1Ilizwi elafikayo kuYeremiya, livela kuYehova, ngomnyaka weshumi kaZedekiya ukumkani wakwaYuda; loo mnyaka ke ngumnyaka weshumi elinesibhozo kaNebhukadenetsare.2Oko ke impi yokumkani waseBhabheli ibiyingqingile iYerusalem, uYeremiya umprofeti evalelwe entendelezweni yentolongo, yendlu yokumkani wakwaYuda.3Kuba ebevalelwe kuyo nguZedekiya ukumkani wakwaYuda, esithi, Yini na ukuba uthi ukuprofeta kwakho, Utsho uYehova ukuthi, Yabona, ndiyawunikela lo mzi esandleni sokumkani waseBhabheli, ukuba awuthimbe;4angasindi esandleni samaKaledi uZedekiya ukumkani wakwaYuda; uya kunikelwa okunene esandleni sokumkani waseBhabheli; umlomo wakhe uthethe nomlomo wakhe, amehlo akhe abone amehlo akhe;5amse uZedekiya eBhabheli, abe khona ndide ndimvelele, utsho uYehova; xa nithe nalwa namaKaledi, aniyi kuba nampumelelo.6Wathi uYeremiya, Kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi,7Yabona, uHanameli, unyana kaShalum uyihlokazi, uza kuwe, esithi, Yithenge intsimi yam eseAnatoti; ngokuba kulunge nawe ukuyithenga uyikhulule ngentlawulelo.8Weza ke kum entendelezweni yentolongo uHanameli, unyana kabawokazi, ngokwelizwi likaYehova, wathi kum, Khawuyithenge intsimi yam eseAnatoti, esezweni lakwaBhenjamin; ngokuba lilunge nawe ilifa, kokwakho ukuyikhulula ngokumisela; zithengele. Ndazi ke ukuba lilizwi likaYehova elo.9Ndayithenga ke intsimi kuHanameli, unyana kabawokazi, eseAnatoti, ndamlinganisela imali leyo, iishekele ezilishumi zesilivere ezineeshekele ezisixhenxe.10Ndakubhala ke encwadini, ndayitywina, ndangqinisa amangqina, ndayilinganisela imali ngesikali.11Ndayithabatha ke incwadi yentengo, leyo itywiniweyo inomthetho nemimiselo, naleyo ivulekileyo;12ndayinikela incwadi yentengo kuBharuki unyana kaNeriya, unyana kaMaseya, emehlweni kaHanameli okabawokazi, nasemehlweni amangqina lawo abhalileyo encwadini yentengo, nasemehlweni amaYuda onke abehleli entendelezweni yentolongo.13Ndamwisela uBharuki umthetho emehlweni abo, ndisithi,14Utsho uYehova wemikhosi, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Thabatha ezi ncwadi, incwadi yentengo le itywiniweyo, nencwadi le ivulekileyo, uzibeke esityeni somdongwe, ukuze zihlale imihla emininzi.15Ngokuba utsho uYehova wemikhosi, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Kuya kubuya kuthengwe izindlu, namasimi, nezidiliya, kweli lizwe.16Ndathandaza kuYehova emveni kokuyinikela kwam incwadi yentengo kuBharuki unyana kaNeriya, ndathi,17Awu, Nkosi yam Yehova, yabona, walenza izulu nehlabathi ngamandla akho amakhulu, nangengalo yakho eyolukileyo; akukho nto ikunqabeleyo.18Unguwenza inceba kumawaka, uphindezela ubugwenxa booyise esondweni loonyana babo emva kwabo; uloThixo mkhulu, uligorha, ugama lakhe linguYehova wemikhosi;19ucebo likhulu, uzenzo zincamisileyo ngamandla; umehlo avulekileyo phezu kweendlela zonke zoonyana babantu, ukuba umnike ulowo ngokweendlela zakhe, nangokweziqhamo zezenzo zakhe;20wamisayo imiqondiso nezimanga ezweni laseYiputa, unanamhla, nakumaSirayeli nakwabanye abantu, wazenzela igama, njengoko kunjalo namhla.21Wabakhupha abantu bakho amaSirayeli ezweni leYiputa ngemiqondiso, nangezimanga, nangesandla esithe nkqi, nangengalo eyolukileyo, nangoloyikiso olukhulu.22Wabanika eli lizwe wabafungelayo ooyise, ukuba ubanike ilizwe elibaleka amasi nobusi.23Beza ke balihlala; kodwa abaliphulaphula izwi lakho, abahamba