Xhosa

Jeremiah

45

1Ilizwi awalithethayo uYeremiya umprofeti kuBharuki unyana kaNeriya, ekuwabhaleni kwakhe encwadini la mazwi, ephuma emlonyeni kaYeremiya, ngomnyaka wesine kaYoyakim unyana kaYosiya, ukumkani wakwaYuda, lalisithi,2Utsho uYehova, uThixo kaSirayeli, kuwe, Bharuki, ukuthi, Wena uthi, Athi ke mna!3Ngokuba uYehova wongeza isingqala kumvandedwa wam; ndidiniwe kukuncwina kwam, andifumani kuphumla.4Yithi ke kuye, Utsho uYehova ukuthi, Yabona, into endiyakhileyo ndiyayigungxula, into endiyityeleyo ndiyayinyothula; lihlabathi lonke ke elo.5Wena uzifunela izinto ezinkulu; musa ukuzifuna. Ngokuba, uyabona, ndiyizisela ububi inyama yonke, utsho uYehova; ke ndikunika umphefumlo wakho ube lixhoba lakho, ezindaweni zonke oya kuya kuzo.