Xhosa

Ezekiel

15

1Kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi,2Nyana womntu, umthi womdiliya uyidlula ngantoni na yonke eminye imithi, isebe lomdiliya eliphakathi kwemithi yehlathi?3Kukha kuthatyathwe umthi yini na kuwo wokusebenza umsebenzi? Kukha kuthatyathwe nesikhonkwane na kuwo, sokuxhoma iimpahla nokuba ziziphi?4Yabona, ufakwa emlilweni ukuba uwutshise; umlilo utshisa iincam zawo zombini, sirhawuke isibili sawo; wowulungela na ke umsebenzi?5Yabona, oko ube usewonke, ubungenamsebenzi; wobeka phi na ke ukungabi namsebenzi, xa uthe watshiswa ngumlilo, warhawuka?6Ngako oko itsho iNkosi uYehova ukuthi, Njengomthi womdiliya phakathi kwemithi yehlathi, endiwufaka emlilweni ukuze utshiswe, ndenjenjalo ukubabeka emlilweni abemi baseYerusalem, Ndiya kubachasa;7baya kuphuma emlilweni, umlilo uya kubatshisa; nazi ukuba ndinguYehova ekubachaseni kwam.8Ndiya kwenza elizweni kube senkangala, ngenxa yokuba bemenezile ngobumenemene; itsho iNkosi uYehova.