1Ke kaloku ukudla ubomi kukaSara kwaba yiminyaka elikhulu elinamanci mabini aneminyaka esixhenxe; yiyo iminyaka yokudla ubomi kukaSara.2Wafa ke uSara eKiriyati ka-Arbha, eyiHebron, ezweni lakwaKanan. UAbraham waya kumbambazelela uSara nokumlilela.3Wesuka uAbraham ebusweni bomfikazi lowo,4wathetha koonyana bakaHeti, esithi, Ndingumphambukeli, ndilundwendwe kuni; ndinikeni ndibe nendawo yam yokungcwaba phakathi kwenu, ukuze ndimngcwabe umfikazi, angabikho phambi kwam.5Bamphendula uAbraham oonyana bakaHeti, bathi kuye, Sive, nkosi yam!6Usisikhulu sakwaThixo phakathi kwethu; kwelona linyulekayo kumangcwaba ethu, mngcwabe umfikazi lowo; akukho bani kuthi uya kwala nengcwaba lakhe, ukuba ungamngcwabi umfikazi lowo.7Wesuka uAbraham, waqubuda kubantu belizwe elo, koonyana bakaHeti abo.8Wathetha nabo esithi, Ukuba kusemphefumlweni wenu, ukuba ndimngcwabe umfikazi, angabikho phambi kwam, ndiveni, nindibongozele kuEfron, unyana kaTsohare,9ukuba andinike umqolomba waseMakapela, lowo anawo, osekupheleni kwentsimi yakhe, andinike wona ngemali ezalisekileyo; ube yindawo yam yokungcwaba phakathi kwenu.10UEfron wayehleli phakathi koonyana bakaHeti; uEfron umHeti wamphendula uAbraham ezindlebeni zoonyana bakaHeti, zabo bonke abangenayo ngesango lomzi wakhe, esithi, Hayi, nkosi yam, ndive!11Intsimi leyo ndiyakunika, nomqolomba okuyo ndiyakunika; emehlweni oonyana babantu bakowethu ndiyakunika; ngcwaba umfikizi loo.12Waqubuda uAbraham phambi kwabantu belizwe elo.13Wathetha kuEfron ezindlebeni zabantu belizwe elo, wathi, Wanga ungandiva; ndikunika imali ngentsimi; yithabathe kum, ndingcwabe umfikazi khona.14UEfron wamphendula uAbraham, wathi kuye,15Nkosi yam, ndive! Umhlaba ngoweeshekele zesilivere ezimakhulu mane. Yintoni na loo nto phakathi kwam nawe? Ngcwaba ke umfikazi lowo.16UAbraham wamphulaphula uEfron; uAbraham wamlinganisela uEfron isilivere leyo, abethethe ngayo ezindlebeni zoonyana bakaHeti, amakhulu omane eeshekele zesilivere evunywayo ngumrhwebi.17Yaqiniseka ke intsimi kaEfron eseMakapela ephambi kowakwaMamre, intsimi leyo nomqolomba okuyo, nemithi yonke esentsimini, ekuyo yonke imilimandlela ngeenxa zonke.18Yaba yinzuzo kuAbraham emehlweni oonyana bakaHeti, kubo bonke abangenayo ngesango lomzi wakhe.19Emveni koko uAbraham wamngcwaba uSara umkakhe emqolombeni wentsimi yaseMakapela phambi kowakwaMamre, kowaseHebron leyo, ezweni lakwaKanan.20Yaqiniseka ke intsimi leyo nomqolomba okuyo kuAbraham, ukuze abe nendawo yakhe yokungcwaba, ngoonyana bakaHeti.