1Uze ungathuthi ludaba lukhohlakeleyo: uze ungancedisani nongendawo, ukuba ube lingqina logonyamelo.2Uze ungalandeli isininzi ukuya kwenza izinto ezimbi; ungathi ukungqina kwimbambano ekhoyo, ujike ulandele isininzi, uyijike inyaniso.3Uze ungasicengi isisweli ekubambaneni kwaso nomnye.4Xa uthe waqubisana nenkomo yotshaba lwakho, nokuba liesile lalo, lilahleka: wolibuyisela kulo.5Xa uthe walibona iesile lokuthiyileyo lisadalele phantsi komthwalo walo, musa ukumyekela; likhulule umkhululise.6Uze ungasijiki isigwebo sehlwempu lakho ekubambaneni kwalo nomnye.7Zikhwelelise kude entweni ebubuxoki; musa ukumbulala omsulwa nolilungisa: kuba andiyi kumgwebela ongendawo.8Uze ungamkeli sicengo; kuba isicengo esi siyabamfamekisa ababonayo, siphenula imicimbi yamalungisa.9Uze ungamxini umphambukeli; niyawazi nina umphefumlo womphambukeli, kuba naningabaphambukeli nani ezweni laseYiputa.10Wowuhlwayela umhlaba wakho iminyaka emithandathu, ubuthe iziqhamo zawo;11ke ngowesixhenxe wowuyeka ulale, adle amahlwempu abantu bakowenu, okuseleyo kuwo kudliwe ziinyamakazi; wenjenjalo ngesidiliya sakho, nangesinquma sakho.12Wowusebenza umsebenzi wakho imihla emithandathu, uphumle ngomhla wesixhenxe; iphumle inkomo yakho ne-esile lakho, akhe aphefumle unyana wesicakakazi sakho nomphambukeli.13Zonke izinto endizithethileyo kuni, zigcineni; igama lathixo bambi uze ungalikhankanyi, lingaviwa emlonyeni wakho.14Wondenzela umthendeleko kathathu ngomnyaka.15Umthendeleko wezonka ezingenagwele uze uwugcine, udle izonka ezingenagwele imihla esixhenxe, njengoko ndakuwiselayo umthetho, ngexesha elimisiweyo lenyanga enguAbhibhi; kuba waphuma ngayo eYiputa; makungabonakali bani phambi kwam engaphethe lutho;16nomthendeleko wexa lokuvuna, wentlahlela yemisebenzi yakho yokuhlwayela entsimini; nomthendeleko wokuhlanganisa, osekupheleni komnyaka, ekuhlanganiseni kwakho imisebenzi yakho entsimini.17Izihlandlo ezithathu ngomnyaka, mayibonakale yonke into eyindoda yakowenu phambi kweNkosi uYehova.18Uze ungalibingeleli phezu kwento enegwele igazi lombingelelo wam; nenqatha lomthendeleko wam malingabi ngumbeko.19Ingqalo yentlahlela yomhlaba wakho uze uyizise endlwini kaYehova uThixo wakho. Uze ungalipheki itakane ngobisi lonina.20Uyabona, ndithuma isithunywa phambi kwakho, ukuba sikugcine endleleni, sikufikise endaweni endiyilungisileyo.21Silumkele, uliphulaphule izwi laso. Musa ukusiphikisa; kuba asiyi kuluxolela ukreqo lwenu; kuba igama lam likuso.22Ke ukuba uthe waliva ilizwi laso, wenza konke endikuthethayo, ndoba lutshaba kwiintshaba zakho, ndibabandezele ababandezeli bakho.23Kuba isithunywa sam sohamba phambi kwakho, sikufikise kuma-Amori, namaHiti, namaPerizi, namaKanan, namaHivi, namaYebhusi; ndiwabethe athi shwaka.24Uze ungabanquli oothixo babo, ungabakhonzi, ungenzi ngokwemisebenzi yabo; uze uzigungxule, uziqhekeze nokuziqhekeza izimiso zabo zamatye.25Nize nikhonze uYehova uThixo wenu, asisikelele isonka sakho, namanzi akho; ndisisuse isifo phakathi kwakho.26Akuyi kubakho kuphunza nakudlola ezweni lakho; inani lemihla yakho ndolizalisa.27Ndiya kuzithuma phambi kwakho izothuso zam, ndibadubadube bonke abantu oya kufika kubo, iintshaba zakho zonke ndizenze zikunikele ikhosi;28ndithume oonomeva phambi kwakho, bawagxothe amaHivi, namaKanan, namaHiti, asuke phambi kwakho.29Andiyi kuwagxotha phambi kwakho ngamnyaka mnye, hleze ilizwe kube senkangala kulo, ande amarhamncwa asendle phezu kwakho.30Ndiya kumana ukuwagxotha kancinane phambi kwakho, ude wande, ulidle ilifa ilizwe.31Ndoyimisa imida yakho, ithabathele kuLwandle oluBomvu ise kulwandle lwamaFilisti; ithabathele entlango, ise kuwo uMlambo; kuba abemi belo lizwe ndiya kubanikela esandleni sakho, ubagxothe phambi kwakho.32Uze unganqophisani nabo, kwanoothixo babo;33ize bangemi kwelo zwe lakho, hleze bakwenze undone. Xa uthe wabakhonza oothixo babo, inene, oko koba ngumgibe kuwe.