Xhosa

Ezekiel

18

1Kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi,2Uyintoni na kuni lo mzekeliso, nizekelisa ngawo emhlabeni wakwaSirayeli, nisithi, ooyise badle iidiliya ezimuncu, kwaba buthelezi amazinyo oonyana?3Ndihleli nje, itsho iNkosi uYehova ukuthi, anisayi kuba sazekelisa ngalo mzekeliso kwaSirayeli.4Yabonani, yonke imiphefumlo yeyam; umphefumlo woyise unjengomphefumlo wonyana, yeyam yomibini; umphefumlo owonayo, kuya kufa wona.5Umntu xa athe waba lilungisa, wenza ngokwesiko nangobulungisa;6akadlela ezintabeni, amehlo akhe akawaphakamisela kwizigodo zendlu yakwaSirayeli; umfazi wommelwane wakhe akamenza inqambi, akasondela kumfazi enomzi;7akamxinzelela phantsi umntu, wasibuyisa isibambiso sokuboleka kwakhe, akaxhakamfula; wamnika olambileyo isonka sakhe, wamgubungela oze ngengubo;8akanikela imali ukuba adle abanye ngayo, akathabatha nzala yamboleko; wasibuyisa isandla sakhe ekugqwetheni, wenza ngokwesiko nangenyaniso phakathi kobani nobani;9wahamba ngemimiselo yam, wagcina amasiko am, ukuba enze ngenyaniso: ulilungisa, inene uya kuphila; itsho iNkosi uYehova.10Ke ethe wazala unyana osisigwinta, ophalaza igazi, owenza nokuba inye kwezo zinto,11ke yena ezo nto zonke engazenzanga, unyana kananjalo odlela ezintabeni, omenza inqambi umfazi wommelwane wakhe;12oluxinzelela phantsi usizana nehlwempu, oxhakamfulayo, ongasibuyisiyo isibambiso; owaphakamisela kwizigodo amehlo akhe, owenza amasikizi;13onikela imali ukuba adle abanye ngayo, othabatha inzala yemboleko: wophila na ke loo nyana? Akayi kuphila; wenze onke la masikizi; uya kubulawa afe; igazi lakhe liya kuba phezu kwakhe.14Yabonani ke, ethe yena lo wazala unyana, othe wazibona zonke izono zikayise azenzayo, abone ke, angenjenjalo;15angadleli ezintabeni, amehlo akhe angawaphakamiseli kwizigodo zendlu kaSirayeli, umfazi wommelwane wakhe angamenzi inqambi;16angamxinzeleli phantsi umntu, angabambisi ngesibambiso, angaxhakamfuli; isonka sakhe asinike olambileyo, amgubungele oze ngengubo;17abuyise isandla sakhe kolusizana; angadli abanye ngemali, angathabathi nzala yamboleko, wenza ngokwamasiko am, uhamba ngemimiselo yam: lowo unyana akayi kufa ngobugwenxa bukayise; inene uya kuphila.18Uyise yena, ngokokuba ecudisile kakubi, exhakamfula umzalwana, wenza okungalungileyo phakathi kwabantu bakowabo, yabonani, uya kufa ngobugwenxa bakhe.19Ukanti nithi ke, Kungathuba lini na ukuba unyana angabuthwali ubugwenxa bukavise? Unyana kaloku wenze ngokwesiko nangobulungisa; uyigcinile yonke imimiselo yam, wayenza; inene, uya kuphila.20Umphefumlo owonayo, kuya kufa wona wodwa. Unyana akayi kuthwala ubugwenxa bukayise, noyise akayi kubuthwala ubugwenxa bonyana; ubulungisa belungisa buya kuba phezu kwalo, nokungendawo kongendawo kuya kuba phezu kwakhe.21Ongendawo ke, xa athe wabuya ezonweni zakhe zonke azenzileyo, wayigcina yonke imimiselo yam, wenza ngokwesiko nangobulungisa, inene, uya kuphila; akayi kufa.22Zonke izikreqo zakhe azenzileyo aziyi kukhunjulelwa kuye; ngobulungisa bakhe abenzileyo, uya kuphila.23Kumnandi na kanene kum ukufa kongendawo? Itsho iNkosi uYehova. Okumnandi kum asikuko na ukuthi abuye ezindleleni zakhe, aphile?24Khona ekubuyeni kwelungisa ebulungiseni balo, lenza ngobugqwetha, ngokwamasikizi awenzileyo ongendawo, lophila na lona? Yonke imisebenzi yalo yobulungisa elayenzayo ayiyi kukhunjulwa; ngenxa yobumenemene balo elimeneze ngabo, nangenxa yezono zalo elone ngazo: ngenxa yezo zinto liya kufa.25Ukanti nithi ke, Indlela yeNkosi ayilungelelene. Khanive, ndlu kaSirayeli; indlela yam ayilungelelene, yini na? Asizezenu na iindlela ezingalungeleleneyo?26Xa lithe ilungisa labuya ebulungiseni balo, lenza ngobugqwetha, lofa ngezo zinto; lofa ngobugqwetha balo elibenzileyo.27Xa athe ongendawo wabuya kokungendawo kwakhe akwenzileyo, wenza ngokwesiko nangobulungisa, yena uya kuwusindisa umphefumlo wakhe.28Ekubeni ebonile, wabuya ezikreqweni zakhe zonke azenzileyo, uya kuphila; akayi kufa.29Ukanti ithi ke indlu kaSirayeli, Indlela yeNkosi ayilungelelene. Iindlela zam azilungelelene na, ndlu kaSirayeli? Asizezenu na iindlela ezingalungeleleneyo?30Ngako oko ndiya kunigweba elowo ngokwendlela yakhe, ndlu kaSirayeli; itsho iNkosi uYehova. Buyani, nizibuyise ezikreqweni zenu zonke, bungabi sisikhubekiso ubugwenxa kuni.31Lahlani zonke izikreqo zenu enikreqe ngazo, nizenzele intliziyo entsha nomoya omtsha. Yini na ukuba nife, ndlu kaSirayeli?32Ngokuba akumnandi kum ukufa kofayo; itsho iNkosi uYehova. Zibuyiseni ke niphile.