Xhosa

2 Kings

20

1Ngaloo mihla wayesifa uHezekiya, eza kufa. Waya umprofeti uIsaya, unyana ka-Amotse, wathi kuye, Utsho uYehova ukuthi, Yolela; ngokuba uya kufa wena, akuyi kuphila.2Wabubhekisa eludongeni ubuso bakhe, wathandaza kuYehova, esithi,3Khawukhumbule, ndiyakukhunga, Yehova, okokuba ndihambe phambi kwakho ngokunyanisa nangentliziyo ephelelisileyo, ndakwenza okulungileyo emehlweni akho. Wasitsho uHezekiya isililo esikhulu.4Kwathi, uIsaya engekaphumi kophakathi umzi, lafika ilizwi likaYehova kuye, lisithi,5Buya uye kuthi kuHezekiya, inganga yabantu bam, Utsho uYehova, uThixo kaDavide uyihlo, ukuthi, Ndiwuvile umthandazo wakho, ndizibonile iinyembezi zakho; uyabona, ndiya kukuphilisa; ngomhla wesithathu uya kunyuka uye endlwini kaYehova;6ndongeze kwimihla yakho ishumi elinesihlanu leminyaka; ndikuhlangule wena nalo mzi esandleni sokumkani waseAsiriya, ndiwukhusele lo mzi ngenxa yam, nangenxa kaDavide umkhonzi wam.7Wathi uIsaya, Thabathani isicumba samakhiwane; basithabatha ke, babeka ethumbeni, waphila.8Wathi uHezekiya kuIsaya, Uyintoni na umqondiso wokuba uYehova uya kundiphilisa, ndinyuke ndiye endlwini kaYehova ngomhla wesithathu?9Wathi uIsaya, Nangu ke umqondiso kuwe, uphuma kuYehova, wokuba uya kulenza uYehova ilizwi alithethileyo: Isithunzi sihambe na izinyuko ezilishumi, sibuye na izinyuko ezilishumi?10Wathi uHezekiya, Kulula kwisithunzi ukoluka izinyuko ezilishumi; hayi, isithunzi masibuye umva izinyuko ezilishumi.11UIsaya umprofeti wamnqula uYehova, wasibuyisa umva isithunzi izinyuko zalishumi, esasihle zona esinyukweni sika-Ahazi.12Ngelo xesha uBherodaki-bhaladan unyana kaBhaladan, ukumkani waseBhabheli, wathumela incwadi nomnikelo kuHezekiya; ngokuba ubevile ukuba uHezekiya ubesifa.13Wabeva uHezekiya, wababonisa yonke indlu yakhe yengqwebo: isilivere, negolide, nobulawu, neoli entle, nendlu yonke yeentonga zakhe, nento yonke eyayikho ebuncwaneni bakhe. Akwabakho nto endlwini yakhe, nasekulawuleni kwakhe konke, angababonisanga yona uHezekiya.14Waya uIsaya umprofeti kukumkani uHezekiya, wathi kuye, Atheni na la madoda? Abevela ngaphi na ukuza kuwe? Wathi uHezekiya, Abevela ezweni elikude eBhabheli.15Wathi, Abone ntoni na endlwini yakho? Wathi uHezekiya, Abone into yonke esendlwini yam; akubangakho nto ndingababonisanga yona ebuncwaneni bam.16Wathi uIsaya kuHezekiya, Live ilizwi likaYehova.17Uyabona, kuza imihla eya kuthi yonke into esendlwini yakho, nento abayiqwebayo ooyihlo kwada kwayile mini, ithwalelwe eBhabheli, kungasali nto, utsho uYehova;18bathabathe nakoonyana bakho abaya kuphuma kuwe, oya kubazala, babe ngababusi ebhotweni lokumkani waseBhabheli.19Wathi uHezekiya kuIsaya, Lilungile ilizwi likaYehova olithethileyo. Wathi, Akunjalo na ukuba kuya kubakho ukuxola nokunyanisa ngeyam imihla?20Ezinye izinto zikaHezekiya, nobugorha bakhe bonke, nokwenza kwakhe ichibi nomjelo, nokuwangenisa kwakhe amanzi kuwo umzi, azibhalwanga na encwadini yemicimbi yemihla yookumkani bakwaYuda?21Walala uHezekiya kooyise; uManase, unyana wakhe, waba ngukumkani esikhundleni sakhe.