Xhosa

2 Kings

7

1Wathi uElisha, Liveni ilizwi likaYehova. Utsho uYehova ukuthi, Eli xa ngomso iseha yomgubo ocoliweyo yoba yishekele, neeseha zombini zerhasi zoba yishekele esangweni lakwaSamari.2Wamphendula umfo wakwaThixo umphathi-mkhosi, abesayama esandleni sakhe ukumkani, wathi, Yabona, khona ukuba uYehova wenze iifestile ezulwini, ingabakho na loo nto? Wathi yena, Khangela, uya kuyibona loo nto ngamehlo akho, ungadli kuyo.3Ke kaloku kwakukho amadoda amane aneqhenqa ngaphandle kwesango. Yathi enye kwenye, Sihlaleleni na apha, side sife?4Ukuba sithe, masingene kulo mzi, kukho indlala kuwo umzi lo, siya kufa khona; ukuba sithe sahlala apha, siya kufa. Kaloku ke masihambe, sizilahlele emkhosini wama-Aram. Ukuba athe asisindisa, sodla ubomi; ukuba athe asibulala, hayi ke, siya kufa.5Asuka ngongcwalazi, aya eminqubeni yama-Aram, ada afika ekupheleni kweminquba yama-Aram. Yini le? Kusenxiweni.6Kuba iNkosi yayiwenze umkhosi wama-Aram ukuba uve isandi seenqwelo zokulwa, isandi samahashe, nesandi sempi enkulu. Bathi omnye komnye, Niyabona, ukumkani wamaSirayeli usiqeshele ookumkani bamaHeti nookumkani bamaYiputa, ukuba basiwele.7Besuka ke, basaba ngongcwalazi, bazishiya iintente zabo, namahashe abo, namaesile abo eminqubeni, injengoko ibinjalo; basabisa ubomi babo.8Afika ke loo madoda aneqhenqa ekupheleni kweminquba, angena kwenye intente, adla, asela, athabatha apho isilivere negolide neengubo, aya kuziqhusheka; abuya, angena kwenye intente, athabatha nakhona, aya kuqhusheka.9Yathi enye kwenye, Asilungisi; le mini yimini yeendaba ezilungileyo, sithe cwaka nje; ukuba silinde kwada kwasa, siya kuzeka ityala. Hambani ke ngoko, siye sixele endlweni yokumkani.10Afika, abiza umlindi wesango lomzi, amxelela, athi, Sifike eminqubeni yama-Aram, nanko kungekho mntu khona, nazwi lamntu, kuphela ingamahashe abotshelelweyo namaesile abotshelelweyo, neentente zinjengoko bezinjalo.11Bamemeza abalindi-masango omzi; baxelela indlu yokumkani ngaphakathi.12Wavuka ukumkani ebusuku, wathi kubakhonzi bakhe, Makhe ndinixelele into ayenzileyo kuthi ama-Aram. Ayazi ukuba silambile; aphumile eminqubeni, aya kuzimela endle, esithi, Bothi bakuphuma kuwo umzi, sibabambe behleli, singene kuwo umzi.13Waphendula omnye wakubakhonzi bakhe, wathi, Makhe kuthatyathwe abe mahlanu kumahashe aseleyo, la aseleyo phakathi komzi (yabona, anjengengxokolo yonke yamaSirayeli eseleyo kuwo; yabona, anjengengxokolo yonke yakwaSirayeli ephelileyo), siwathume sibone.14Kwathatyathwa iinqwelo ezimbini zokulwa ezinamahashe, waphuthumisa ukumkani emva komkhosi wama-Aram, wathi, Hambani niye kubona.15Bawaphuthuma, bada baya eYordan; nantso indlela yonke izele ziingubo neempahla, abezilahlile ama-Aram ekubalekeni kwawo buphuthuphuthu. Babuya abathunywa abo, bamxelela ukumkani.16Baphuma ke abantu, bayiphanga iminquba yama-Aram. Yathi iseha yomgubo ocoliweyo yayeyeshekele, iiseha ezimbini zerhasi zazezeshekele, ngokwelizwi likaYehova.17Ukumkani wamphathisa isango umphathi-mkhosi abesayama esandleni sakhe. Bamnyathela abantu esangweni, wafa, njengoko wakuthethayo umfo wakwaThixo, owathetha ekuhleni kokumkani, esiza kuye.18Kwenzeka ke njengoko wakuthethayo umfo wakwaThixo kukumkani, esithi, Iiseha ezimbini zerhasi zoba zezeshekele, iseha yomgubo ocoliweyo yoba yeyeshekele, eli xa ngomso, esangweni lakwaSamari;19ukuze amphendule umphathi-mkhosi lowo umfo wakwaThixo, esithi, Yabona, khona ukuba uYehova wenze iifestile ezulwini, ingabakho na loo nto? Ukuze athi ke yena, Khangela, uya kuyibona ngamehlo akho, ungadli kuyo.20Kwaba njalo ke kuye; bamnyathela abantu esangweni, wafa.