Xhosa

Jeremiah

9

1Ayaba intloko yam ibingamanzi, amehlo am aba lithende leenyembezi; bendiya kubalilela imini nobusuku ababuleweyo bentombi yabantu bakowethu!2Akwaba bendinendawo yokulalisa kwabahambi entlango; bendiya kubashiya abantu bakowethu, ndimke kubo! Ngokuba bonke ngabakrexezi, yingqungquthela yamanginingini.3Bayalutyeda ulwimi lwabo ngobuxoki njengesaphetha; abaphathi ngokuthembeka ezweni; baphuma entweni embi, bangene entweni embi, babe mna ke bengandazi; utsho uYehova.4Elowo makamlumkele ummelwane wakhe, ningakholosi nangomzalwana; ngokuba wonke umzalwana wenza ubuqhinga, wonke ummelwane uhamba ehleba.5Elowo uyamkhohlisa ummelwane wakhe, abathethi nyaniso; bafundisa ulwimi lwabo ukuthetha ubuxoki, bazidinise ngokwenza okugwenxa.6Ukuhlala kwakho kuphakathi kwenkohliso; ngenkohliso abavumi ukundazi; utsho uYehova.7Ngako oko, utsho uYehova wemikhosi ukuthi, Yabona, ndiya kubanyibilikisa, ndibacikide; ngokuba ndingathini na ngenxa yentombi yabantu bam?8Lutolo olubulalayo ulwimi lwabo; bathetha inkohliso; omnye uthetha uxolo ngomlomo wakhe kummelwane wakhe, ukanti embilinini wakhe umlalele.9Mandingabaveleli na ke ngenxa yezo zinto? utsho uYehova; ungaziphindezeli na umphefumlo wam kuhlanga olunje?10Ngenxa yeentaba ndibeka isililo nesimema, nangenxa yamakriwa entlango ndibeka isimbonono; ngokuba afakwe isikhuni, akwabakho bani ugqithayo kuwo, alavakala izwi lemfuyo; kuthabathela ezintakeni zezulu lwesa ezilweni, kusatyiwe, kwemkiwa.11Ndiyenze iYerusalem yangumwewe, yazizikhundla zeempungutye; ndiyenze imizi yakwaYuda yangamanxuwa, ayaba nammi.12Ngubani na indoda elumkileyo, ikuqonde oku? othethileyo kuyo umlomo kaYehova, ikuxele? Kungenxa yani na ukuba ilizwe litshabalale, lifakwe isikhuni njengentlango, kungabikho bani ugqitha kulo?13Wathi uYehova, Kungenxa enokuba bewushiyile umyalelo wam, endawubeka phambi kwabo, abaliphulaphula ilizwi lam, abahamba ngawo.14Balandela ubungqola bentliziyo yabo, balandela ooBhahali, into abayifundiswa ngooyise.15Ngako oko, utsho uYehova wemikhosi, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Yabona, ndiya kubadlisa aba bantu umhlonyane, ndibaseze inyongo;16ndibaphangalalise phakathi kweentlanga, ababengazazi bona nooyise; ndilithumele ikrele emva kwabo, ndide ndibaphelise.17Utsho uYehova wemikhosi ukuthi, Gqalani, nibize iintokazi ezenza isimbonono, zize, nithumele kwezilumkileyo, zize;18zingxame, ziphimisele phezu kwethu isimema; ehle iinyembezi amehlo ethu, zityityizele amanzi iinkophe zethu.19Ngokuba ilizwi lesimema livakala liphuma eZiyon, lisithi, Hayi, ukubhuqeka kwethu! Sidane kakhulu, kuba silishiyile ilizwe, kuba bewakhahlele phantsi amakhaya ethu.20Noko ke liveni, zintokazi, ilizwi likaYehova, indlebe yenu ilamkele ilizwi lomlomo wakhe, nizifundise iintombi zenu isimema, omnye afundise ummelwane wakhe isimbonono.21Ngokuba kunyukile ukufa ngeefestile zethu; kungene ezingxandeni zethu ezinde, ukuba kunqumle abantwana ezitratweni, amadodana endaweni yembutho.22Thetha uthi, Utsho uYehova ukuthi, Ziya kuwa ke izidumbu zabantu, njengomgquba phezu kwentsimi, nanjengesinde emva komvuni, kungabikho ubahlanganisayo.23Utsho uYehova ukuthi, Isilumko masingaqhayisi ngobulumko baso, igorha malingaqhayisi ngobugorha balo, isityebi masingaqhayisi ngobutyebi baso.24Oqhayisayo makaqhayise ngale nto yokuba endiqiqa, endazi mna ukuba ndinguYehova, owenza inceba, nesiko, nobulungisa, ehlabathini; ngokuba ndinanze ezo zinto; utsho uYehova.25Yabona, iyeza imihla, utsho uYehova, endiya kubohlwaya ngayo bonke abalukileyo, phofu bengalukile:26amaYiputa, namaYuda, namaEdom, noonyana baka-Amon, namaMowabhi, noonquthula-iinwele, abemi entlango; ngokuba zonke iintlanga zingabangalukileyo, nendlu yonke yakwaSirayeli ingalukile ngentliziyo.