Xhosa

Genesis

20

1Ke kaloku uAbraham wanduluka apho, waya ezweni lasezantsi, wahlala phakathi kweKadeshe neShure, waphambukela eGerare.2Wathi uAbraham ngoSara umkakhe, Ngudade wethu. UAbhimeleki ukumkani waseGerare wathuma, wamthabatha uSara.3Weza uThixo kuAbhimeleki ngephupha ebusuku, wathi kuye, Uyabona, ufile ngenxa yomfazi omthabathileyo; ngumkamntu.4Ke uAbhimeleki ubengasondelanga kuye; wathi, Nkosi, nolunobulungisa uhlanga wolubulala, yini na?5Akatshongo na yena kum ukuthi, Ngudade wethu, naye ngokwakhe wathi, Ngumnakwethu? Le nto ndiyenze ngentliziyo yam igqibelele, nangezandla zam zimsulwa.6Wathi uThixo kuye ngephupha, Nam ndiyazi ukuba uyenze le nto ngentliziyo yakho igqibelele. Ndakunqanda nam, ukuba ungoni kum; ngenxa yoko andikuvumelanga ukuba umchukumise.7Ngoko mbuyise umfazi wale ndoda, ngokuba ingumprofeti; yokuthandazela ukuba uphile; ukuba uthe akwambuyisa, yazi ukuba uya kufa, wena nabo bonke onabo.8Wavuka kwakusasa uAbhimeleki, wababiza bonke abakhonzi bakhe, wawathetha onke la mazwi ezindlebeni zabo. Oyika kakhulu loo madoda.9UAbhimeleki wambiza uAbraham, wathi kuye, Yintoni na le nto uyenzileyo kuthi? Ndikone ngantoni na, ukuba mna nobukumkani bam isono esingaka? Wenze kum izenzo ezingezakwenziwa.10Wathi uAbhimeleki kuAbraham, Ubone ntoni na, ukuba uyenze le nto?11Wathi uAbraham, Ndithe, akukho kanye ukoyika uThixo kule ndawo; baya kundibulala ngenxa yomkam.12Okwenene ngudade wethu; yintombi kabawo, kodwa akantombi kama, waba ngumkam ke.13Kwathi, uThixo akundiphambukisa, andikhuphe endlwini kabawo, ndathi kuye, Nantsi inceba owondenzela yona: ezindaweni zonke esofika kuzo, uze uthi ngam, Ngumnakwethu.14UAbhimeleki wathabatha impahla emfutshane, neenkomo, nabakhonzi, nabakhonzazana, wanika uAbraham; wambuyisela uSara umkakhe kuye.15Wathi uAbhimeleki, Nali ilizwe lam, liphambi kwakho; hlala apho kulungileyo emehlweni akho.16Wathi kuSara, Yabona, umnakwenu ndimnike iwaka lesilivere; yabona, sisigqubuthelo samehlo kuwe, ngokusingisele kubo bonke aba nawe; naphakathi kwabo bonke ugwetyelwe.17Wathandaza uAbraham kuThixo; uThixo wamphilisa uAbhimeleki, nomkakhe, nabakhonzazana bakhe, bazala.18Ngokuba uYehova ubezivingcile kanye, zonke izizalo endlwini ka-Abhimeleki, ngenxa kaSara, umka-Abraham.