1Wasusela uBhiledadi wakwaShuwa, wathi,2Ulawulo nonkwantyiso lunaye; Wenza uxolo ezindaweni zakhe eziphezulu.3Inokubalwa na imikhosi yakhe? Ngubani na ongaphunyelwayo kukukhanya kwakhe?4Angathini na umntu ukuba lilungisa kuThixo? Angathini na ukuba ngoqaqambileyo ozelwe ngumfazi?5Yabona, nenyanga ayimhlophe, Neenkwenkwezi aziqaqambile, emehlweni akhe.6Ubeke phi na ke umntu, impethu le, Nonyana ka-Adam, umbungu lo?