Xhosa

Daniel

2

1Ngomnyaka wesibini uNebhukadenetsare engukumkani, uNebhukadenetsare waphupha amaphupha, wakhathazeka umoya wakhe, waphelelwa bubuthongo.2Ukumkani wathi makubizwe izazi, nabakhwitsi, nabakhafuli, namaKaledi, bamxelele ukumkani amaphupha akhe. Beza ke bema phambi kokumkani.3Wathi ukumkani kubo, Ndiphuphe iphupha; umoya wam ke ungqungela ukulazi iphupha elo.4AmaKaledi athetha ke kukumkani ngesiAram, athi, Kumkani, yidla ubomi ngonaphakade! Balawulele abakhonzi bakho iphupha elo; sokuxelela ukutyhilwa kwalo.5Waphendula ukumkani, wathi kumaKaledi, Ilizwi lam malazeke; ukuba anithanga nindazise iphupha elo, nokutyhilwa kwalo, niya kwenziwa iziqwenga, izindlu zenu zenziwe indawo ekuyiwa kuyo endle.6Ukuba nithe nalixela iphupha elo, nokutyhilwa kwalo, nozuza kum izipho, nemivuzo, nembeko enkulu; ngako oko ndixeleleni iphupha, nokutyhilwa kwalo.7Aphendula okwesibini athi, Ukumkani makabalawulele abakhonzi bakhe iphupha elo; sokuxelela ukutyhilwa kwalo.8Ukumkani waphendula wathi, Ndiyazi ngokunyanisekileyo, ukuba ninga ningazuza ixesha, ngenxa enokuba nibona ukuba seliwisiwe ilizwi lam.9Ukuba ke anithanga nindazise iphupha, mnye umthetho kuni; ngokuba nibhunge ngokuthetha amazwi angamanga, onakalisayo, phambi kwam, lide ixesha libe lilimbi. Ngako oko ndityeleni iphupha elo, ndazi ke ukuba nondixelela ukutyhilwa kwalo.10Aphendula amaKaledi phambi kokumkani, athi, Akukho mntu phezu kwehlabathi unokuyixela le nto kakumkani; ngenxa yokuba akukho kumkani mkhulu, unegunya, wakha wabuza into enjalo kuzo zonke izazi, nabakhwitsi, namaKaledi.11Ke loo nto ayifunayo ukumkani inqabile; akukho namnye unokuyixela phambi kokumkani, ingengabo oothixo abakhaya lingekhoyo kwizinto eziyinyama.12Ngenxa yoko waqumba ukumkani, waba noburhalarhume obukhulu, wathi mazitshatyalaliswe zonke izilumko zaseBhabheli.13Kwaphuma umthetho wokuba mazibulawe izilumko. Bamfuna ke uDaniyeli namakholwane akhe, ukuba bababulale.14Waza waphendula ngecebo nangengqondo uDaniyeli kuAriyoki, umthetheli wabasiki bokumkani, obephume weza kubulala izilumko zaseBhabheli.15Waphendula wathi kuAriyoki, obenegunya lakomkhulu, Yini na ukuba kuphume umthetho onje ukuba bukhali kukumkani? Waza uAriyoki wamazisa uDaniyeli le nto.16UDaniyeli wangena, wacela ukumkani ukuba amphe ixesha, ukuba anuxelele ukumkani ukutyhilwa kwephupha elo.17Waza uDaniyeli waya endlwini yakhe, wayazisa ooHananiya, noMishayeli, noAzariya, amakholwane akhe, le nto;18ukuze bacele imfesane kuThixo wamazulu ngenxa yale mfihlakalo, ukuze bangatshatyalaliswa uDaniyeli nama kholwane akhe, kunye nezinye izilumko zaseBhabheli.19Waza wayityhilelwa uDaniyeli loo mfihlakalo ngombono wasebusuku. Waza uDaniyeli wambonga uThixo wamazulu.20Wasusela uDaniyeli wathi, Malibongwe igama likaThixo, kususela kunaphakade kude kuse ephakadeni; ngokuba ubulumko nobugorha bona bobakhe.21Yena uyawaguqula ke amaxesha neminyaka; uguzula ookumkani, amise ookumkani; unika ubulumko kwizilumko, unika ukwazi kwabakwaziyo ukuqonda.22Yena utyhila izinto ezinzulu nezisitheleyo; uyakwazi okusebumnyameni, ukukhanya kuhleli kuye.23Ndiya kubulela, Thixo woobawo, ndikuncoma, kuba undinike ubulumko nobugorha, wandazisa kalokunje oko sibe sikucela kuwe; ngokuba usazisile ngokunje le nto yokumkani.24Ngenxa yoko uDaniyeli wangena waya kuAriyoki, lowo ubemiswe ngukumkani ukuba atshabalalise izilumko zaseBhabheli. Waya ke, wathi kuye, Musa ukuzitshabalalisa izilumko zaseBhabheli; ndise kukumkani; ndomxelela ukumkani ukutyhilwa kwephupha elo.25Waza uAriyoki wamzisa uDaniyeli ngobungxamo kukumkani, wathi kuye, Ndifumene indoda koonyana baseluthinjweni lwakwaYuda, eya kumazisa ukumkani ukutyhilwa kwephupha elo.26Waphendula ukumkani, wathi kuDaniyeli, ogama linguBheletshatsare, Unako na ukundazisa iphupha endilibonileyo, nokutyhilwa kwalo?27Waphendula