1Ngubani na onjengesilumko esi? Ngubani na okwaziyo ukuconjululwa kwendawo? Ubulumko bomntu bukhanyisa ubuso bakhe, buguqulwe ubungwanyalala bobuso bakhe.2Mna ndithi, Umthetho wokumkani wugcine, ngenxa yesifungo sikaThixo.3Musa ukukungxamela ukumka ebusweni bakhe; ungangeni kwiyelenqe; ngokuba into yonke ayinanzileyo uyayenza.4Ekubeni ilizwi lokumkani linegunya, ngubani na onokuthi kuye, Wenza ntoni na?5Ogcina umthetho akazi nto imbi; intliziyo yesilumko iyalazi ixesha nesi gwebo;6ngokuba yonke imicimbi inexesha nesigwebo; ngokuba ububi bomntu buba buninzi phezu kwakhe;7ngokuba engayazi into eya kubakho. Ngokuba ngubani na onokumxelela njengoko kuya kuba njalo?8Akukho mntu unokuwugunyazela umoya, awuthintele umoya; akukho unokuyigunyazela imini yokufa; akukho kukhululeka kuloo mfazwe; okungendawo akunakubasiza abaniniko.9Le nto yonke ndiyibonile, ndayinikela intliziyo yam kwizenzo zonke ezenziwayo phantsi kwelanga, ngexesha athi umntu agunyazele umntu, kube kubi kuye.10Ekubeni kunjalo, ndibone abangendawo bengcwatywa, begoduka; besithi endaweni engcwele bemke abo benze okulungileyo, balityalwe kuloo mzi.11Kwanaloo nto ingamampunge. Ekubeni isigwebo singawiswa kamsinyane emsebenzini ombi, ngenxa yoko intliziyo yoonyana babantu izele ngaphakathi kwabo kukwenza okubi.12Nakubeni umoni esenza okubi izihlandlo ezilikhulu, ayolule imihla yakhe, noko ndiyazi ukuba kuya kulunga kwabamoyikayo uThixo, kwaboyikayo ebusweni bakhe;13kungalungi kongendawo, angayoluli imihla yakhe, njengethunzi; ekubeni engoyiki ebusweni bukaThixo.14Kukho amampunge enzekayo ehlabathini: ukuba kukho amalungisa ahlelwa ngokokwenza kwabangendawo; kukho nabangendawo abahlelwa ngokokwenza kwamalungisa; ndathi, kwanaloo nto ingamampunge.15Ndaluncoma ke mna uvuyo, ngokuba kungekho nto imlungeleyo umntu phantsi kwelanga, ngaphezu kokuba adle, asele, avuye; loo nto ithane mbende naye emigudwini yakhe, ngemihla yobomi bakhe amnikayo uThixo phantsi kwelanga.16Xeshikweni ndayinikelayo intliziyo yam ukuba ndibazi ubulumko, ndiwubone umzamo owenzekayo ehlabathini (ngokuba nasemini nasebusuku ababoni buthongo ngamehlo abo),17ndasibona ke sonke isenzo sikaThixo, ukuba akanako umntu ukusifumana isenzo eso senzekayo phantsi kwelanga; nakubeni umntu esaphuka ukusifuna, akasifumani. Nokuba sithe isilumko safuna ukwazi, asinakufumana.