Xhosa

2 Chronicles

20

1Kwathi emveni koko, oonyana bakaMowabhi noonyana baka-Amon, benamaMahun, beza kulwa noYehoshafati.2Beza bamxelela uYehoshafati, bathi, Kuza kuwe ingxokolo eninzi, evela phesheya kolwandle kwa-Aram; nantso eHatsetson-tamare, eyiEngedi.3Woyika uYehoshafati, wazinikela ngokwakhe ekumquqeleni uYehova, wathi makuzilwe ukudla ngamaYuda onke.4Ahlanganisana ke amaYuda, efuna uncedo kuYehova; nasemizini yonke yakwaYuda baphuma bequqela uYehova.5Wema uYehoshafati ebandleni lakwaYuda nelaseYerusalem, endlwini kaYehova, phambi kwentendelezo entsha,6wathi, Yehova, Thixo woobawo, asinguwe na onguThixo emazulwini? Asinguwe na umlawuli ezikumkanini zonke zeentlanga? Akasesandleni sakho na amandla nobugorha, ukuba kungabikho unokumelana nawe?7Asinguwe na uThixo wethu, owabagqogqayo abemi beli lizwe phambi kwabantu bakho amaSirayeli, waza walinika imbewu ka-Abraham okuthandayo, ngonaphakade?8Bahlala kulo, bakwakhela kulo indawo engcwele ngenxa yegama lakho, besithi,9Ukuba sithe safikelwa bububi, nalikrele, nangumgwebo, nayindyikitya yokufa, nayindlala, sema phambi kwale ndlu, naphambi kwakho (ngokuba likule ndlu igama lakho), sakhala kuwe ekubandezelekeni kwethu, wosiva usindise.10Yabona ke naba oonyana baka-Amon, nabakaMowabhi, nabasentabeni yakwaSehire, owawungavumanga ukuba amaSirayeli abangenele ekuphumeni kwawo ezweni laseYiputa; ngokuba abayeka, akabatshabalalisa;11naba ke besibuyekeza ngokuza kusigxotha elifeni lakho, owasinikayo ukuba silidle.12Thixo wethu, akuyi kubagweba na? Ngokuba asinamandla okumelana nale ngxokolo ininzi isizelayo; thina asazi ukuba sothini na, kodwa amehlo ethu akuwe.13Ema ke onke amaYuda phambi koYehova, neentsana zawo, nabafazi bawo, noonyana bawo.14UYahaziyeli, unyana kaZekariya, unyana kaBhenaya, unyana kaYehiyeli, unyana kaMataniya, umLevi wakoonyana baka-Asafu, wafikelwa nguMoya kaYehova ephakathi kwebandla elo;15wathi, Bazani iindlebe, nonke maYuda, nani bemi baseYerusalem, nawe kumkani Yehoshafati. Utsho uYehova ukuthi kuni, Musani ukoyika, musani ukuqhiphuka umbilini ngenxa yale ngxokolo inje ukuba ninzi; ngokuba imfazwe le asiyeyenu, yekaThixo.16Yihlani ngomso niye kulwa nabo; nabo benyuka ngeqhina leTsitsi; nobafumana ekupheleni kwesihlambo, phambi kwentlango yaseYeruweli.17Le yanamhla asiyeyenu; zimiseni nime, nilubone usindiso lukaYehova onani, maYuda neYerusalem. Musani ukoyika, musani ukuqhiphuka umbilini. Phumani ngomso nibahlangabeze; uYehova unani.18Wathoba uYehoshafati, ebubhekise ubuso emhlabeni; namaYuda onke nabemi baseYerusalem bawa phambi koYehova, bamnqula uYehova.19Basuka bema abaLevi, bakoonyana bakaKehati, nabakoonyana bamaKora, ukuba badumise uYehova, uThixo kaSirayeli, ngezwi elikhulu kunene.20Bavuka kusasa ngengomso, baphuma baya entlango yeTekowa. Ekuphumeni kwabo wema uYehoshafati, wathi, Ndiphulaphuleni, nina maYuda, nani bemi baseYerusalem. Kholwani kuYehova uThixo wenu, nozimaseka; kholwani kubaprofeti bakhe, noba nempumelelo.21Uthe akucebisana nabantu, wamisa iimvumi zikaYehova zokudumisa, zivethe ezingcwele, eziya kuphuma zihambe phambi kwabaxhobileyo, zisithi, bulelani kuYehova, ngokuba ingunaphakade inceba yakhe.22Bathe bakuqala ukumemelela nokudumisa, uYehova wabafikisela abalaleli oonyana baka-Amon, nabakaMowabhi, nabasentabeni yakwaSehire, ababeze kumaYuda; babulawa.23Ngokuba oonyana baka-Amon nabakaMowabhi besuka balwa nabemi bentaba yakwaSehire, ukuba babasingele phantsi, babatshabalalise. Bakubagqiba abemi bakwaSehire, babulalana kwabodwa.24Afika amaYuda emboniselweni yasentlango, akhangela kuloo ngxokolo, abona bezizidumbu, bequngquluzile emhlabeni, kungekho usindileyo.25UYehoshafati nabantu bakhe beza kuphanga amaxhoba; bafumana kubo into eninzi: impahla, nezidumbu, nezinto ezinqwenelekayo; baziphangela, kwayinkohla ukuyithwala. Baba ntsuku ntathu bewaphanga amaxhoba, ngokuba abemaninzi.26Ngomhla wesine bahlanganisana eNtilini yokuBonga; kuba bambonga khona uYehova; ngenxa yoko bathi igama lale ndawo yiNtili yokuBonga, unanamhla.27Abuya onke amadoda akwaYuda nawaseYerusalem, uYehoshafati esentloko kuwo, ukuze abuye aye eYerusalem, enovuyo; ngokuba uYehova wenza ukuba azivuyelele iintshaba zawo.28Angena eYerusalem enemirhubhe, neehadi, namaxilongo, aya endlwini kaYehova.29Ukoyikwa kukaYehova kwazifikela zonke izikumkani zamazwe, zakuva ukuba uYehova ulwile neentshaba zakwaSirayeli.30Bazola ke ubukumkani bukaYehoshafati; uThixo wakhe wamphumza ngeenxa zonke.31UYehoshafati waye engukumkani kwaYuda; ubeminyaka imashumi mathathu anamihlanu ezelwe, ukuba ngukumkani kwakhe; aba neminyaka emashumi mabini anamihlanu engukumkani eYerusalem. Igama lonina lalinguAzubha, intombi kaShilehi.32Wahamba ngendlela kayise uAsa, akatyeka kuyo; wenza okuthe tye emehlweni kaYehova.33Kodwa iziganga abazisusanga; abantu babengekazibhekisi iintliziyo zabo kuThixo wooyise.34Ezinye izinto zikaYehoshafati, ezokuqala nezokugqibela, nanzo zibhaliwe emicimbini kaYehu unyana kaHanani, eyafakwa encwadini yookumkani bakwaSirayeli.35Emveni koko uYehoshafati ukumkani wakwaYuda wazimanya noAhaziya ukumkani wakwaSirayeli, lowo wenzayo okungendawo.36Wazimanya naye ngokwenza iinqanawa zokuya eTarshishe; bazenza iinqanawa e-Etsiyon-gebhere.37Waprofeta uEliyezere, unyana kaDodavahu waseMaresha, ngoYehoshafati, esithi, Ngokudibana kwakho noAhaziya, uyaphule uYehova imisebenzi yakho. Zaphuka ke iinqanawa ezo, azaba nakuya eTarshishe.