Xhosa

Job

3

1Emveni koko uYobhi wawuvula umlomo wakhe, wayiqalekisa imini yakhe.2Wasusela uYobhi, wathi,3Mayidake imini endazalwa ngayo, Nobusuku ekwathiwa, Kukhawulwe indoda.4Loo mini mayibe bubumnyama, Angayinyamekeli uThixo phezulu, Kungayibengezeli ukukhanya.5Mayikhululwe ngentlawulelo bubumnyama nethunzi lokufa, Makulale amafu phezu kwayo; Mayidandathekiswe kokungcolisa imini.6Obo busuku-masibubambe isithokothoko; Mabungavuyi phakathi kwemihla yomnyaka; Mabungangeni enanini leenyanga.7Yabona, obo busuku mabube ludlolo; Makungezi kumemelela kubo,8Mababuqalekise abaqalekisi bemihla, Abaxhobele ukuxhokonxa ileviyatan.9Mazibe mnyama iinkwenkwezi zomso wabo obomvu; Mabulinde ukufika kokukhanya, kungabikho; Bungaziboni iinkophe zesifingo;10Ngokuba bungazivalanga iingcango zesizalo esandizalayo, Bungabusithelisanga ububi emehlweni am.11Ibe iyini na ukuba ndingafeli embilinini, Ndingaphumi umphefumlo ndisavela esizalweni?12Kube kungani na ukuba amadolo andihlangabeze? Ibe iyini na ukuba andihlangabeze amabele, ukuze ndiwanye?13Kuba ngoku ngendiba ndilele, ndazola; Ngendiba ndalala ubuthongo, ndandula ukuphumla14Nokumkani namaphakathi elizwe, Abo bazakhelayo amanxuwa;15Nabathetheli abanegolide, Abazizalisayo izindlu zabo ngesilivere.16Ngendiba andikho, njengemvambilini eselelweyo; Njengabantwana abangabonanga kukhanya.17Kuba apho, abangendawo bakuyekile ukugungqa; Khona apho bayaphumla abaphelelwe ngamandla.18Abakhonkxiweyo bonwabile ndaweni-nye; Abasaliva izwi lomqhubi.19Omncinane nomkhulu-khona bayalingana; Ikhoboka likhululekile enkosini yalo.20Yini na ukuba abasebubini abanike ukukhanya, Nabamphefumlo ukrakra abanike ubomi?21Abalinde ukufa, kusuke kungabikho; buselelweyo;22Abavuya bade bagcobe, Babe nemihlali, xa bathe bafumanana nengcwaba?23Ukuba ukukhanya akunike umfo ondlela isitheleyo, Obiyelweyo nguThixo ngeenxa zonke?24Kuba endaweni yesonka sam kuza ukugcuma, Kuphalazeka njengamanzi ukubhonga kwam.25Kuba ndinkwantya kokunkwantyisayo, kwaza kwandifikela, Into endinxunguphala yiyo indizele.26Ndathi, ndingachulumachanga ndingazolanga, ndingaphumlanga, Kweza ke ukugungqa.