1Waphendula uYobhi, wathi,2Akwaba bekulinganiswe nokulinganiswa ukukhathazeka kwam, Kwabekwa esikalini ukweyela kwam ndawonye nako!3Kuba ngoku bekuya kuba nzima ngaphezu kwentlabathi yolwandle; Kungenxa yoko le nto amazwi am angawokubhuda.4Kuba iintolo zoSomandla zimi kum, Ezibuhlungu bazo buwufincayo umoya wam; Izidandathekiso zikaThixo zindakhele uluhlu lokulwa.5Iesile lasendle likhe lilile na liseluhlazeni? Iyalila na inkomo isekutyeni kwayo?6Iyadliwa na into ejavujavu, ingenatyuwa? Sikho na isongo kwintlaka yeqanda?7Eyona nto walayo ukuyiphatha umphefumlo wam, Leyo yeyona ikukudla kwam okukruqulayo.8Akwaba bendingazuza isicelo sam, UThixo andiphe endikulindelayo;9Kukholeke kuThixo ukundityumza, Asivulele isandla sakhe, andinqumle!10Ibiya kuhlala ikho intuthuzelo yam; Bendiya kuxhina kwezo ntlungu zingacongiyo; Kuba andiwakhanyelanga amazwi oyiNgcwele.11Ayintoni na amandla am, ukuba ndingade ndithembe? Siyintoni na isiphelo sam, ukuba ndingade ndibe nokuzeka kade?12Angamandla amatye na amandla am? Inyama yam ilubhedu na?13Akuphelile yini na kum ukuncedakala, Ukuzimaseka kwabhejethwa kwakanye?14Akuhlaziswa oqotyiweyo ngummelwane wakhe, Uya kulahla ukumoyika uSomandla.15Abazalwana bam banginizile njengomlanjana, Njengomphantsi wemilanjana etshayo,16Emdaka ngumkhenkce, Elizifihla kuyo ikhephu.17Ekufikeni kokufudumala iyabhanga; Lakubalela ithi qoko, ingabikho ezindaweni zayo.18Iyajikajika imendo yokuhamba kwayo, Inyuka iye enyanyeni, idake.19Imikhoko yakwaTema yabheka, Imiqodi yakwaShebha yathemba yona;20Yadana, kuba ibikholosile; Yafika khona, yaneentloni.21Kuba ngoku nisuke naba yinto engento, Nibone ukuqhiphuka umbilini, noyika.22Khe ndatsho na ukuthi, Etheni kum? Ndipheni emandleni enu?23Nindisindise esandleni sombandezeli, Nindikhulule esandleni sengqwangangqwili?24Ndiyaleni, ndothi cwaka; Nindiqondise ukulahleka kwam.25Asikuko nokuba ayahlaba amazwi athe tye! Ke ukohlwaya kwenu kohlwaya ntoni na?26Niba ninokohlwaya ukuthetha oku na? Angumoya amazwi omntu oncamileyo.27Ke nangenkedama ningaqashisa, Nirhwebe ngommelwane wenu.28Makukholeke kuni ngoku, nibheke kum, Kuba okunene ebusweni benu andiyi kuthetha amanga.29Khanibuye, makungabikho bugqwetha, Niphinde nibuye; ubulungisa bam bukule nto.30Bukho na ubugqwetha elulwimini lwam? Ikhuhlangubo lam alingekuqondi na ukweyelisela?