Xhosa

Acts

15

1Kwehla abathile bevela kwelakwaYuda, babafundisa abazalwana, besithi, Ukuba anithanga naluswe ngokwesiko likaMoses, aninako ukusindiswa.2Kuthe ngoko, kwakubon’ ukuba uPawulos noBharnabhas baba nempikiswano nembuzwano engencinane nabo, kwagqitywa kwelokuba uPawulos noBharnabhas, nabanye abathile kubo, mabenyuke baye kubapostile namadoda amakhulu eYerusalem, ngawo lo mbuzo.3Bathi ke ngoko, bephelekelelwe libandla, balityhutyha elaseFenike nelaseSamariya, bexela ukuguquka kwazo iintlanga; babanga uvuyo olukhulu kubo bonke abazalwana.4Befikile ke eYerusalem, bamkelwa libandla nangabapostile nangamadoda amakhulu; kananjalo babika ukuba zinkulu kwazo izinto awazenzayo uThixo enabo.5Kwasuka kwema ke abathile abakholiweyo behlelo labaFarisi, besithi, Bamelwe kukuba baluke, nokuthi bathethelwe ngelithi, mabawugcine umthetho kaMoses.6Bahlanganisana ke abapostile namadoda amakhulu, ukuba bayikhangele loo ndawo.7Ke kaloku, kwakubon’ ukuba kubekho imbuzwano enkulu, wesuka uPetros wathi kubo, Madoda, bazalwana, niyazi kakuhle nina, ukuba uThixo kwangemihla yakudala wanyula phakathi kwethu, ukuba iintlanga zilive ngawo umlomo wam ilizwi leendaba ezilungileyo, zikholwe.8UThixo, umazi-ntliziyo, wazingqinela, ezinika uMoya oyiNgcwele kwanjengathi;9akacalula phakathi kwethu nazo, ezihlambulule iintliziyo zazo ngokholo.10Phofu ke nimlingelani na uThixo, ngokubeka idyokhwe entanyeni yabafundi, esibe singenamandla okuyithwala, thina kwanoobawo bethu?11Ke ngalo ubabalo lweNkosi uYesu Kristu, siyakholwa ukuba sosindiswa kwangohlobo ezisindiswa ngalo nazo.12Yathi cwaka ke yonke inkitha yabantu, yaphulaphula ooBharnabhas noPawulos, becacisa oko yayingako imiqondiso nezimanga, awazenzayo uThixo phakathi kwazo iintlanga ngabo.13Ke kaloku, emva kokuthi cwaka kwabo, waphendula uYakobi esithi, Madoda, bazalwana, ndiphulaphuleni.14USimon lo ukucacisile ukuba wathini na ekuqaleni uThixo ukuzivelela iintlanga, ukuba kuzo alinyulele abantu elakhe igama.15Ayavumelana nako oko amazwi abaprofeti, njengokuba kubhaliwe kwathiwa,16Emveni koku ndiya kubuya, Ndize ndibuye ndiwakhe umnquba owileyo kaDavide, Amanxuwa awo ndibuye ndiwakhe kanjalo, Ndibuye ndiwumise;17Okokuze amaqongqolo abantu ayifune iNkosi, Zifune zonke iintlanga ezibizwe ngalo igama lam; Itsho iNkosi, leyo izenzayo zonke ezi zinto.18Iyaziwa ke nguThixo kuselokwaphakade yonke imisebenzi yakhe.19Kungoko mna ndigqiba kwelithi, masingabakhathazi abo beentlanga babuyelayo kuThixo;20kodwa masibabhalele ukuba bazikhwebule kwizingcoliso zezithixo, nombulo, nento ekrwitshiweyo, negazi.21Kuba uMoses kwakwizizukulwana zakudala unabamvakalisayo kwimizi ngemizi, eleswa ezindlwini zesikhungu ezi iisabatha ngeesabatha.22Kwaza kwabonakala kulungile kubapostile nakumadoda amakhulu, ndawonye nalo ibandla liphela, ukuba banyule amadoda kwakubo, bawathume kwa-Antiyokwe ndawonye noPawulos noBharnabhas; angooYuda ogama limbi linguBharsabhas, noSilas, amadoda angabakhokeli kubazalwana.23Babhala incwadi ngesandla sawo, besithi: Abapostile namadoda amakhulu nabazalwana bayabulisa kubo abazalwana basezintlangeni, abakwa-Antiyokwe nakwelaseSiriya nakwelaseKiliki.24Ekubeni ke sivile ukuba abathile kuthi baphuma baya banikhathaza ngamazwi, beyikhukulisa imiphefumlo yenu, besithi, makwalukwe, kugcinwe umthetho, esingabayalelanga wona:25kwabonakala kulungile kuthi, simxhelo mnye, ukuba sinyule amadoda ukuba siwathume kuni, ndawonye neentanda zethu, uBharnabhas noPawulos,26abantu ababuncamileyo ubomi babo ngenxa yegama leNkosi yethu uYesu Kristu.27Sibathumile ngoko ooYuda noSilas, abothi nabo banibikele ezi ndawo ngomlomo.28Kuba kwabonakala kulungile kuye uMoya oyiNgcwele, nakuthi, ukuba kungabekwa phezu kwenu mthwalo ungaphezu kwezi ndawo zifunekayo:29zokuba nizile izinto ezibingelelwe kwizithixo, negazi, nento ekrwitshiweyo, nombulo; enothi nakuzigcina kuzo, nibe niyalungisa. Hlalani kakuhle.30Bathe ke ngoko, bakunduluka, beza kwa-Antiyokwe; bawuhlanganisa umhlambi wabazalwana, bayinikela incwadi leyo.31Beyilesile ke bona, baluvuyela uthuthuzelo olu.32Ke kaloku ooYuda noSilas, kuba bengabaprofeti nabo, babathuthuzela abazalwana ngokuthetha okukhulu, babomeleza.33Bakuba ke benze ixesha, banduluka bexolile kubazalwana, baya kubapostile.34Kodwa kuSilas kwabonakala kulungile ukuba akhe ahlale khona.35Balibala ke ooPawulos noBharnabhas kwa-Antiyokwe, befundisa, beshumayela iindaba ezilungileyo zelizwi leNkosi, kwanabanye abaninzi.36Ke kaloku, emva kwemihla ethile, wathi uPawulos kuBharnabhas, Makhe sibuye siye kuvelela abazalwana bethu, kuyo yonke imizi ngemizi esalazisayo kuyo ilizwi leNkosi, sibone ukuba banjani na.37Ke kaloku uBharnabhas wangxamela ukuba bathabathe nabo uYohane, ekuthiwa nguMarko;38kodwa uPawulos wathi akufanelekile ukumthabatha, ahambe nabo, lowo wemkayo kubo kwelasePamfili, akaya nabo emsebenzini.39Kwabakho ngoko amazwi abukhali phakathi kwabo, ngokokude bahlukane; athi uBharnabhas amthabathe uMarko, anduluke ngomkhombe aye eSipro;40kodwa uPawulos wanyula uSilas, wemka, enikelwe kubabalo lukaThixo ngabazalwana.41Walityhutyha ke elaseSiriya nelaseKiliki, ewomeleza amabandla.