uDaniyeli phambi kokumkani, wathi, Imfihlakalo ayibuzayo ukumkani, azinako ukumxelela ukumkani izilumko, nabakhwitsi, nezazi, namatola.28Kodwa ke kukho uThixo emazulwini, ozityhilayo iimfihlakalo, onokumazisa ukumkani uNebhukadenetsare okuya kubakho ekupheleni kwemihla. Iphupha lakho, nemibono yentloko yakho esililini sakho, nantsi:29Wena kumkani, izicamango zakho zathi tyaba kuwe esililini sakho, zokuya kubakho emveni koku; lowo ke uzityhilayo iimfihlakalo uyakwazisa okuya kubakho.30Mna le mfihlakalo, ukuyityhilelwa kwam, akungenxa yabulumko ndingaba ndinabo ngaphezu kwabo bonke abaphilileyo; kungenxa yokuze aziswe ukumkani ukutyhilwa kwalo, uzazi izicamango zentliziyo yakho.31Wena kumkani, wabe ubona, nango umfanekiso omkhulu. Loo mfanekiso ubumkhulu, nokubengezela kwawo kwancamisa, umi phambi kwakho; imbonakalo yawo ibisoyikeka.32Loo mfanekiso, intloko yawo ibiyigolide elungileyo, isifuba sawo neengalo zawo ziyisilivere, isisu sawo namanqe awo elubhedu, imilenze yawo isisinyithi;33iinyawo zawo, ngenxalenye zisisinyithi, ngenxalenye ziludongwe.34Wawubona, kwada kwazithwebula ilitye, kungengazandla; labetha emfanekisweni, ezinyaweni zawo zesinyithi nodongwe, lazicola.35Zaza ke zacoleka kwakanye isinyithi, nodongwe, nobhedu, nesilivere, negolide, zaba njengomququ wezanda zasehlotyeni; wemka nazo umoya, azafunyanelwa ndawo. Ilitye elo, libethileyo emfanekisweni, laba yintaba enkulu, lazalisa ihlabathi lonke.36Lilo elo iphupha; ukutyhilwa kwalo sokuxela phambi kokumkani.37Wena kumkani, kumkani wookumkani, uThixo wamazulu ukunike ubukumkani, namandla, nokomelela, nozuko;38ezindaweni zonke ke, apho kuhleli khona into engumntu, amarhamncwa asendle neentaka zezulu uzinikele esandleni sakho, wakwenza wanegunya kuzo zonke: intloko yegolide le nguwe.39Emveni kwakho, kuya kuvela obunye ubukumkani obuphantsi kunawe, nobunye ubukumkani besithathu bobhedu, obuya kuba negunya ehlabathini lonke.40Nobesine ubukumkani buya kuba njengesinyithi ukomelela, ngenxa enokuba isinyithi sizicola sizithi nkumenkume izinto zonke; boba njengesinyithi ukuzicola nokuzithi nkumenkume izinto zonke.41Wazibonayo nje iinyawo neenzwane, beziludongwe lombumbi ngenxalenye, zisisinyithi ngenxalenye, bubukumkani obuya kuba bobahlukeneyo; kobakho ubulukhuni besinyithi kubo; ngenxa enokuba ubusibona sisinyithi sixutywe nodongwe oluludaka.42Iinzwane zeenyawo zisisinyithi njengenxalenye, ziludongwe njengenxalenye, ubukumkani buya kuthi bomelele ngenxalenye, bube nkumenkume ngenxalenye.43Wasibonayo nje isinyithi sixutywe nodongwe lodaka, baya kuzixuba nembewu yento engumntu; kodwa abayi kunamathelana, yabona, kwanjengokuba isinyithi singaxubeki nodongwe.44Ngemihla yabo kumkani, uThixo wamazulu uya kumisa ubukumkani obungayi konakala naphakade. Obo bukumkani abuyi kusala nabantu bambi; buya kuzicola buzigqibe zonke ezo zikumkani, bona bume ngonaphakade.45Ngenxa enokuba wabonayo, ukuba ilitye lazithwebula entabeni, kungengazandla, lasicola isinyithi, nobhedu, nodongwe, nesilivere, negolide, uThixo omkhulu umazisile ukumkani okuya kubakho emveni koku; iphupha liqinisekile, ukutyhilwa kwalo kuyinyaniso.46Waza ukumkani uNebhukadenetsare wawa ngobuso bakhe, waqubuda kuDaniyeli, wathi, makathululelwe iminikelo yokudla, aqhunyiselwe amavumba athozamisayo.47Ukumkani wamphendula uDaniyeli, wathi, Okwenyaniso, uThixo wenu nguThixo woothixo, yiNkosi yookumkani, ngumtyhili weemfihlakalo: uthe waba nako nje wena ukuyityhila le mfihlakalo.48Waza ukumkani wamenza mkhulu uDaniyeli, wampha izipho ezikhulu zazininzi, wamenza waba negunya phezu kwelizwe lonke laseBhabheli, waba ngumongameli omkhulu wezilumko zonke zaseBhabheli.49UDaniyeli wacela kukumkani; yena wamisa enkonzweni yokuphatha ilizwe laseBhabheli ooShadraki, noMeshaki, noAbhede-nego. Ke yena uDaniyeli waba sesangweni lokumkani.