1Ke kaloku kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi,2Nyana womntu, bhekisa ubuso bakho entabeni yakwaSehire, uprofete ngayo,3uthi kuyo, Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Yabona, ndikuchasile, ntaba yakwaSehire. Ndosolulela isandla sam phezu kwakho, ndikwenze kube senkangala yakwankangala.4Imizi yakho ndiya kuyenza amanxuwa, ube senkangala; wazi ukuba ndinguYehova.5Ngenxa enokuba waba nobutshaba obungunaphakade, wabanikela esandleni sekrele oonyana bakaSirayeli ngexesha lokusindeka kwabo, ngexesha lobugwenxa bokuphela:6ngako oko, ndihleli nje, itsho iNkosi uYehova, ndiya kukwenza igazi; lokusukela ke igazi; ngokokuba ungalithiyanga igazi, lokusukela igazi.7Ndoyenza kube senkangala yakwankangala intaba yakwaSehire, ndinqumle kuyo odlulayo nobuyayo.8Ndiya kuzizalisa iintaba zakhe ngababuleweyo bakhe; ezindulini zakho, nasemifuleni yakho, nasezihlanjeni zakho zonke, ababuleweyo ngekrele bawe kuzo.9Ndiya kukwenza kube senkangala kuwe ngonaphakade, imizi yakho ingemiwa mntu; nazi ukuba ndinguYehova.10Ngenxa enokuba usithi, Iintlanga ezi zombini namazwe la omabini ngawam, sowahlutha; ukanti uYehova ukhona;11ngako oko ndihleli nje, itsho iNkosi uYehova, ndiya kwenza kuwe ngokomsindo wakho, nangokobukhwele bakho, obenzileyo kubo ngentiyo yakho; ndizazise kubo, xenikweni ndithe ndakugweba.12Uya kwazi ukuba mna Yehova ndikuvile konke ukugiba kwakho, owakuthethayo ngeentaba zakwaSirayeli, usithi, Kusenkangala kuzo, sizinikiwe ukuba zibe kukudla.13Nizikhulisele ngam ngemilomo yenu, nawafumba phezu kwam amazwi enu; ndivile ke mna.14Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Lakuvuya ihlabathi lonke, ndokwenza kube senkangala kuwe.15Njengoko walivuyelayo ilifa lendlu kaSirayeli, ngenxa yokuba bekusenkangala kulo, ndiya kwenjenjalo kuwe; kuya kuba senkangala kuwe, ntaba yakwaSehire, nelakwaEdom lonke liphela; bazi ukuba ndinguYehova.