomon zonke iimpahla zingalinganiswanga, ngokuba bezizininzi kakhulu kunene; abafumaneka ubunzima bobhedu olo.48Wazenza ke uSolomon zonke iimpahla zendlu kaYehova: isibingelelo segolide, netafile yegolide ebezikuyo izonka zokubonisa;49neziphatho zezibane zegolide ethe shinyi: zazihlanu ngasekunene, zazihlanu ngasekhohlo, phambi kwendawo yezihlabo; neentyantyambo, nezibane, nezifinyiso zegolide,50nezitya, nezitshetshe, nezitya zokutshiza, neenkamba, neengcedevu zegolide ethe shinyi, neehinjizi zegolide zeengcango zendlu engaphakathi, eyingcwele kangcwele, nezeengcango zendlu elibhotwe.51Wagqitywa ke wonke umsebenzi, abewenzela indlu kaYehova ukumkani uSolomon. Wazingenisa uSolomon zonke Izinto, abezingcwalisile uDavide uyise, isilivere negolide, wazibeka iimpahla ezo endaweni yobuncwane bendlu kaYehova.