Xhosa

Jeremiah

30

1Ilizwi elafikayo kuYeremiya, livela kuYehova, lalisithi,2Utsho uYehova, uThixo wakwaSirayeli, ukuthi, Wabhale encwadini onke amazwi endiwathethileyo kuwe;3ngokuba, uyabona, kuza imihla, utsho uYehova, endiya kukubuyisa ukuthinjwa kwabantu bam amaSirayeli namaYuda, utsho uYehova; ndibabuyisele ezweni endalinika ooyise, ukuba balime.4Ngawo la ke amazwi, awawathethayo uYehova ngokusingisele kumaSirayeli, nakumaYuda.5Utshilo ke uYehova ukuthi, Sive izwi eligubhisayo; lelinkwantyisayo, asililo eloxolo.6Khanibuzise nikhangele, ukuba indoda yakha yamitha na? Yini na ukuba ndibone abafo bonke, izandla zabo zisemanqeni abo njengomfazi ozalayo, ubuso bonke busuke baluthuthu?7Athi ke ukuba mkhulu loo mhla! Akukho unjengawo; lixesha lembandezelo kuYakobi; ke uya kusindiswa kuyo.8Kothi ke ngaloo mhla, utsho uYehova wemikhosi, ndiyaphule idyokhwe yakhe entanyeni yakho, ndiziqhawule izitropu zakho, bangabi samkhonzisa abasemzini;9bakhonze uYehova uThixo wabo, noDavide ukumkani wabo, endiya kubavelisela yena.10Ke wena musa ukoyika, mkhonzi wam Yakobi, utsho uYehova, ungaqhiphuki umbilini, Sirayeli; ngokuba, uyabona, ndiya kukusindisa usekude, nembewu yakho ezweni ethinjelwe kulo, abuye uYakobi, azole, onwabe, angagubhi.11Ngokuba ndinawe, utsho uYehova, ukuze ndikusindise; ngokuba ndiya kuzigqibela kuphele iintlanga zonke endakuphangalalisela kuzo; kodwa andiyi kukugqibela kuphele; ndokuthethisa ngokusesikweni, ndingathi umsulwa kwakanye.12Ngokuba utsho uYehova ukuthi, Ukwaphuka kwakho asikuko nokuba kuyabulala, libuhlungu inxeba lakho.13Akukho ugweba ityala lakho, upholisa inxeba; akunaye okubophayo.14Zonke izithandane zakho zikulibele, azikukhathalele; ngokuba ndikubethile ngobetho lotshaba, ngentethiso enobujorha, ngenxa yobuninzi bobugwenxa bakho, ngenxa yokuba zininzi izono zakho.15Ukhalelani na ngenxa yokwaphuka kwakho? Asikuko nokuba uyabulala umvandedwa wakho! Ndizenzile ezo nto kuwe ngenxa yobuninzi bobugwenxa bakho, nangenxa yokuba zininzi izono zakho.16Ngako oko bonke abakudlayo baya kudliwa, nababandezeli bakho bonke bephela baya kuthinjwa, nabadywidi bakho badywidwe nabaphangi bakho bonke ndibanikele ekuphangweni.17Ngokuba ndiya kukubopha, ndiyipholise imivumbo yakho, utsho uYehova; ngokokuba bathi unguGxothiwe, uyiZiyon engakhathalelwe bani.18Utsho uYehova ukuthi, Yabona ndiya kukubuyisa ukuthinjwa kweentente zikaYakobi, ndibe nemfesane ngenxa yeminquba yakhe; umzi wakhelwe emmangweni wawo, luhlalwe uxande olude ngokwesiko lalo.19Wophuma kuzo umbulelo nezwi labaqambayo; ndibandise, bangabi mbalwa; ndibazukise, banganciphi.20Oonyana babo boba njengokwamandulo, lizimaseke phambi kwam ibandla labo, ndibavelele bonke abaxini babo.21Ingangamsha yabo iya kuvela kubo, umlawuli wabo aphume kwaphakathi kwabo; ndimsondeze, afike kum, ngokuba ngubani na omele intliziyo yakhe, ukuba afike kum? utsho uYehova.22Niya kuba ngabantu bam, mna ndibe nguThixo wenu.23Nango umoya kaYehova ovuthuzayo; nabo buphuma ubushushu; umoya ovuthuzayo, okhukulisayo, uya kuqhwithela entlokweni yabangendawo.24Akuyi kubuya ukuvutha komsindo kaYehova, ade ayenze, ade ayimise iminkqangiyelo yentliziyo yakhe; ekupheleni kwemihla niya kukuqonda oko.