Xhosa

Jeremiah

4

1Ukuba uthe wabuya, Sirayeli, utsho uYehova, wabuyela kum; wawasusa amazothe akho phambi kwam, akwaphalaphala;2wafunga wathi, Ehleli nje uYehova, ngokwenyaniso, ngokusesikweni, nangobulungisa; zozisikelela ngaye iintlanga, ziqhayise ngaye.3Ngokuba uthi uYehova kumadoda akwaYuda nakwiYerusalem, Zikhubeleleni intsinde, ningahlwayeli emithaneni enameva.4Zaluseleni kuYehova, nisuse ukungaluki kwentliziyo yenu, madoda akwaYuda, bemi baseYerusalem; hleze buphume ubushushu bam njengomlilo, buvuthe kungabikho ucimayo, ngenxa yobubi beentlondi zenu.5Xelani kwaYuda, nivakalise eYerusalem, nithi, Vuthelani isigodlo elizweni; dandulukani, nithi, Hlanganisanani, singene emizini enqatyisiweyo.6Phakamisani ibhanile ngaseZiyon, sabani, ningemi; kuba entla ndizisa ububi, nembubhiso enkulu.7Kunyuka ingonyama iphuma entshinyeleni yayo yehlathi, kunduluka umonakalisi weentlanga; uphuma endaweni yakhe, ukuze aliphanzise ilizwe lakho, imizi yakho yenziwe imiwewe, ingabi nabemi.8Ngenxa yoko bhinqani ezirhwexayo, nimbambazele, nibhomboloze; ngokuba ukuvutha komsindo kaYehova akubuyanga kuthi.9Kothi ke ngaloo mini, utsho uYehova, iphele intliziyo yokumkani nentliziyo yabathetheli; bamangaliswe ababingeleli, bangakhulumi abaprofeti.10Ndathi ke, Kwowu, Nkosi Yehova, inyaniso, ubalukuhlile kakhulu aba bantu neYerusalem, usithi, Niya kuba noxolo; libe ikrele lide lafika emphefumlweni.11Ngelo xesha kuya kuthiwa kwaba bantu nakwiYerusalem, Umoya olulophu lwaseluqayini entlango uza ngendlela yentombi yabantu bam, ungazeli kwela, ungazeli kucoca;12umoya onamandla ngaphezu kwezo nto uzela mna; ngoku nam ndiya kuthetha nabo imigwebo.13Yabona, unyuka njengamafu, zinjengesaqhwithi iinqwelo zokulwa zawo; anamendu kunamaxhalanga amahashe awo. Yeha ke thina, ngokuba sibhuqiwe!14Yihlambulule ububi intliziyo yakho, Yerusalem, ukuze usindiswe. Kunini na zilalisile phakathi kwakho iingcinga zakho zobutshinga?15Ngokuba ilizwi lixelile, liphuma kwaDan, livakalisa ububi ezintabeni zakwaEfrayim:16khankanyani ezintlangeni; yabonani, vakalisani eYerusalem, nithi, Abangqingi beza bevela ezweni elikude, belikhuphela ilizwi labo phezu kwemizi yakwaYuda.17Njengabalindi bamasimi bayichasa ngeenxa zonke; ngokuba ibineenkani kum, utsho uYehova.18Iindlela zakho neentlondi zakho zakwenzela oko. Zizinto zakho ezimbi ezo, inene zikrakra, inene zifike entliziyweni yakho.19Izibilini zam, izibilini zam! Ndiyazibhijabhija iingontsi zentliziyo yam! Iyaxokozela intliziyo yam, andinakuthi tu! Kuba usivile isandi sesigodlo, mphefumlo wam, ukuhlatywa komkhosi wemfazwe.20Kumenyezwa intshabalalo kantshabalalo, ngokuba libhuqiwe lonke ilizwe; zibhuqiwe ngesiquphe iintente zam; ngephanyazo, amalengalenga am.21Kunini na ndibona ibhanile, ndisiva isandi sesigodlo?22Kuba bamathile abantu bam, mna abandazi; ngoonyana abazizidenge, abanangqondo bona; banobulumko bokwenza ububi, ukulungisa abakwazi.23Ndakhangela emhlabeni, nanko kusenyanyeni, lilubala; nasezulwini, akwabakho kukhanya kulo.24Ndakhangela ezintabeni, nanzo zinyikima, neenduli zonke zididizela.25Ndakhangela, nanko ke kungekho mntu, neentaka zonke zezulu zibalekile.26Ndakhangela, nantso iKarmele iyintlango, yonke imizi yayo idilikile phambi koYehova, phambi kokuvutha komsindo wakhe.27Ngokuba utsho uYehova ukuthi, Kuya kuba senkangala kulo lonke ilizwe; kodwa ndingaligqibeli kuphele.28Ngenxa yoko ihlabathi liya kuba nesijwili, libe nezimnyama zokuzila izulu ngaphezulu; ngenxa enokuba ndithethile, ndinkqangiyele, andisayi kuzohlwaya, andiyi kubuya umva kuloo nto.29Ngesandi sabamahashe nabezaphetha, iyabaleka yonke imizi; bangena ezintshinyeleni zehlathi, benyuka emixawukeni; yonke imizi ishiyiwe, akuhlali mntu kuyo.30Ke wena ubhuqiweyo, uyakuthini na? Nokuba uthe wambatha ezibomvu, nokuba uthe wavatha izivatho zegolide, nokuba uthe wawazoba amehlo akho ngestibhiya, ufumane wahomba: ziya kukucekisa izithandane, zifuna umphefumlo wakho,31Ngokuba ndive ilizwi elinjengelomfazi onenimba, imbandezelo enjengeyozibulayo, izwi lentombi enguZiyon; inesingqala, izolula izandla zayo, isithi, Athi ke mna! ngokuba umphefumlo wam utyhafile ngababulali.