ngomyalelo wakho; konke owabawiselayo umthetho ngako ukuba bakwenze, abakwenza; wabahlisela ke bonke obu bubi.24Yabona, iindonga zokungqinga zifikile kulo mzi, ukuba ziwuthimbe; umzi ke unikelwe esandleni samaKaledi alwayo nawo ngekrele, nangendlala, nangendyikitya yokufa. Ilizwi owalithethayo lenzekile; nali ulibona.25Ke wena, Nkosi yam Yehova, uthe kum, Zithengele intsimi ngemali, ungqinise amangqina; wakubona ukuba umzi lo unikelwe esandleni samaKaledi.26Kwafika ilizwi likaYehova kuYeremiya, lisithi,27Yabona, ndinguYehova, uThixo wenyama yonke; kukho nto indinqabeleyo na?28Ngako oko utsho uYehova ukuthi, Yabona, ndiyawunikela lo mzi esandleni samaKaledi, nasesandleni sikaNebhukadenetsare, ukumkani waseBhabheli, ukuba awuthimbe;29eze amaKaledi alwayo nalo mzi, awufake isikhuni, awutshise nezindlu abeqhumisela kuBhahali phezu kophahla lwazo, bathululela thixweni bambi iminikelo ethululwayo, ukuze bandiqumbise.30Ngokuba oonyana bakaSirayeli noonyana bakaYuda baye besenza ububi bodwa emehlweni am kwasebuncinaneni babo; ngokuba oonyana bakaSirayeli ngabaqumbisi bodwa kum, ngezenzo zezandla zabo; utsho uYehova.31Ngokuba lo mzi waba sisisulu somsindo wam nobushushu bam, kususela kwimini owakhiwa ngayo, kude kube yile mini; ukuze ndiwususe ebusweni bam,32ngenxa yobubi bonke boonyana bakaSirayeli noonyana bakaYuda, ababenzileyo ukuba bandiqumbise, bona, nookumkani babo, nabathetheli babo, nababingeleli babo, nabaprofeti babo, namadoda akwaYuda, nabemi baseYerusalem.33Bandinikela ikhosi, abandinikela ubuso; bafundiswa, befundiswa kwakusasa, abaphulaphula ububa bakuvume ukuqeqeshwa.34Babeka izinto zabo ezinezothe endlwini ebizwa ngegama lam, ukuze bayenze inqambi;35bamakhela uBhahali iziganga ezisemfuleni wakwaBhen-hinom, ukuze babacandisele uMoleki oonyana babo neentombi zabo, into endingabawiselanga mthetho ngayo, engathanga qatha entliziyweni yam, ukuba bawenze loo masikizi, ukuze bawenze one amaYuda.36Kukaloku ke, ngako oko utsho uYehova, uThixo kaSirayeli, ngokusingisele kulo mzi, enithi, Unikelwe esandleni sokumkani waseBhabheli ngekrele, nangendlala, nangendyikitya yokufa: ukuthi,37Yabona, ndiyababutha emazweni onke, endabagxothela kuwo ngomsindo wam, nangobushushu bam, nangoburhalarhume obukhulu; ndobabuyisela kule ndawo, ndibahlalise bekholosile.38Baya kuba ngabantu bam, mna ndibe nguThixo wabo;39ndibanike intliziyo enye, nendlela enye, ukuze bandoyike imihla yonke, kulunge kubo, nakoonyana babo emva kwabo.40Ndiya kubenzela umnqophiso ongunaphakade, ukuba ndingabuyi ekubalandeleni, ukuba ndibenzele okulungileyo, ndibeke ukundoyika entliziyweni yabo, ukuze bangandishiyi.41Ndoba nemihlali ngabo, ndibenzele okulungileyo, ndibatyale kweli lizwe ndinyanisile, ngentliziyo yam yonke nangomphefumlo wam wonke.42Ngokuba utsho uYehova ukuthi, Njengoko ndabaziselayo aba bantu bonke obu bubi bukhulu kangaka, ndiya kwenjenjalo ukubazisela konke okulungileyo endikuthethayo ngabo.43Kuya kuthengwa amasimi kweli lizwe nithi, Kusenkangala, alinabantu nankomo, linikelwe esandleni samaKaledi.44Baya kuthenga amasimi ngemali, bawabhale encwadini, itywinwe; bathabathe amangqina ezweni lakwaBhenjamin, nangeenxa zonke kwiYerusalem, nasemizini yakwaYuda, nasemizini yasezintabeni, nasemizini yasezithabazini, nasemizini yelasezantsi; ngokuba ndiya kukubuyisa ukuthinjwa kwabo; utsho uYehova.