1Wathi uYehova kuNowa, Ngena, wena nendlu yakho yonke, emkhombeni, ngokuba ndibona wena ilungisa phambi kwam kwesi sizukulwana.2Kwizinto zonke ezizitho zine ezihlambulukileyo, thabathela kuwe ngasixhenxe, ngasixhenxe, inkunzi nemazi yayo; kwizinto ezizitho zine eziziinqambi thabatha ngambini, inkunzi nemazi yayo;3nakwiintaka zezulu ngasixhenxe, ngasixhenxe, inkunzi nemazi, ukuze imbewu igcinakale ehlabathini lonke.4Kuba zisesixhenxe iintsuku, ndize ndinise imvula ehlabathini iimini zibe mashumi mane nobusuku obumashumi mane, ndiyicime into yonke emiyo endayenzayo, ingabikho phezu kwehlabathi.5Wenza uNowa konke uYehova awamwisela umthetho ngako.6UNowa waye eminyaka imakhulu mathandathu ezelwe, wabakho unogumbe wamanzi ehlabathini.7Wangena uNowa emkhombeni, enoonyana bakhe, nomkakhe, nabafazi boonyana bakhe, ndawonye naye, ngenxa yamanzi onogumbe.8Kuzo izinto ezizitho zine ezihlambulukileyo, nakuzo izinto ezizitho zine eziziinqambi, nakuzo iintaka, nakuzo zonke izinto ezinambuzelayo emhlabeni,9kwangena ngambini, ngambini, kuNowa emkhombeni, inkunzi nemazi, njengoko uThixo abemwisele umthetho uNowa.10Kwathi emva kweentsuku ezisixhenxe, amanzi onogumbe abakho ehlabathini.11Ngomnyaka wamakhulu omathandathu wokudla ubomi kukaNowa, ngenyanga yesibini, ngosuku lweshumi elinesixhenxe enyangeni leyo, kanye ngayo loo mini, yagqabhuka yonke imithombo yamanzi enzonzobila enkulu, iingcango zezulu zavuleka.12Wabakho umvumbi wemvula ehlabathini iimini ezimashumi mane nobusuku obumashumi mani.13Wangena emkhombeni kwangaloo mini uNowa, noShem noHam noYafete, oonyana bakaNowa, nomkaNowa, nabafazi bobathathu boonyana bakhe, ndawonye naye.14Bona, neento zonke eziphilileyo ngohlobo lwazo, nezinto zonke ezizitho zine ngohlobo lwazo, nezinambuzane zonke ezinambuzelayo emhlabeni ngohlobo lwazo, neentaka zonke ngohlobo lwazo, iinto zonke eziphaphazelayo, ezinamaphiko,15zangena kuNowa emkhombeni, ngambini, ngambini, kwinyama yonke enomoya wokuphila kuyo.16Zangena iinkunzi neemazi kwinyama yonke; zangena njengoko uThixo abemwisele umthetho. UYehova wamvalela ngaphakathi.17Yaba ngunogumbe imihla emashumi mane ehlabathini, enyuka amanzi, awufukula umkhombe, wafunquleka emhlabeni.18Aba namandla amanzi, enyuka kunene ehlabathini, wahamba umkhombe phezu kwamanzi.19Aba namandla amanzi kunene kakhulu ehlabathini, zagutyungelwa zonke iintaba eziphakamileyo kakhulu, eziphantsi kwamazulu onke.20Aba namandla amanzi, ada aba ziikubhite ezilishumi elinantlanu, ethabathela phezulu; zagutyungelwa ke iintaba.21Yaphuma umphefumlo yonke inyama enambuzelayo emhlabeni, kwiintaka, nakwizinto ezizitho zine, nakwizinto eziphilileyo, nakwinyakanyaka yonke enyakazelayo emhlabeni, nabantu bonke.22Iinto zonke ezikuphefumla komoya wokuphila kusemathatheni azo, kwiinto zonke ezisemhlabeni owomileyo, zafa.23Zabhujiswa ke izinto zonke ezimiyo, eziphezu komhlaba, kwathabathela emntwini kwesa ezintweni ezizitho zine, nasezinambuzaneni, nasezintakeni zezulu; zabhujiswa azabakho ehlabathini; kwasala uNowa yedwa, nababenaye emkhombeni.24Aba namandla amanzi ehlabathini imihla elikhulu elinamanci mahlanu.