1Kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi,2Nyana womntu, profeta uchase abaprofeti bakwaSirayeli abaprofetayo, uthi kwabaprofeta okwentliziyo yabo, Liveni ilizwi likaYehova.3Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Yeha ke, abaprofeti abanobudenge, abalandela owabo umoya, nento abangayibonanga!4Baba njengeempungutye emanxuweni abaprofeti bakho, Sirayeli.5Aninyukanga niye emathutyeni, niyibiyele ngodonga indlu kaSirayeli, ukuze nakhe uluhlu lokulwa ngomhla kaYehova.6Babona into ekhohlakeleyo nokuvumisa okungamanga, abo bathi, Utsho uYehova; uYehova engabathumanga, ukanti balinda ukuqiniswa kwelo lizwi.7Anibonanga mbono wankohlakalo na, nakuvumisa okungamanga na, nisithi nje, Utsho uYehova; ndingathethanga mna?8Ngako oko itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ngenxa yokuba nithethe into ekhohlakeleyo, nibona amanga, ngako oko, yabonani, ndinichasile; itsho iNkosi uYehova.9Isandla sam sichasa abaprofeti ababona into ekhohlakeleyo, bavumise amanga. Abayi kubakho ekucweyweni kwabantu bam, bangabhalwa encwadini yomlibo wendlu kaSirayeli, bangangeni emhlabeni wakwaSirayeli; nazi ukuba ndiyiNkosi uYehova.10Ngenxa yokuba, ewe, ngenxa yokuba bebandwendwisile abantu bam, besithi, Luxolo, kungekho luxolo; bathi, bakwakha udonga bona, yabona, abaya balutyabeka ngodaka oluhlephukayo:11yithi kwabatyabeka ngodaka oluhlephukayo, Luya kuwa; kuza isiphango esikhukulayo; nina ke, matye esichotho, yiwani; wena moya usisaqhwithi, ovuthuvuthuzayo, qhutha.12Xa ke luthe lwawa udonga, akuyi kuthiwa na kuni, Kuphi na ukutyabeka enatyabeka ngako?13Ngako oko itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ndiya kuqhuthisa umoya ovuthuvuthuzayo ngobushushu bam; kuze nesiphango esikhukulayo ngomsindo wam, namatye ezichotho ngobushushu, ukuze kugqityelwe kuphele.14Ndiya kulugungxula udonga enalutyabeka ngodaka oluhlephukayo, ndiluwise emhlabeni, sityhilekile isiseko salo, luwe, niphelele kweso sithuba salo; nazi ukuba ndinguYehova.15Ndobuphelelisela eludongeni ubushushu bam, nakwabatyabeka ngodaka oluhlephukayo, ndithi kuni, Alusekho udonga, abasekho abatyabeki balo,16abaprofeti bakwaSirayeli ababeprofeta ngeYerusalem, ababebona umbono woxolo, kungekho luxolo; itsho iNkosi uYehova.17Wena ke, nyana womntu, bhekisa ubuso bakho kwiintombi zabantu bakowenu, eziprofeta okweentliziyo zazo.18Uze uprofete ngazo, uthi, Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Yeha ke, abo bathunga izibophelelo ezihlahleni zezandla zonke, benze izigubungelo ezilingene iintloko zonke, ukuze bathiyele imiphefumlo! Nithiyele imiphefumlo yabantu bam, nasindisa eyenu imiphefumlo.19Nindihlambele kubantu bam ngenxa yerhasi esutywe ngezandla, nangenxa yamaqhekeza esonka, ukuze nibulale imiphefumlo ebingeyakufa, nisindise imiphefumlo ebingeyakusindiswa, ngamanga enu ebantwini bam abava amanga.20Ngako oko itsho iNkosi uYehova ukuthi, Yabonani, ndizichasile izibophelelo zenu, enithiyela ngazo imiphefumlo njengeentaka. Ndiya kuziqhawula ezingalweni zenu, ndiyindulule imiphefumlo, kwaimiphefumlo eniyithiyeleyo njengeentaka.21Ndozikrazula izigubungelo zenu, ndibahlangule abantu bam esandleni senu, bangabi saba yinto ethiyelwayo esandleni senu; nazi ukubandinguYehova.22Ngenxa enokuba niyenze buhlungu ngobuxoki intliziyo yelungisa, endingalenzanga buhlungu mna; nazomeleza izandla zongendawo, ukuze angabuyi endleleni yakhe embi, asindiswe:23ngako oko aniyi kuyibona into ekhohlakeleyo ningabi savumisa nokuvumisa; ngokuba ndiya kubahlangula abantu bam esandleni senu; nazi ukuba ndinguYehova.