Xhosa

Genesis

5

1Yiyo le incwadi yenzala ka-Adam. Mhlana uThixo wamdala umntu, wamenza ngokufana noThixo.2Wadala indoda nenkazana, wabasikelela, wabathiya igama elinguAdam, mhlana wabadala.3UAdam wahlala iminyaka elikhulu elinamanci mathathu, wazala unyana ngokufana naye, ngokomfanekiso wakhe, wamthiya igama elinguSete.4Imihla ka-Adam emveni kokuzala kwakhe uSete yaba yiminyaka emakhulu asibhozo; wazala oonyana neentombi.5Iyonke imihla ka-Adam, awahlala ngayo, yaba yiminyaka emakhulu asithoba anamanci mathathu; wafa ke.6USete wahlala iminyaka elikhulu elinaminyaka mihlanu, wazala uEnoshe.7USete wahlala emveni kokuzala kwakhe uEnoshe iminyaka emakhulu asibhozo aneminyaka esixhenxe; wazala oonyana neentombi.8Iyonke imihla kaSete yaba yiminyaka emakhulu asithoba anashumi-nye linamibini; wafa ke.9UEnoshe wahlala iminyaka emashumi asithoba, wazala uKenan.10UEnoshe wahlala emveni kokuzala kwakhe uKenan iminyaka emakhulu asibhozo anashumi-nye linamihlanu; wazala oonyana neentombi.11Iyonke imihla kaEnoshe yaba yiminyaka emakhulu asithoba anamihlanu; wafa ke.12UKenan wahlala iminyaka emashumi asixhenxe, wazala uMahalaleli.13UKenan wahlala emveni kokuzala kwakhe uMahalaleli iminyaka emakhulu asibhozo anamanci mane: wazala oonyana neentombi.14Iyonke imihla kaKenan yaba yiminyaka emakhulu asithoba, aneminyaka elishumi; wafa ke.15UMahalaleli wahlala iminyaka emashumi mathandathu anamihlanu, wazala uYerede.16UMahalaleli wahlala emveni kokuzala kwakhe uYerede iminyaka emakhulu asibhozo anamanci mathathu; wazala oonyana neentombi.17Iyonke imihla kaMahalaleli yaba yiminyaka emakhulu asibhozo anamanci asithoba anamihlanu; wafa ke.18UYerede wahlala iminyaka elikhulu elinamanci mathandathu anamibini, wazala uEnoki.19UYerede wahlala emveni kokuzala kwakhe uEnoki iminyaka emakhulu asibhozo; wazala oonyana neentombi.20Iyonke imihla kaYerede yaba yiminyaka emakhulu asithoba anamanci mathandathu anamihlanu, anamibini; wafa ke.21UEnoki wahlala iminyaka emashumi mathandathu anamihlanu, wazala uMethusela.22UEnoki wahamba noThixo, emveni kokuzala kwakhe uMethusela, iminyaka emakhulu mathathu; wazala oonyana neentombi.23Iyonke imihla kaEnoki yaba yiminyaka emakhulu mathathu, anamanci mathandathu anamihlanu.24UEnoki wahamba noThixo; akabakho, ngokuba uThixo wamthabatha.25UMethusela wahlala iminyaka elikhulu elinamanci asibhozo anesixhenxe, wazala uLameki.26UMethusela wahlala emveni kokuzala kwakhe uLameki iminyaka emakhulu asixhenxe anamanci asibhozo anamibini; wazala oonyana eneentombi.27Iyonke imihla kaMethusela yaba yiminyaka emakhulu asithoba, anamanci mathandathu anesithoba; wafa ke.28ULameki wahlala iminyaka elikhulu elinamanci asibhozo anamibini; wazala unyana.29Wamthiya igama elinguNowa, esithi, Lo uya kusithuthuzela emsebenzini wethu, nasekubulalekeni kwezandla zethu, ngenxa yomhlaba awawuqalekisayo uYehova.30ULameki wahlala emveni kokuzala kwakhe uNowa iminyaka emakulu mahlanu anamanci asithoba anamihlanu; wazala oonyana neentombi.31Iyonke imihla kaLameki yaba yiminyaka emakhulu asixhenxe anesixhenxe; wafa ke.32Ke uNowa ebeminyaka imakhulu mahlanu ezelwe; uNowa wazala ooShem noHam noYafete.