1Kwathi emveni koko, wabuza uDavide kuYehova, esithi, Ndinyuke na ndiye emzini wakwaYuda? Wathi uYehova kuye, Nyuka. Wathi uDavide, Ndinyuke ndiye phi na? Wathi yena, EHebron.2Wenyuka ke waya khona uDavide, nabafazi bakhe bobabini, uAhinowam waseYizereli, noAbhigali, umkaNabhali, waseKarmele.3Namadoda akhe abenawo wawanyusa uDavide, yayileyo nendlu yayo, ahlala emizini yaseHebron.4Eza amadoda akwaYuda, amthambisa khona apho uDavide ukuba abe ngukumkani kwindlu yakwaYuda. Kwaxelwa kuDavide, kusithiwa, Amadoda aseYabheshe yaseGiliyadi, ngawo awamngcwabayo uSawule.5UDavide wathumela ke abathunywa kumadoda aseYabheshe yaseGiliyadi, wathi kuwo, Manisikelelwe nguYehova nina, nayenzelayo inkosi yenu uSawule loo nceba, nayingcwaba.6Ngoko uYehova makanenzele inceba nenyaniso; nam ndiya kunenzela oko kulungileyo, ngokuba nayenzayo loo nto.7Ke kaloku mazomelele izandla zenu, nibe ngamadoda anobukroti; ngokuba ifile inkosi yenu uSawule. Kananjalo indithambisile indlu yakwaYuda ukuba ndibe ngukumkani wayo.8Ke kaloku uAbhinere unyana kaNere, umthetheli womkhosi obungokaSawule, ebethabathe uIshbhoshete, unyana kaSawule, wamwezela eMahanayim,9wamenza ukumkani eGiliyadi, nakuma-Askure, naseYizereli, nakwaEfrayim, nakwaBhenjamin, nakumaSirayeli onke.10UIshbhoshete, unyana kaSawule, ebeminyaka imashumi mane ezelwe, ekwenziweni kwakhe ukumkani kumaSirayeli, wangukumkani iminyaka emibini. Kodwa indlu yakwaYuda yalandela uDavide.11Inani lemihla uDavide abengukumkani kwindlu yakwaYuda eHebron, libe liyiminyaka esixhenxe eneenyanga ezintandathu.12Waphuma uAbhinere unyana kaNere, nabakhonzi bakaIshbhoshete, unyana kaSawule, eMahanayim, baya eGibheyon.13Baphuma uYowabhi unyana kaTseruya, nabakhonzi bakaDavide, baqubisana nabo echibini laseGibheyon. Bahlala aba echibini ngapha, bahlala abaya echibini ngaphaya.14Wathi uAbhinere kuYowabhi, Amadodana makakhe asuke adlale phambi kwethu. Wathi uYowabhi, Makasuke.15Kwesuka kwawela amanani: ishumi elinamabini lakwaBhenjamin, lakwaIshbhoshete unyana kaSawule, neshumi elinamabini kubakhonzi bakaDavide.16Yaba ngulowo wabamba ummelwane wakhe ngentloko, nekrele lakhe lela ecaleni lowabo; bawa kunye ndaweni-nye. Kwathiwa ke le ndawo yiHelekati-hatsurim eseGibheyon.17Kwaliwa kakhulu ngaloo mini. Wagxothwa uAbhinere namadoda akwaSirayeli phambi kwabakhonzi bakaDavide.18Babelapho bobathathu oonyana bakaTseruya: uYowabhi, noAbhishayi, noAsaheli. Ke uAsaheli waye enamendu, enjengebhadi lasendle.19UAsaheli wamsukela uAbhinere; akathi gu bucala aye ngasekunene nangasekhohlo emva koAbhinere.20Wabheka uAbhinere, wathi, UnguAsaheli na? Wathi yena, Ndinguye.21Wathi uAbhinere kuye, Tyekela ngasekunene kwakho, nokuba kungasekhohlo kwakho, ubambe enye kumadodana, uzithabathele isikrweqe sayo.22Ke uAsaheli akavuma ukutyeka ekumlandeleni. Wabuya waphinda wathi uAbhinere kuAsaheli, Tyeka ekundilandeleni; yini na ukuba ndide ndikubethe, uwe emhlabeni? Ndothini na ukubuphakamisa ubuso bam kuYowabhi, umkhuluwa wakho? Akavuma ukutyeka.23UAbhinere wamtsho ngoluthi lwentshuntshe esiswini; yaya kuphuma intshuntshe ngasemva. Wawa khona, wafela kuloo ndawo. Bathi bonke abafika kuloo ndawo wawa wafela kuyo uAsaheli, bee nqumama.24OoYowabhi noAbhishayi bamsukela bamlandela uAbhinere, lada latshona ilanga; bada bafika edulini yeAma, ekhangelene neGiya, endleleni yentlango yeGibheyon.25Bahlanganisana oonyana bakaBhenjamin, bamlandela uAbhinere, bambumba-nye, bema encotsheni yanduli-nye.26Wamemeza uAbhinere kuYowabhi, wathi, Liya kumana ukudla na ikrele? Akwazi na ukuba kuya kuba krakra kamva? Kuya kuba mzuzu ungakanani na ungabaxeleli abantu, babuye ekusukeleni abazalwana babo?27Wathi uYowabhi, Ehleli nje uYehova, ukuba bekungathelekiswanga nguwe, inene, ngebenyuswe bemka kwangokuya kwakusasa abantu, elowo akamsukela umzalwana wakhe.28UYowabhi wavuthela isigodlo; bema bonke abantu, ababa sawasukela amaSirayeli, ababa saphinda balwe.29UAbhinere namadoda akhe bahamba eArabha bonke obo busuku. Bayiwela iYordan, bayihamba yonke iBhitron, beza eMahanayim.30Wabuya ke uYowabhi ekumsukeleni uAbhinere; wabahlanganisa abantu bonke, kwasweleka kubakhonzi bakaDavide ishumi elinesithoba lamadoda, noAsaheli.31Ke abakhonzi bakaDavide babebulele, kumaBhenjamin nakuma doda akwa-Abhinere, amakhulu amathathu anamanci amathandathu amadoda, afa.32Bamthabatha uAsaheli, bamngcwaba engcwabeni likayise eliseBhetelehem. Bahamba ke ubusuku bonke uYowabhi namadoda akhe, kwasa beseHebron.