Xhosa

2 Corinthians

6

1Sisebenzisana naye nje ke, siyaniyala, ukuba ubabalo lukaThixo ningafumane nilwamkele;2kuba uthi, Ndakuva ngexesha elamkelekileyo, Ndakusiza ngomhla wosindiso. Yabonani, lingoku ixesha elamkeleke kakuhle; yabonani, ungoku umhla wosindiso:3kungabikho namnye esimmisela isikhubekiso, nokuba kukuwuphi na umcimbi, ukuze ulungiselelo lwethu lungabi nakubekwa bala;4sisuka sithi emicimbini yonke siziqondakalise ngokwabalungiseleli bakaThixo, ngokunyamezela okukhulu, sisezimbandezelweni, sisezingxakekweni, sisezingxinanweni,5sinemivumbo, sisezintolongweni, siseziphithiphithini, sibulaleka, singalali, sizila ukudla,6sinobunyulu, sinokwazi, sinokuzeka kade umsindo, sinobubele, sinoMoya oyiNgcwele, sinothando olungahanahanisiyo,7sinelizwi lenyaniso, sinamandla kaThixo, sineentonga zobulungisa zasekunene nezasekhohlo,8sikuzuko nakwintswela-mbeko, sikudumo olubi nakudumo oluhle;9ngathi singabalahlekisi, ukanti singabenyaniso; ngathi singabangaziwayo, ukanti singabaziwayo; ngathi singabafileyo, nanku Sisidla ubomi; ngathi singababethwayo, singabulawa noko;10ngathi sibuhlungu, ukanti singabahlala bevuya; ngathi singamahlwempu, ukanti singabatyebisa abaninzi ke; ngathi singabangenanto, ukanti singabahlala benezinto zonke.11Umlomo wethu uvulekile kuni, baseKorinte; intliziyo yethu yenziwe yabanzi.12Anixinene kuthi, nixinene ezimfesaneni zenu.13Umbuyekezo ke onjalo (ndithetha njengakubantwana bam), ndithi yibani banzi nani.14Musani ukunxulumana nabolunye uhlobo, abangakholwayo ke; kuba kunakwabelana kuni na ubulungisa nokuchasa umthetho? Kunabudlelane buni na ke ukukhanya nobumnyama?15Unakuvumelana kuni na ke uKristu noBheliyali? Unasahlulelwano sini na okholwayo nongakholwayo?16Inakudibana kuni na ke itempile kaThixo nezithixo? Kuba nina niyitempile kaThixo ophilileyo; njengokuba watshoyo uThixo ukuthi, Ndiya kuhlala phakathi kwabo, ndihambe phakathi kwabo; ndibe nguThixo wabo, babe ngabantu bam bona.17Kungoko ndithi, Phumani phakathi kwabo, nizahlule, itsho iNkosi, Nento engcolileyo ningayichukumisi; Ndandiya kunamkela,18Ndibe nguyihlo, Nina nibe ngoonyana neentombi kum; Itsho iNkosi uSomandla.