Xhosa

2 Chronicles

8

1Kwathi ekupheleni kweminyaka emashumi mabini, abesakhe ngayo uSolomon indlu kaYehova neyakhe indlu,2imizi uHiram abeyinike uSolomon wayakha uSolomon, wababeka khona oonyana bakaSirayeli.3Waya uSolomon eHamati-tsobha, wayeyisa.4Wakha iTademore entlango, nemizi yonke engoovimba, awayakhayo eHamati.5Wakha neBhete-horon engasentla neBhete-horon engasezantsi, imizi enqatyisiweyo leyo, ineendonga neengcango nemivalo;6neBhahalati, nemizi yonke engoovimba abenayo uSolomon, nemizi yonke yeenqwelo zokulwa, nemizi yabamahashe, nokulangazelela konke kukaSolomon, awakulangazelelayo ukwakha eYerusalem, naseLebhanon, nasezweni lonke lolawulo lwakhe.7Bonke abantu abaseleyo kumaHeti, nama-Amori, namaPerizi, namaHivi, namaYebhusi, ababe bengengabakwaSirayeli;8koonyana babo abasala emva kwabo ezweni, abo babengagqitywanga ngoonyana bakaSirayeli, uSolomon wabanyula ukuba bafakwe uviko, unanamhla.9Koonyana bakaSirayeli uSolomon akenzanga makhoboka omsebenzi wakhe; ngokuba babengamadoda okulwa, nabathetheli bakhe, nababusi bakhe, nabathetheli beenqwelo zakhe zokulwa, nabamahashe bakhe.10Abo bathetheli babengabongameli awayenabo ukumkani uSolomon; bebengamakhulu amabini anamanci mahlanu, ababenobukhosi ebantwini.11Ke kaloku uSolomon wayinyusa intombi kaFaro emzini kaDavide, wayisa endlwini abeyakhele; ngokuba ubesithi, Akayi kuhlala umfazi wam endlwini kaDavide, ukumkani wamaSirayeli; ngokuba kungcwele, apho kungene khona ityeya kaYehova.12Waza uSolomon wanyusa amadini anyukayo kuYehova esibingelelweni sikaYehova, abesakhele phambi kwevaranda;13ukuba kunyuswe into yemini ngangemini yayo ngokomthetho kaMoses, ngeesabatha, nasekuthwaseni kwenyanga, nangamaxesha amisiweyo, izihlandlo ezithathu ngomnyaka, emthendelekweni wezonka ezingenagwele, nasemthendelekweni weeveki, nasemthendelekweni weminquba.14Wawamisa ngokwesiko likaDavide uyise amaqela ababingeleli enkonzweni yawo; nabaLevi wabamisela ezigxineni zabo, ukuba badumise, balungiselele phambi kwababingeleli ngokwento yemini ngemini yayo, nabamasango ngokwamaqela abo kwisango ngesango; ngokuba ubunjalo umthetho kaDavide, umfo wakwaThixo.15Abatyeka emthethweni wokumkani kubabingeleli nakubaLevi ngemicimbi yonke nangobuncwane.16Walungiswa ke wonke umsebenzi kaSolomon, kwada kwayiloo mini yasekwa ngayo indlu kaYehova, kwasa nasekugqityweni kwayo; yafezwa indlu kaYehova.17Waza uSolomon waya e-Etsiyon-gebhere, nase-Eloti, elunxwemeni lolwandle ezweni lakwaEdom.18UHiram wathumela kuye ngabakhonzi bakhe iinqanawa, nabakhonzi ababelwazi ulwandle; baya kunye nabakhonzi bakaSolomon eOfire, bathabatha khona amakhulu amane anamanci mahlanu eetalente zegolide, bayizisa kukumkani uSolomon.