Xhosa

Job

30

1Kungoku bayandihleka abancinane kunam ngemihla, Abayise babo ndibe ndicekisa nokubabeka nezinja zomhlambi wam.2Khona abengaba ngawantoni na kum amandla ezandla zabo, Abaphelelwe ngamandla?3Bathe ngokuswela nokulamba banqina, Abo banqabi bomqwebedu, Bobumnyama bentshabalala yakwantshabalala;4Abo baqhawula imbuwa ematyholweni, Abasonka siyingcambu yonwele.5Bayagxothwa phakathi kwabantu; Bahlatyelwa umkhosi ngathi ngamasela;6Bahlale ezihlanjeni ezingcangcazelisayo, Emingxunyeni yomhlaba nasemaweni.7Babhomboloza phakathi kwamatyholo, Bafumbalala phantsi kwamarhawu,8Bengoonyana bezidenge kwanoonyana babangenagama, Ababethwa bemke ezweni.9Kungoku ndiyingoma yabo. Ndaba kukukhuluma kwabo.10Ndilisikizi kubo, bakude nam; Abawanqandi amathe ebusweni bam.11Kuba ulucombulule uthambo lwam, wandicinezela, Bawuyeka umkhala phambi kwam.12Ngasekunene kuphakama ubuvuvana; Batyhala iinyawo zam, Bandifumbele umendo wabo wokusindeka.13Bayenza amagqagala indlela yam, Bancedisa ukweyela kwam, Abangenamncedi.14Ukuza kwabo ngathi bagqobhoza ithuba elibanzi eludongeni, Bagaleleka kum nokuthi golokongqo kwalo.15Kuguqukele kum ukukhwankqisa, Kubusukela ubunene bam njengomoya; Kudlule njengelifu ukusindiswa kwam.16Kungoku uziphalazela phakathi kwam umphefumlo wam; Indibambile imihla yeentsizi.17Ubusuku buphehla amathambo am, aqhiwuke kum; Iintlungu ezindidlayo azipheli.18Ngobukhulu bamandla sizenze sasisimbi isambatho sam, Sithe nca kum njengomqala wengubo yam yangaphantsi.19Undijulele eludakeni, Ndafana nothuli nothuthu.20Ndiyazibika kuwe, ungasabeli; Ndisuka ndime, undijonge.21Uzenza isijorha kum; Unditshutshisa ngamandla esandla sakho.22Undifukulela emoyeni, undikhwelisa kuwo, Undibhangise nokuzongoma kwawo.23Kuba ndiyazi ukuba uya kundibuyisela ekufeni, Endlwini yokuhlangana kwabaphilileyo bonke.24Kodwa ekuthini bhuma, umntu akoluli sandla na, Azibike ngenxa yoko elishweni lakhe?25Khona andimlilelanga yini na omini zinobubi? Ubungenalusizi na umphefumlo wam ngenxa yehlwempu?26Kuba ndathemba okulungileyo, kweza okubi; Ndalinda ukukhanya, kweza isithokothoko.27Amathumbu am abila, akayeka; Yandihlangabeza imihla yeentsizi.28Ndahamba ndinezimnyama zokuzila, akwabakho langa; Ndaphakama ebandleni, ndazibika.29Ndingumzalwana weempungutye, Nomlingane weenciniba.30Ulusu lwam luyadlubhuka kum, lumnyama. Namathambo am atshile kukoma.31Uhadi lwam lwaba sisijwili, Ugwali lwam lwaba lilizwi labalilayo.