Xhosa

1 Samuel

1

1Ke kaloku kwakukho ndoda ithile yaseRama, umTsofi, yakweleentaba lakwaEfrayim, egama belinguElikana, unyana kaYeroham, unyana kaElihu, unyana kaTohu, unyana kaTsufi, wakwaEfrayim.2Yayinabafazi ababini; igama lomnye lalinguHana, igama lowesibini linguPenina; uPenina ke wayenabantwana, uHana yena engenabantwana.3Indoda leyo ibinyuka ivela emzini wayo iminyaka ngeminyaka, iye kunqula, ibingelele kuYehova wemikhosi eShilo. Babekhona ke oonyana bakaEli ababini, ooHofeni noPinehasi, ababingeleli bakaYehova.4Kwathi ngemini awabingelela ngayo uElikana, wamnika uPenina umkakhe, noonyana bakhe bonke, neentombi zakhe, izabelo.5Ke uHana wamnika isabelo sabantu ababini, ngokuba ebemthanda uHana; ke uYehova ebesivalile isizalo sakhe.6Waza umkhweleteli wakhe wamana emchunuba, ukuze ade acunuke; ngokuba uYehova ebesivalile isizalo sakhe.7Wenjenjalo uElikana iminyaka ngeminyaka, xa wenyukayo ukuya endlwini kaYehova; wenjenjalo uPenina ukumqumbisa; uHana walila, akadla.8Wathi uElikana umyeni wakhe kuye, Hana, ulilelani na? Yini na ukuba ungadli? Yini na ukuba ibe mbi intliziyo yakho? Andilungile na kuwe ngaphezu koonyana abalishumi?9Wesuka uHana emveni kokuba bedlile eShilo, emveni kokuba besele. Ke kaloku uEli umbingeleli wayeleli esilalweni ngasemgubasini webhotwe likaYehova.10Wawukrakra umphefumlo kaHana, wathandaza kuYehova, wasitsho isililo.11Wabhambathisa ngesibhambathiso, wathi, Yehova wemikhosi, ukuba uthe wazikhangela ukuzikhangela oku iintsizi zomkhonzazana wakho, wandikhumbula, akwamlibala umkhonzazana wakho, wamnika umkhonzazana wakho umntwana oyindoda: ndomnika uYehova yonke imihla yobomi bakhe; isitshetshe sokucheba asiyi kusondezwa entlokweni yakhe.12Kwathi, ekuthandazeni kwakhe uzungu phambi koYehova, uEli wawugqala umlomo wakhe.13Ke yena uHana wayethethela entliziyweni yakhe, kubebezela imilebe yomlomo wakhe yodwa, ilizwi lakhe lingavakali; uEli waba uyanxila.14Wathi uEli kuye, Koda kube nini na unxila? Yisuse iwayini yakho kuwe.15Waphendula uHana, wathi, Hayi, nkosi yam, ndingumfazi omoya unobunzima, andiselanga wayini nasiselo sinxilisayo; ndiphalaza umphefumlo wam phambi koYehova.16Musa ukumbalela umkhonzazana wakho ekuthini yintombi yetshijolo; ngokuba unangoku ndithethe ngobuninzi bokukhalaza kwam nokuqunjiswa kwam.17Waphendula uEli, wathi, Hamba unoxolo; uThixo kaSirayeli makakunike isicelo sakho osicelileyo kuye.18Wathi ke yena, Umkhonzazana wakho lo makababalwe nguwe. Wahamba indlela yakhe umfazi lowo, wadla, ababa samatsha ubuso bakhe.19Bavuka kusasa ngengomso, baqubuda phambi koYehova, babuya, bangena endlwini yabo eRama. UElikana wamazi uHana umkakhe; uYehova wamkhumbula.20Kwathi ukufezeka kwemila, wamitha uHana, wazala unyana, wamthiya igama elinguSamuweli, esithi, Kungokuba ndamcelayo kuYehova.21Yenyuka indoda leyo inguElikana nendlu yayo yonke, ukuba ibingelele kuYehova umbingelelo womnyaka, inesibhambathiso sayo.22Ke yena uHana akanyukanga; ngokuba wathi kwindoda yakhe, Kokha kulunyulwe umntwana, ndandule ke ukumzisa abonakale phambi koYehova, alale khona kude kuse ephakadeni.23Wathi uElikana indoda yakhe kuye, Yenza okulungileyo emelweni akho; lala ude umlumle; ke uYehova makalimise ilizwi lakhe. Walala ke umfazi, wanyisa unyana wakhe wada wamlumla.24Wenyuka naye, akuba emlumle, eneenkunzi ezintathu ezintsha, ne-efa yomgubo, nentsuba yewayini, wamsa endlwini kaYehova eShilo, umntwana lowo esemncinane.25Bayixhela inkunzi entsha, bamsa umntwana kuEli.26Wathi, Camagu, nkosi yam! Uleli nje umphefumlo wakho, nkosi yam, ndingulaa mfazi wayemi kuwe apha, ethandaza kuYehova.27Ndandithandazela lo mntwana; undinikile ke uYehova isicelo sam endandisicela kuye;28nam ndiya kumenza oceliweyo kuYehova; yonke imihla yokubakho kwakhe, woba ngoceliweyo kuYehova. Wamnqula khona uYehova.