Xhosa

Job

17

1Umoya wam wonakele, imihla yam icinyiwe, Into yam ngamangcwaba.2Inene ndiyinto abadlala ngayo, Neliso lam lilibele ziinkani zabo.3Khawubeke into, undimele; Ngubani na yena oya kubambana nam ngesandla?4Ngokuba intliziyo yabo uyifihlele ukuqiqa; Ngenxa yoko akuyi kubaphakamisa.5Unikela abahlobo ukuba babe ngamaxhoba, Amehlo abantwana bakhe aze aphelelwe.6Undimise ndaba ngumzekeliso ezizweni; Ndaba ngotshicelwa ebusweni.7Laza lanorhatyazo iliso lam kukukhathazeka; Amalungu am aba njengesithunzi onke ephela.8Bamangaliswa abathe tye yile nto; Omsulwa uyazixhokonxa ngenxa yentshembenxa.9Ke olilungisa ubambe indlela yakhe, Ozandla zihlambulukileyo uya ekhalipha.10Kodwa nina nonke, buyani, khanize; Andiyi kufumana silumko phakathi kwenu.11Imihla yam idlule, zijaciwe izigqibo zam, Amafa entliziyo yam.12Bathi ubusuku yimini; Ukukhanya kusondele, xa kuza kuba mnyama.13Ukuba ndithe ndathemba, ndithembe elabafileyo, indlu yam; Ndandlala umandlalo wam emnyameni;14Ukuba ndithe kukubola, Ungubawo; Ndathi kwimpethu, Unguma, ungudade wethu:15Liphi na ke ngoku ithemba lam? Ithemba lam, ngubani na owolibona?16Liya kuhla liye emivalweni yelabafileyo, Xa siphumla kunye eluthulini.