1USamuweli wathabatha igutyana leoli, wamgalela entloko, wamanga, wathi, Inene, uYehova ukuthambisile ukuba ube yinganga yelifa lakhe.2Ekumkeni kwakho kum namhla, uya kufumana amadoda amabini ngasengcwabeni likaRakeli, emdeni wakwaBhenjamin, eTseletsa; aya kuthi kuwe, Zifunyenwe iimazi zamaesile obuye kuzifuna. Yabona, ukuyekile uyihlo ukuthetha ngeemazi zamaesile ezo; unesithukuthezi ngani, esithi, Ndiya kuthini na ngonyana wam.3Ugqithile apho, woqhubela phambili, ufike kumoki weTabhore, uhlangane khona namadoda amathathu enyuka esiya kuThixo eBheteli, enye ithwele amatakane amathathu, enye ithwele iintenda zezonka ezithathu, enye ithwele intsuba yewayini.4Okubuza ukuphila kwakho, akunike izonka ezibini; uzithabathe ezandleni zawo.5Emveni koko uya kufika eGibheha kaThixo, apho kukhoyo ikampu yamaFilisti; kuthi, xa ufikileyo emzini apho, uthane nqiphu negqiza labaprofeti, lisihla livela esigangeni, phambi kwalo ingumrhubhe, nengqongqo, nogwali, nohadi, beprofeta.6UMoya kaThixo wokufikela ngamandla, uprofete ndawonye nabo, uguquke ube mntu wumbi.7Kothi, xa ithe yafika kuwe loo miqondiso, uzenzele njengoko siya kufumana ngako isandla sakho; ngokuba uThixo unawe;8uhle uye phambi kwam eGiligali. Yabona, ndiyehla, ndiza kuwe, ukuze ndinyuse amadini anyukayo, ndibingelele imibingelelo yoxolo. Wolinda imihla esixhenxe ndide ndize kuwe, ndikwazise oko uya kukwenza.9Wathi uSawule, akuthi khwitshi ukuba emke kuSamuweli, uThixo wamguqula, wanantliziyo yimbi. Yafika yonke loo miqondiso kwangayo loo mini.10Bafika eGibheha apho, nalo igqiza labaprofeti limkhawulela; wamfikela ngamandla uMoya kaThixo, waprofeta phakathi kwabo.11Kwathi, bakumbona bonke ababemazi ngaphambili, eprofeta ndawonye nabaprofeti, bathi abantu omnye komnye, Uhliwe yintoni na unyana kaKishe? Ukubaprofeti noSawule na?12Waphendula umntu wakhona, wathi, Ngubani na uyise wabo? Ngenxa yoko kwabakho umzekeliso wokuthi, Ukubaprofeti noSawule na?13Wagqiba ukuprofeta, waya esigangeni.14Wathi uyisekazi kaSawule kuye, nakumfana lowo, Beniye phi na? Wathi, Besifuna iimazi zamaesile; sakubona ukuba asizifumani, saya kuSamuweli.15Wathi uyisekazi kaSawule, Khawundixelele ukuba utheni na uSamuweli kuni.16Wathi uSawule kuyisekazi, Usixelele ukuba zifunyenwe iimazi zamaesile. Ke ngobukumkani, abethethe ngabo uSamuweli, akamxelelanga nto.17Ke kaloku uSamuweli wabahlabela umkhosi abantu;18beza kuYehova eMizpa. Wathi koonyana bakaSirayeli, Utsho uYehova, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Ndawanyusa mna amaSirayeli eYiputa, ndanihlangula esandleni samaYiputa, nasesandleni sezikumkani zonke ezanixinayo.19Namhla ke nimcekisile nina uThixo wenu, owanisindisayo ebubini benu bonke, nasekubandezelweni konke, nathi kuye, Simisele ukumkani phezu kwethu. Kaloku ke zimiseni phambi koYehova ngokwezizwe zenu, nangokwamawaka enu.20Wazisondeza ke uSamuweli zonke izizwe zakwaSirayeli, kwathatyathwa isizwe sakwaBhenjamin.21Wasisondeza isizwe sakwaBhenjamin ngokwemizalwane yaso, kwathatyathwa umzalwane wakwaMatri, kwathatyathwa ke uSawule unyana kaKishe. Bamfuna, abamfumana.22Babuya babuza kuYehova, bathi, Uselefikile na umntu? Wathi uYehova, Nanko ezimele yena phantsi kwempahla.23Babaleka, bamthabatha apho. Wema phakathi kwabantu, wamde kubantu bonke, ethabathela emagxeni anyuse.24Wathi uSamuweli kubantu bonke, Niyambona na lo unyuliweyo nguYehova; ukuba akukho unjengaye ebantwini bonke? Baduma bonke abantu, bathi, Makadle ubomi ukumkani!25USamuweli walithetha ebantwini isiko lobukumkani, walibhala encwadini, wayibeka phambi koYehova. USamuweli wabandulula abantu bonke; baya elowo endlwini yakhe.26Naye uSawule waya endlwini yakhe eGibheha; lahamba naye iqela elinobukroti, elintliziyo zichukunyisiweyo nguThixo.27Ke bona abangamatshijolo bathi, wothini na ukusisindisa lo? Bamdela; abamzisela mnikelo. Yena wanga akeva.