1Uze ungathi, uyibona inkomo yomzalwana wakho, nokuba yigusha yakhe, ilahleka, uzisithelise kuyo; woyibuyisela nokuba kutheni kumzalwana wakho.2Ke, ukuba akasondelelene nawe umzalwana wakho, akumazi, wozihlanganisela ekhayeni lakho, zibe kuwe, ade azifune umzalwana wakho, uzibuyisele kuye ke.3Uya kwenjenjalo kwiesile lakhe, wenjenjalo kwingubo yakhe, wenjenjalo kwinto yonke yomzalwana wakho elahlekileyo, ethe yalahleka kuye wayifumana wena; akunakuzisithelisa kuyo.4Uze ungathi, ulibona iesile lomzalwana wakho, nokuba yinkomo yakhe, iwile endleleni, uzisithelise kuyo; womncedisa ukuyivusa.5Impahla yendoda ize inganxitywa yinkazana, nendoda ize ingazinxibi iingubo zenkazana; ngokuba bangamasikizi kuYehova uThixo wakho bonke abenza ezo zinto.6Xa uthe waqubisana nendlu yentaka endleleni, nokuba kusemthini, nokuba kusemhlabeni, nokuba imathole, nokuba imaqanda, unina ehleli phezu kwamathole lawo, nokuba kuphezu kwamaqanda: uze ungamthabathi unina kunye namathole.7Womndulula unina lowo, uzithabathele amathole lawo, ukuze kulunge kuwe, uyolule imihla yakho.8Xa uthe wakha indlu entsha, wolwenzela ungqameko uphahla lwakho, ukuze ungazisi magazi endlwini yakho, xa athe wawa owayo kuyo.9Uze ungasihlwayeli isidiliya sakho iintlobo ezimbini zeembewu; hleze inzala yembewu oyihlwayeleyo, kunye nongeniselo lwesidiliya eso, lulunge kwindawo engcwele.10Uze ungalimi ngenkomo ne-esile kunye.11Uze ungambathi ingubo engumxube, uboya nelinen ndawonye.12Uze uzenzele iintshinga emasondweni omane engubo ozigubungela ngayo.13Xa indoda ithe yazeka umfazi, yamngena, yaza yamthiya,14yathetha ngaye iintlondi ezibangela intetho, yamvelisela igama elibi, yathi, Ndimzekile lo mfazi, ndasondela kuye, andazifumana iimpawu zobuntombi kuye:15uyise wentombi nonina bozithabatha iimpawu zobuntombi bentombi leyo, baphume nazo bazise kumadoda amakhulu omzi esangweni.16Wothi uyise wentombi kumadoda amakhulu, Intombi yam ndiyinikelo mfo ukuba ibe ngumkakhe, wayithiya;17yabonani, uthethe iintlondi ezibangela intetho, esithi, Andizifumananga iimpawu zobuntombi entombini yakho; ke nanzi iimpawu zobuntombi bentombi yam. Boyaneka ke ingubo enazo phambi kwamadoda amakhulu omzi.18Amadoda amakhulu aloo mzi omthabatha loo mfo, ambethe,19amhlahlise ikhulu leeshekele zesilivere, anike uyise wentombi; ngokuba wayivelisela igama elibi intombi yakwaSirayeli; ibe ngumkakhe ke. Akayi kuba nakuyala yonke imihla yakhe.20Ke ukuba eli lizwi lithe layinyaniso, azafumaneka iimpawu zobuntombi baloo ntombi,21oyikhupha loo ntombi, ayimise ngasemnyango wendlu kayise, ayigibisele ngamatye amadoda omzi wakowayo, ife; ngokuba yenze ubudenge kwaSirayeli, yahenyuza endlwini kayise; ubutshayele ke ububi, bungabikho phakathi kwenu.22Xa indoda ithe yafunyanwa imlele umkamntu, bofa bobabini, loo ndoda ilele naloo mfazi, nomfazi lowo; ubutshayele ke ububi, bungabikho kwaSirayeli.23Xa kuthe kwakho inkazana eyintombi eganelwe indoda, wayifumana umfo phakathi komzi, wayilala:24nobakhupha bobabini nibamise ngasesangweni laloo mzi, nibaxulube ngamatye, bafe; inkazana leyo, ngenxa yokuba ingakhalanga iphakathi komzi; umfo lowo, ngenxa yokuba emonile umfazi wommelwane wakhe; ubutshayele ke ububi, bungabikho phakathi kwakho.25Ukuba umfo uthe wayifumana endle intombi eseliganiwe, wayibamba loo mfo, wayilala, wofa yedwa loo mfo uyileleyo.26Uze ungayenzi into intombi leyo; akukho sono silingenwe kukufa entombini; ngokuba njengoko indoda ithi imvunukele ummelwane wayo, imbulale afe, injalo le ndawo.27Ngokuba uyifumene endle, yakhala intombi eganiweyo, akwabakho uyisindisayo.28Xa umfo athe wayifumana intombi eyintombi engaganiweyo, wayibamba, wayilala; kwafumaneka ukuba kunjalo:29loo mfo uyileleyo womnika uyise wentombi amashumi omahlanu eeshekele zesilivere, ibe ngumkakhe, ngenxa yokuba eyonile. Akanakuyala yonke imihla yakhe.30Indoda mayingamzeki umkayise, ingalityhili isondo lengubo kayise.