Xhosa

Deuteronomy

9

1Yiva, Sirayeli! Uyayiwela namhla iYordan, usiya kuzihlutha iintlanga ezinkulu, ezinamandla kunawe, imizi emikhulu, enqatyiswe yesa ezulwini;2abantu abakhulu, abade, oonyana baka-Anaki, obaziyo wena, obavileyo wena kusithiwa ngabo, Ngubani na onokuma phambi koonyana baka-Anaki?3Yazi ke namhla, ukuba uYehova uThixo wakho nguye owela phambi kwakho, engumlilo odlayo. Wobatshabalalisa, wobathoba phambi kwakho; ubagqogqe, ubacime kamsinya, njengoko wathethayo kuwe uYehova.4Uze ungatsho entliziyweni yakho ekubagxotheni kukaYehova uThixo wakho ebusweni bakho, ukuthi, Kungobulungisa bam andingenisileyo uYehova, ukuba ndilime eli lizwe. Kungokungabi ndawo kwezo ntlanga, le nto uYehova azigqogqayo zingabikho ebusweni bakho.5Akungabulungisa bakho, nokuthi tye kwentliziyo yakho, le nto ungenayo ulime ilizwe lazo: kuba kungokungabi ndawo kwezo ntlanga, le nto uYehova, uThixo wakho, azigqogqayo zingabikho ebusweni bakho, ukuze alimise ilizwi elo uYehova abelifungele ooyihlo, ooAbraham noIsake noYakobi.6Yazi ke, ukuba akungabulungisa bakho, le nto uYehova, uThixo wakho, akunikayo eli lizwe lihle ukuba ulime; ngokuba ningabantu abantamo ilukhuni.7Khumbula, musa ukulibala ukumqumbisa kwakho uYehova, uThixo wakho, entlango; kususela kwimini owaphumayo ezweni laseYiputa, wada wangena kule ndawo, naba neenkani kuYehova.8NaseHorebhe namqumbisa uYehova, wanifuthela uYehova ukuba anitshabalalise.9Oko ndandinyuke ndaya entabeni ukuya kuthabatha amacwecwe amatye, amacwecwe omnqophiso abewenza uYehova nani, ndahlala iimini ezimashumi mane nobusuku obumashumi mane entabeni, ndingadli sonka, ndingaseli manzi.10Wandinika uYehova amacwecwe amabini amatye, ebhalwe ngomnwe kaThixo, kubhalwe kuwo ngokwamazwi onke abewathethile uYehova nani entabeni, phakathi komlilo ngomhla wesikhungu.11Kwathi, ekupheleni kweemini ezimashumi mane nobusuku obumashumi mane, uYehova wandinika amacwecwe amabini amatye, amacwecwe omnqophiso.12Wathi uYehova kum, Suka uhle apha kamsinya; ngokuba bonakalisile abantu bakho obakhuphileyo eYiputa; batyeka kamsinya endleleni leyo ndibawisele umthetho ngayo, bazenzela umfanekiso otyhidiweyo.13Wathi uYehova kum, Ndibabonile aba bantu; yabona, ngabantu abantamo ilukhuni;14ndiyeke, ndibatshabalalise, ndilicime igama labo phantsi kwamazulu, ndikwenze wena uhlanga olunamandla, oluninzi kunabo.15Ndajika ke ndehla entabeni, intaba isitsha ngumlilo, amacwecwe omabini omnqophiso esezandleni zam zozibini.16Ndakhangela, ndabona ukuba nonile kuYehova uThixo wenu, nazenzela ithole elingumtyhido, natyeka kamsinya endleleni leyo waniwisela umthetho ngayo uYehova.17Ndawathabatha amacwecwe omabini, ndawalahla ezandleni zam zozibini, ndawaqhekeza emehlweni enu.18Ndawa phantsi phambi koYehova, njengokokuqala, iimini ezimashumi mane nobusuku obumashumi mane; ndingadli sonka, ndingaseli manzi, ngenxa yezono zenu zonke, enone ngazo ukwenza okubi emehlweni kaYehova, ukuba nimqumbise;19kuba bendinxunguphele ngumsindo nobushushu abenoburhalarhume ngabo uYehova kuni, ukuba anitshabalalise. Ke uYehova wandiva nangeso silulandlo.20UYehova wamfuthela kunene uAron, ukuba amtshabalalise; ndamthandazela noAron lowo ngelo xesha.21Isono senu enisenzileyo, ithole elo, ndalithabatha ndalitshisa ngomlilo, ndaliqoba, ndalisila ngokucokisekileyo, lada lacoleka laluthuli, ndaluphosa uthuli lwalo emlanjaneni obusihla entabeni.22NaseTabhera, naseMasa, naseKibroti-hatahava, nibe nimqumbisa uYehova.23Nasekunisuseni kukaYehova eKadeshe-bharneha, esithi, Nyukani, nilime ilizwe elo ndininikileyo, nawuphikisa umlomo kaYehova uThixo wenu, anakholwa nguye, analiphulaphula izwi lakhe.24Naba neenkani kuYehova, kususela kwimini endanazi ngayo.25Ndawa ke phantsi phambi koYehova, ezo mini zimashumi mane nobusuku obumashumi mane, endawayo phantsi; kuba uYehova wathi uya kunitshabalalisa.26Ndathandaza ke kuYehova, ndathi, Nkosi yam, Yehova, musa ukubatshabalalisa abantu bakho, ilifa lakho, obakhululeyo ngobukhulu bakho, obakhuphileyo eYiputa ngesandla esithe nkqi.27Khumbula abakhonzi bakho, ooAbraham noIsake noYakobi. Musa ukukhangela ekugogotyeni kwaba bantu, nakokungendawo kwabo, nasesonweni sabo; hleze lithi ilizwe osikhuphe kulo,28Kungokuba ebengenako uYehova ukubangenisa kulo ilizwe abethethe ngalo kubo; kungokuba ebebathiya, le nto wakhuphayo, ukuze ababulalele entlango.29Ke ngabantu bakho nelifa lakho, obakhuphileyo ngamandla akho amakhulu, nangengalo yakho eyolukileyo.