Xhosa

Isaiah

41

1Yithini tu phambi kwam, ziqithi; izizwe mazihlaziye amandla; mazize zisondele, zandule zithethe; masiqubisane ematyaleni.2Ngubani na ovuse empumalanga lowo ukhawulelwa bubulungisa ezinyaweni zakhe? Unikela iintlanga phambi kwakhe, unyathela ookumkani, ubanikela ekreleni lakhe njengothuli, esaphetheni sakhe njengomququ ophetshethwayo.3Uyabasukela, udlula enoxolo ngomendo abengawuhambanga ngeenyawo zakhe.4Ngubani na okusebenzileyo wakwenza oko, obiza izizukulwana kwasentloko? Ndim, mna Yehova, ndingowokuqala; nakwabangasemva ndikwanguye.5Iziqithi zabona zoyika, iziphelo zehlabathi zagubha, zasondela, zeza.6Umntu wamnceda ummelwane wakhe, wathi kumzalwana wakhe, Yomelela.7Ingcibi yomeleza umnyibilikisi; ogudisayo ngesando womeleza obetha esikhandelweni, esithi, Kulungile; wasiqinisa ngezikhonkwane, ukuba singashukumi isithixo.8Ke wena Sirayeli, mkhonzi wam Yakobi, wena ndakunyulayo, mbewu ka-Abraham umthandi wam;9endakubambayo kwaseziphelweni zehlabathi, endakubizayo kwasemacaleni alo; endathi kuwe, Ungumkhonzi wam wena, ndikunyule, andikucekisile;10musa ukoyika, kuba ndinawe mna; musa ukubhekabheka, kuba ndinguThixo wakho; ndikukhaliphisile, ewe, ndikuncedile, ndikuxhasile ngesandla sam sokunene sobulungisa bam.11Yabona, baya kudana bahlazeke bonke abavutha umsindo ngawe; aya kuba yinto engento, adake amadoda abambana nawe.12Uya kuwafuna, ungawafumani, amadoda aphikisana nawe; aya kuba yinto engento, engekhoyo, amadoda alwa nawe.13Ngokuba mna, Yehova Thixo wakho, ndiya kusibamba isandla sakho sokunene; ndingothi kuwe, Musa ukoyika, ndiya kukunceda mna.14Musa ukoyika, mbungu Yakobi, bantu bambalwa bakwaSirayeli; ndiya kukunceda mna; utsho uYehova, uMkhululi wakho oyiNgcwele kaSirayeli.15Yabona, ndikwenze isisizilo esibukhali esitsha, esintlangothi mbini; uya kuzi bhula iintaba uzicole, iinduli uzixelise umququ.16Uya kuzela, umoya uzitha bathe, umoya ovuthuzayo uziphangalalise; ke wena ugcobe ngoYehova, uqhayise ngoyiNgcwele kaSirayeli.17Ke abaziintsizana nabangamahlwempu baya kufuna amanzi, angabikho, ulwimi lwabo lome linxano; mna Yehova ndiya kubaphendula; mna, Thixo kaSirayeli, andiyi kubashiya.18Ndiya kuyivula imilambo eluqayini, nemithombo phakathi kweentili, ndenze intlango ibe lidike elinamanzi, nomhlaba ongumqwebedu ube ziindawo eziphuma amanzi.19Ndiya kutyala entlango imisedare, nemingampunzi, nemimirtile, neminquma yasendle, ndimise enkqantosini imisipres, nemipleyini, nemigalagala, ndawonye;20ukuze babone, bazi, bagqale ngentliziyo, baqiqe kunye, ukuba isandla sikaYehova sikwenzile oko, oyiNgcwele kaSirayeli ukudalile oko.21Sondezani iindawo enibambene ngazo, utsho uYehova; zimiseni iziganeko zenu, utsho uKumkani kaYakobi.22Mabazizise, basixelele okuza kuhla; mabaxele izinto zangaphambili, ubunjani bazo, sizigqale ngeentliziyo, silazi ikamva lazo; nokuba zezizayo siviseni.23Xelani izinto ezizayo ngasemva, ukuze sazi ukuba ningoothixo; ewe, yenzani okulungileyo, nokuba kokubi, sikhwankqiswe, sibonisane ngako.24Yabonani, ningabento engento, nomsebenzi wenu awuni yani; ulisikizi oninyulayo.25Ndivuse owasentla, weza; owasempumalanga, onqula igama lam; uzifikela iirhuluneli njengodaka, njengombumbi exovula udongwe.26Ngubani na owakuxelayo oko kwasekuqaleni? makavele sazi; owakuxelayo ngenxa engaphambili makavele, sithi, Ulungisile. Hayi, akukho waxelayo; hayi, akukho wavakalisayo; hayi, akukho wazivayo iintetho zenu.27Ndim endaqala ndathi kwiZiyon, Yabona, nanzo; ndayinika iYerusalem umshumayeli weendaba ezilungileyo.28Kuba ndakhangela, akwabakho bani; nakwaba akwabakho bacebisi ndingababuzayo, baphendule ngelizwi.29Yabona, bonke bephela bayinto engento, ziyinto engekhoyo izenzo zabo, imifanekiso yabo etyhidiweyo ingumoya nochuku.