1Kwafika ke ilizwi likaYehova kum, lisithi,2Yiya, umemeze ezindlebeni zeYerusalem, uthi, Utsho uYehova ukuthi, Ndikukhumbulele inceba yobutsha bakho, uthando lobutshakazi bakho, ukundilandela kwakho entlango, ezweni elingahlwayelwayo.3Ubengcwele uSirayeli kuYehova, intlahlela yakhe yongeniselo; bonke abamdlayo bozeka ityala, bofikelwa bububi; utsho uYehova.4Liveni ilizwi likaYehova, ndlu kaYakobi, nonke mizalwane yendlu kaSirayeli.5Utsho uYehova ukuthi, Bafumana bubi buni na kum ooyihlo, le nto bakhwelela kude kum, balandela izinto ezingento, baba yinto engeyakonto?6Abatsho ukuthi, Uphi na uYehova owasinyusayo, wasikhupha ezweni laseYiputa, owasihambisa entlango, ezweni eliyinkqantosi, lezihogo, ezweni elingumqwebedu, elethunzi lokufa, ezweni elingacandi mntu, elingahlali mntu?7Ndaningenisa ezweni elimasimi achumayo, ukuba nidle iziqhamo zalo, nezinto ezilungileyo zalo; ukanti nakungena nalenza inqambi ilizwe lam, ilifa lam nalenza langamasikizi.8Ababingeleli abatshongo ukuthi, Uphi na uYehova? Abaphathi bomyalelo abandazanga, nabalusi bakreqa kum; nabaprofeti baprofeta ngoBhahali, balandela abangancedi nto.9Ngako oko ndisaya kubambana nani, utsho uYehova, ndibambane noonyana boonyana benu.10Kuba welani, niye eziqithini zamaKiti, nibone; nithume nakwaKedare, nigqale kunene, nikhangele ukuba zikhe zakho na izinto ezinjalo;11ukuba uhlanga lwakhe lwananisa na ngoothixo balo, bengethixo ke bona? Ke bona abantu bam banane ngozuko lwabo into engancediyo.12Mangaliswani, mazulu, yile nto, nibe namanwele, niqothole kunene; utsho uYehova.13Ngokuba benze ububi obubini abantu bam: bandishiyile mna, thende lamanzi aphilileyo; bazimbele amaqula, amaqula aqhekekileyo, angagcini manzi.14USirayeli ulikhoboka na? Ulelizalelwe ekhaya na? Kungathubani na, ukuba abe yinto ephangiweyo?15Zimbharhulele iingonyama ezintsha, zalikhupha izwi lazo, zalenza laba senkangala ilizwe lakhe, imizi yakhe yafakwa isikhuni, ayaba nabemi.16Kananjalo oonyana baseNofu nabaseTapanesi badlela elukakayini lwakho.17Oko asikukwenza kwakho na, ngokushiya kwakho uYehova uThixo wakho, ngexesha abekuhambisa ngendlela?18Okanye yintoni na enawe nendlela yaseYiputa, ukuba usele amanzi oMnayile? Yintoni na enawe nendlela yaseAsiriya, ukuba usele amanzi oMlambo lowo?19Buya kukuthethisa ububi bakho, nokuphamba kwakho kuya kukohlwaya; yazi ke ubone, ukuba kubi, kukrakra, ukumshiya uYehova uThixo wakho, nokuthi ungankwantyi phambi kwam; itsho iNkosi, uYehova wemikhosi.20Ngokuba kususela kwakude, uyaphule idyokhwe yakho, waziqhawula izitropu zakho; wathi, Andiyi kukukhonza; kuba ezindulini zonke ezinde, naphantsi kwemithi yonke eluhlaza, wazolula ngokwehenyukazi.21Mna ke ndakutyala ungumdiliya wohlobo, wonke uphela uyimbewu yenyaniso; utheni na ke ukujika, ube ngamasebe angcakacileyo omdiliya ongeguwo kum?22Ungafanelana uzihlikihla ngesoda, wathabatha isepha eninzi: ubugwenxa bakho buhleli budyobhekile phambi kwam; itsho iNkosi uYehova.23Ungathini na ukuthi, Andizenzanga inqambi, andibalandelanga ooBhahali? Yibone indlela yakho emfuleni lowo, ukwazi okwenzileyo, wena mazi yenkamela enamendu, etshobela ngapha nangapha;24mazi ye-esile lasendle, eqhele intlango, ethi ngokunqwena kwayo isezele umoya; ukungxamela kwayo inkunzi, ngubani na ongakubuyisayo? Bonke abayifunayo abazidinisi; boyifumana ngenyanga yayo.25Luthintele unyawo lwakho lungabi ze, nomqala wakho unganxanwa. Uthi ke wena, Kuncamekile; hayi, kuba ndibathandile abasemzini, ndiya kubalandela ke.26Njengokudana kwesela lakufunyanwa, kunjalo ukudana kwendlu kaSirayeli: bona ngokwabo, nookumkani babo, nabathetheli babo, nababingeleli babo, nabaprofeti babo;27besithi emthini, Ungubawo; nasetyeni, Undizele; ngokuba bandinikela ikhosi, abandinikela buso ngexesha ke lobubi babo baya kuthi, Suk ume usisindise.28Baphi na kaloku oothixo bakho ozenzeleyo? Mabasuke beme, ukuba boba nokukusindisa na ngexesha lobubi bakho; kuba oothixo bakho babengangenani lemizi yakho, Yuda.29Yini na ukuba nibambane nam? Nonke niphela nikreqile kum; utsho uYehova.30Ndifumane ndababetha oonyana benu; intethiso abayamkelanga; ikrele lenu lidle abaprofeti benu njengengonyama edlavulayo.31Sizukulwanandini, likhangeleni ilizwi likaYehova. Bendiyintlango na kuSirayeli? Bendililizwe lesithokothoko na? Kungathuba lini na ukuba bathi abantu bam, Siyaphaphatheka, asizi kuwe?32Iyazilibala na intombi izivatho zayo, umtshakazi uyazilibala na iinqwemesha zakhe? Ke bona abantu bam bandilibele imihla engenakubalwa.33Uyakwazi ukuyilungisa indlela yakho ngokufuna uthando; ngako oko iindlela zakho uziqhelisa izinto ezimbi.34Kwanasemasondweni akho kufumaneka igazi lemiphefumlo yamahlwempu amsulwa; akuwafumananga egqobhoza zindlu: bekungenxa yoku konke.35Ukanti uthi ke, Ndimsulwa, ewe, umsindo wakhe ubuyile kum. Yabona, ndiya kumangalelana nawe ngenxa yokuba usithi, Andonanga.36Yini na ukuba uzulazule kangaka, uyijike indlela yakho? Uya kudana ngenxa yeYiputa, njengokuba udanile ngenxa yeAsiriya.37Nakuyo leyo uya kuphuma, zisentloko izandla zakho; ngokuba uYehova uya kubacekisa okholose ngabo, ungabi nampumelelo ngabo.