1Kuba nikwazi ngokwenu, bazalwana, ukuba ukungena kwethu kuni akulambathanga;2sesuka, nakuba besive ubunzima ngenxa engaphambili, siphethwe kakubi eFilipi, njengoko naziyo, asafihlisa, sikuye uThixo wethu, ukuzithetha kuni iindaba ezilungileyo zikaThixo, sinomzamo omkhulu.3Kuba uvuselelo lwethu aluphumi kulahlekiseni, lungaphumi nasekungcoleni, lungekhona nasenkohlisweni.4Sithi, njengoko sicikidiweyo nguThixo, ukuba siphathiswe iindaba ezilungileyo, senjenjalo ukuthetha; singangi sikholisa abantu, kuba sikholisa uThixo ozicikidayo iintliziyo zethu.5Kuba kananjalo, njengoko naziyo, asizanga sibe nantetho yakucengacenga, namkhusane wakubawa, uThixo ulingqina;6singafuni nokufuna luzuko bantwini, nokuba kukuni, nokuba kukwabanye; nakuba besinokuba ngumthwalo ngokwabapostile bakaKristu.7Thina ke sisuke sathantamisa phakathi kwenu njengomdlezana osukuba ebagcinile abakhe abantwana;8ngokunjalo sinilangazelela nje, kwakholeka kuthi ukuba singaneli kunabela iindaba ezilungileyo zikaThixo nje kodwa, sinabele nobomi bethu, ngenxa enokuba naba ziintanda kuthi.9Kuba niyakukhumbula, bazalwana, ukubulaleka kwethu nemigu yethu; kuba sazivakalisa kuni iindaba ezilungileyo zikaThixo, sisebenza ubusuku nemini, ukuze singabi mthwalo nakubani kuni.10Ningamangqina nina kwanoThixo, ukuba saba njani na ukuba ngcwele, nokuba nobulungisa, nokungabi nakusoleka kuni bakholwayo;11kwanjengoko naziyo nonke ngabanye, ukuba besixelisa uyise kubantwana bakhe, siniyala, sinikhuza, siniqononondisa,12ukuba nihambe ngokumfaneleyo uThixo, onibizelayo kobakhe ubukumkani nobuqaqawuli.13Ngenxa yoko, nathi siyabulela kuye uThixo singayeki, okokuba nathi, ukulamkela ilizwi likaThixo lodaba kuthi, analamkela lililizwi labantu; nalamkela, njengokuba kunjalo okwenyaniso, lililizwi likaThixo elisebenzayo nokusebenza kuni bakholwayo.14Kuba nina, bazalwana, naba ngabaxelisa amabandla kaThixo akwelakwaYuda, akuKristu Yesu; ngokuba neva kwaobo bunzima nani ngabesizwe sakowenu, babuvayo nabo ngokwabo kuwe amaYuda;15wona ayibulalayo iNkosi uYesu kwanabawo abaprofeti, asitshutshisa nathi, engamkholosi uThixo, echasene nabantu bonke;16esalela thina ukuba sithethe kuzo iintlanga, ukuze zisindiswe, esenzela ukuba azalise izono zawo ngamaxesha onke. Iwafikele ke ingqumbo, kwada kwasekupheleni.17Thina ke, bazalwana, sanihluthwayo nje ixesha elifutshane ngesiqu, kungengantliziyo, sakhuthalela ngokugqithiseleyo ukububona ubuso benu, sinqwena kakhulu.18Kungoko sathandayo ukuza kuni, mna Pawulos lo, kwakanye nakabini; wesuka uSathana wasibambezela.19Kuba liyintoni na ithemba lethu, novuyo lwethu, nesithsaba sethu soqhayiso? Asinini aba na, phambi kweNkosi yethu uYesu Kristu ekufikeni kwayo?20Inene, nini uzuko novuyo lwethu.