Xhosa

Deuteronomy

12

1Yiyo le imimiselo namasiko, enowagcina ukuba niwenze ezweni elo, akunika lona uYehova uThixo wooyihlo, ukuba ulime yonke imihla enidla ngayo ubomi emhlabeni.2Zichitheni kuphele zonke iindawo, apho iintlanga enizigqogqayo zabakhonzela khona oothixo bazo, ezintabeni eziphakamileyo, nasezindulini, naphantsi kwemithi yonke eluhlaza;3nizidilize izibingelelo zazo, niziqhekeze izimiso zazo zamatye, nibatshise ngomlilo ooAshera bazo, niyixakaxe imifanekiso eqingqiweyo yoothixo bazo, nilicime igama lazo kule ndawo.4Ize ke ningenjenjalo kuYehova uThixo wenu.5Endaweni leyo aya kuyinyula uYehova uThixo wenu ezizweni zenu zonke, ukuba alimise khona igama lakhe, ukuba ahlale khona, ize niquqele khona, niye khona.6Nowasa khona amadini enu anyukayo, nemibingelelo yenu, nezishumi zenu, nomrhumo wesandla senu, nezibhambathiso zenu, nemibinge yenu emfutshane;7nidle khona phambi koYehova uThixo wenu, nivuye entweni yonke enisa isandla senu kuyo, nina nezindlu zenu, akusikeleleyo kuyo uYehova uThixo wakho.8Ize ningenzi ngokwezinto zonke esizenzayo apha namhla, elowo esenza okuthe tye emehlweni akhe;9kuba okwangoku anikangeni ekuphumleni oko, naselifeni elo, aninikayo uYehova uThixo wenu.10Ke noyiwela iYordan, nihlale ezweni elo, uYehova uThixo wenu aya kunidlisa ilifa kulo, aniphumze ezintshabeni zenu zonke ngeenxa zonke, nihlale nikholosile.11Kothi ke kubekho indawo aya kuyinyula uYehova uThixo wenu, alihlalise khona igama lakhe, nizizise khona izinto zonke endiniwisela umthetho ngazo; amadini enu anyukayo, nemibingelelo yenu, nezishumi zenu, nomrhumo wesandla senu, nezibhambathiso zenu zonke ezinyuliweyo, enibhambathisa ngazo kuYehova;12nivuye phambi koYehova uThixo wenu, nina noonyana benu, neentombi zenu, nezicaka zenu, nezicakakazi zenu, nomLevi osemasangweni enu, ngokuba akanasabelo nalifa nani.13Zigcine, amadini akho anyukayo ungawanyusi ezindaweni zonke ozibonayo.14Ke endaweni leyo aya kuyinyula uYehova, kwesinye sezizwe sakowenu, wowanyusa khona amadini akho anyukayo, ukwenze khona konke endikuwisela umthetho ngako.15Noko ke, ngokunqwena konke komphefumlo wakho, ungaxhela uyidle inyama, ngokwentsikelelo kaYehova uThixo wakho akunikileyo, emasangweni akho onke; oyinqambi nohlambulukileyo bangayidla into enjengebhadi nenjengexhama.16Ligazi lodwa eningasayi kulidla woliphalazela emhlabeni njengamanzi.17Akunakusidlela emasangweni akho isishumi sengqolowa yakho, nesewayini yakho entsha, neseoli yakho, namazibulo eenkomo zakho nawempahla yakho emfutshane, nezibhambathiso zakho zonke obhambathisa ngazo, nemibingelelo yakho yokuqhutywa yintliziyo, nomrhumo wesandla sakho.18Zona uze uzidlele phambi koYehova uThixo wakho, endaweni leyo aya kuyinyula uYehova uThixo wakho, wena ke, nonyana wakho, nentombi yakho, nesicaka sakho, nesicakakazi sakho, nomLevi osemasangweni akho; uvuye phambi koYehova uThixo wakho ezintweni zonke osa isandla sakho kuzo.19Zigcine, ungamlibali umLevi, yonke imihla yokuphila kwakho emhlabeni wakho.20Xa athe uYehova uThixo wakho wawenza banzi umda wakho, njengoko abethethe ngako kuwe, uthi, Ndiya kudla inyama, ngokuba umphefumlo wakho unqwenela ukuyidla inyama: ungayidla inyama ngokungqwena konke komphefumlo wakho.21Xa ithe yamgama kuwe indawo leyo, aya kuyinyula uYehova uThixo wakho, ukuba alimise kuyo igama lakhe: woxhela ezinkomeni zakho, nasempahleni yakho emfutshane, akunikileyo uYehova, njengoko ndakuwisela umthetho ngako, udle emasangweni akho ngokunqwena konke komphefumlo wakho.22Kanye njengokuba lidliwa ibhadi nexhama, uya kwenjenjalo ukuyidla; oyinqambi nohlambulukileyo bofana ukuyidla.23Kodwa qina ungalidli igazi, kuba igazi ngumphefumlo; uze ungawudli ke umphefumlo kunye nenyama.24Uze ungalidli; woliphalazela emhlabeni njengamanzi.25Uze ungalidli; ukuze kulunge kuwe, nakoonyana bakho emva kwakho, xa uthe wakwenza okuthe tye emehlweni kaYehova.26Zizinto zakho ezingcwele zodwa ezilunge kuwe, nezibhambathiso zakho, owozithabatha uzise endaweni leyo aya kuyinyula uYehova;27wenze amadini akho anyukayo, inyama negazi, esibingelelweni sikaYehova uThixo wakho; igazi lemibingelelo yakho uligalele esibingelelweni sikaYehova uThixo wakho, uyidle inyama yona.28Gcina uwaphulaphule la mazwi onke, ndikuwisela umthetho ngawo, ukuze kulunge kuwe nakoonyana bakho emva kwakho, kude kuse ephakadeni, xa uthe wenza okulungileyo nokuthe tye emehlweni kaYehova uThixo wakho.29Xa athe uYehova uThixo wakho wazinqumla phambi kwakho iintlanga, apho uya kuzigqogqa khona, wazigqogqa ke, wahlala ezweni lazo:30zigcine, hleze uthiyelwe uzilandele, emveni kokutshatyalaliswa kwazo phambi kwakho; hleze uquqele koothixo bazo, uthi, Zibe zisithini na ezi ntlanga ukubakhonza oothixo bazo? Ndiya kwenjenjalo nam.31Uze ungenjenjalo kuYehova uThixo wakho; kuba yonke into elisikizi kuYehova, ayithiyileyo, ziyenzile koothixo bazo; ngokuba kwanoonyana bazo neentombi zazo zizitshise emlilweni koothixo bazo.32Into yonke endisukuba ndiniwisele umthetho ngayo, ize nigcine ukuyenza; uze ungongezi kuyo unganciphisi nto.