1Ngubani na lo uza evela kwaEdom, evela eBhotsera, zibomvu iingubo zakhe? Lo uyingangamsha ngesambatho sakhe, enyalasa ebuninzini bamandla akhe? Ndim, mna uthetha ngokobulungisa, mna umkhulu ukusindisa.2Yini na ukuba sibe yingqombela isambatho sakho, neengubo zakho zibe njengezoxovula esixovulelweni sewayini?3Isifaxangelo ndisixovule ndedwa; ezizweni akubangakho bani inam; ndazixovula ndinomsindo, ndazinyasha ndishushu; igazi lazo lachaphazela iingubo zam, ndasidyobha sonke isambatho sam.4Kuba umhla wempindezelo ubusentliziyweni yam, nomnyaka wokukhulula kwam ngokuhlawulela ufikile.5Ndabheka, akwabakho mncedi; ndamangaliswa ukuba kungabikho mxhasi; yandisindisela ke ingalo yam, nobushushu bam baba ngumxhasi wam.6Ndazigqusha izizwe ndinomsindo, ndazinxilisa ndinobushushu, ndalihlisela emhlabeni igazi lazo.7Ndiya kukhankanya iinceba zikaYehova, iindumiso zikaYehova ngokokufanele konke ukusiphatha kukaYehova; nokulunga kwakhe okukhulu kwindlu kaSirayeli, awayiphatha ngako ngokwemfesane yakhe, nangokobuninzi beenceba zakhe.8Wathi okwenene, Bangabantu bam ke, oonyana abangayi kuxoka; waba ngumsindisi kubo ke.9Ekubandezelekeni kwabo konke wabandezeleka, nesithunywa sobuso bakhe sabasindisa; ekubathandeni kwakhe nasekubacongeni kwakhe wayebakhulula ngokumisela yena, wabafunqula; wabathwala yonke imihla yasephakadeni.10Ke bona bamphikisa, bamenza buhlungu uMoya wakhe oyiNgcwele; waguquka ke, waba lutshaba kubo, walwa nabo.11Baza abantu bakhe bakhumbula imihla yasephakadeni kaMoses, bathi, Uphi na lo wabanyusa elwandle, ndawonye nomalusi womhlambi wakhe? Uphi na lowo wawubeka phakathi kwabo uMoya wobungcwele bakhe?12wayihambisa ngasekunene kukaMoses ingalo yokuhomba kwakhe? wawacanda amanzi phambi kwabo, ukuze azenzele igama elingunaphakade?13wabahambisa emanzini anzongonzongo, njengehashe entlango, abakhubeka?14Njengeenkomo ezihla ziye entilini, uMoya kaYehova wabaphumza; wenjenjalo ukubaqhuba abantu bakho, ukuze uzenzele igama elizukileyo.15Bheka usemazulwini, ubone usengontsini yobungcwele bakho neyesihombo sakho. Buphi na ubukhwele bakho nobugorha bakho? Ukusika kwezibilini zakho neemfesane zakho zibambekile kum.16Kuba ungubawo wena, ngokuba uAbraham engasazi, uSirayeli engasinakani; wena, Yehova, unguBawo, uMkhululi wethu ligama lakho kwasephakadeni.17Yini na ukuba usiyeke sidungudele, Yehova, simke ezindleleni zakho, uyiqaqadekise intliziyo yethu, singakoyiki wena? Buya, ngenxa yabakhonzi bakho, izizwe zelifa lakho.18Abantu bakho abangcwele badla ilifa umzuzwana; ababandezeli bethu bayigqusha ingcwele yakho.19Sisuke saba njengabo ungabalawulanga kwasephakadeni, abangabizwanga ngegama lakho.