1Ke kaloku ndiyaniyala ngabo ubulali nokuthantamisa kukaKristu, mna Pawulos ngokwam, ndingothobekileyo kambe ngembonakalo, xa ndiphakathi kwenu, kodwa ndakuba ndingekho ndiba nobugagu kuni:2ndiyakhunga ke, ukuze ndingathi, ndakuba ndikho, ndibe nobugagu ngoko kukholosa, ndiba ndoba nobuganga ngako kubo abathile, ababa sihamba ngokwenyama.3Kuba noko sihamba sisenyameni, asiphumi mkhosi ngokwenyama;4kuba zona iintonga esiphuma ngazo umkhosi, azizezenyama; kuye uThixo zinamandla okuwisa iinqaba;5siwisa ngazo nje amabhongo, nayo yonke into ephakamileyo, eziphakamisayo ngokuchasa ukwazi uThixo; iingqiqo zonke sizithimbela ekumlulameleni uKristu;6sizilungisele ukuphindezela konke ukungamlulameli, xa kuthe kwazaliseka okwenu ukumlulamela.7Izinto nizikhangela ngokwembonakalo na? Ukuba umntu ukholose ngokuthi ungokaKristu, makabuye acinge oku ngokwakhe, ukuba njengokuba engokaKristu yena, ngokunjalo singabakaKristu nathi.8Kuba, naxa bendingathi ndigqithisele ukuqhayisa ngalo igunya lethu, esalinikwayo yiNkosi ukuba sinakhe, singanichithi, bendingedaniyo;9nditsho ukuze ndingangi ndifuna ukunoyikisa ngazo iincwadi ezi;10ngokuba kuthiwa, Iincwadi ezi zakhe okunene zinzima, zinamandla; kodwa ke akubakho ngenkqu akanamandla, nokuthetha kwakhe akunto yanto.11Onjalo ke makacinge le nto: njengoko sinjalo ngako ukuthetha ngeencwadi, sakuba singekho, sikwanjalo ngawo umsebenzi, sakuba sikho.12Kuba asinabuganga bakuzibalela nakuzifanisa nabo abathile abaziyalezayo; bona abanangqondo, bezilinganisela nje kwakubo ngokwabo, bezifanisa nje nabo ngokwabo.13Ke thina asisayi kuqhayisa sigqithise emlinganiselweni; soqhayisa ngokomlingani selo womda esiwabelwe nguThixo, ukuba ube ngumlinganiselo oya kufikelela nakuni.14Kuba asizoluli ngokugqithiseleyo, ngathi asifikeleli kuni; kuba sesafikelelayo nakuni sineendaba ezilungileyo zikaKristu.15Asiqhayisi sigqithise emlinganiselweni ngokubulaleka kwabanye; ke sinethemba, ukuba lwakukhula ukholo lwenu, siya kwenziwa bakhulu phakathi kwenu ngokomda wethu, sigqithisele,16side sizishumayele iindaba ezilungileyo ezindaweni ezingaphaya kwenu; singaqhayisi ngesilinganiselo somnye, ngezinto ke esezilungisiwe.17Oqhayisayo ke, makaqhayise ngeNkosi.18Kuba oyena ucikidekileyo asingoziyalezayo, ngoyalezwa yiNkosi.