Xhosa

Isaiah

53

1Ngubani na okholiweyo ludaba lwethu, nengalo kaYehova ityhileke kubani na?2Kuba yena umkhonzi unyuka njengegatya phambi kwakhe, njengehlumelo eliphuma ezweni elingumqwebedu, engenasithomo nabungangamela; sakukhangela, akwabakho kubonakala ukuba masimnqwenele.3Udeliwe, ushiyiwe ngabantu; yindoda enomvandedwa, eqhelene nesifo wanga ngulowo kusitheliswa kuye ubuso, udeliwe, thina ke asambeka.4Okwenene, uzithabathele phezu kwakhe izifo zethu, wathwala umvandedwa wethu, ke thina besiba ungobandezelwayo nguThixo, ungocinezelwa nguye.5Kanti yena uhlatywe ngenxa yezikreqo zethu, watyunyuzwa ngenxa yezenzo zethu ezigwenxa; ubetho lokuba sibe noxolo thina lube luphezu kwakhe; siphiliswe ngemivumbo yakhe.6Thina zonke salahleka njengeegusha, sabheka elowo endleleni yakhe, waza uYehova wamwela ngobugwenxa bethu sonke.7Wakhandaniswa, wazithoba, engawuvuli umlomo wakhe, njengemvana esiwa ekuxhelweni; nanjengegusha esisidenge phambi kwabachebi bayo, akawuvula umlomo wakhe.8Uthatyathwe ekuxinweni nasematyaleni; esizukulwaneni sakhe ngubani na owathelekelela ukuthi, unqanyulwe ezweni labaphilileyo, ubandezelwe ngenxa yesikreqo sabantu bakowethu?9Lamiswa nawaboni ingcwaba lakhe—ke laba nosisityebi, akuba efile; ekubeni engenzanga lugonyamelo, kungabangakho nkohliso emlonyeni wakhe.10UYehova ke wathanda ukumtyumza nokumvisa isifo. Xa uthe umphefumlo wakhe wawenza idini letyala, woyibona imbewu yakhe, abe nemihla emide; ukuthanda kukaYehova kube nempumelelo ngesandla sakhe.11Ngokwaphuka komphefumlo wakhe wobona, aneliswe; ngokwazi kwakhe, umkhonzi wam olilungisa uya kugwebela abaninzi, athwale yena izenzo zabo ezigwenxa.12Ngako oko ndiya kumahlulela isahlulo nabakhulu, alabe nabanegunya ixhoba, ngethuba lokuba ewuminyele ekufeni umphefumlo wakhe, wavuma ukubalelwa kubakreqi, akubon’ ukuba usithabathile phezu kwakhe isono sabaninzi, ebathandazele abakreqi.