1Wabiza ngelizwi elikhulu ezindlebeni zam, esithi, Sondelani, baveleli bomzi, elowo ephethe ngesandla izixhobo zakhe zokutshabalalisa.2Nanko ke, kusiza amadoda amathandathu ngendlela yesango eliphezulu, elikhangele entla, iyileyo iphethe ngesandla izixhobo zayo zokuhlekeza; kukho indoda phakathi kwawo eyambethe ilinen emhlophe, inezinto zokubhala ethangeni layo; eza ke ema ecaleni kwesibingelelo sobhedu.3Ubuqaqawuli bukaThixo kaSirayeli baye bunyuka, busuka ekerubhini obebuphezu kwayo, baya emnyango wendlu. Wamemeza endodeni eyambethe ilinen emhlophe, enezinto zokubhala ethangeni layo.4Wathi uYehova kuyo, Canda esazulwini somzi, esazulwini seYerusalem, ubeke uphawu emabunzini amadoda agcunayo, ancwinayo ngenxa yamasikizi onke awenzekayo esazulwini sayo.5Wathi kwamanye ezindlebeni zam, Candani esazulwini somzi emva kwayo, nixabele; malingabi nanceba iliso lenu, ningabacongi.6Amaxhego, amadodana nomthinjana, abantwana nabafazi, babulaleni, ukuze batshabalale; ke bonke abantu abanophawu olo, musani ukufika kubo; nize niqalele ke engcweleni yam. Aqala ke ngamadoda amakhulu abephambi kwendlu.7Wathi ke kuwo, Yenzeni inqambi indlu le, nizizalise iintendelezo ngababuleweyo; phumani niye. Aphuma ke abulala kuwo umzi.8Kwathi, xa ababulalayo, ndisele mna, ndawa ngobuso, ndakhala, ndathi, Awu! Nkosi Yehova, uya kuwatshabalalisa onke na amasalela amaSirayeli ngokubuthulula ubushushu bakho phezu kweYerusalem?9Wathi kum, Ubugwenxa bendlu kaSirayeli nobendlu kaYuda bukhulu kakhulu kunene, nelizwe lizele ligazi, nomzi uzele bubugqwetha; ngokuba besithi, UYehova ulilahlile ilizwe, uYehova akaboni.10Ke nam aliyi kuba nanceba iliso lam, ndibaconge; ndiya kubanika ngokwendlela yabo entlokweni yabo.11Nantso indoda eyayambethe ilinen emhlophe, ebinezinto zokubhala ethangeni layo, ibuya nelizwi elithi, Ndenze njengoko ubundiwisele umthetho ngako.