Xhosa

Joel

3

1Ngokuba, yabonani, ngayo loo mihla, nangalo elo xesha, ndiya kukubuyisa ngalo ukuthinjwa kukaYuda neYerusalem,2ndozibutha zonke iintlanga, ndizihlisele entilini yakwaYoshafati; ndimangalelane nazo khona ngenxa yabantu bam, ilifa lam amaSirayeli, ezibathe saa ezintlangeni, zalaba ilizwe lam.3Abantu bam zibenzele amaqashiso, zavuza ihenyukazi ngenkwenkwe; zathengisa ngentombi ngewayini, zasela.4Kananjalo niya kundenza ntoni na nina, Tire, nawe, Tsidon, nani, mida yonke yamaFilisti? Niya kundibuyekeza impatho yam na? Niya kundenza ntoni na? Kwakamsinya, ngokukhawulezayo, ndiya kukubuyisela ukuphatha kwenu entlokweni yenu.5Ekubeni nithabathe isilivere yam negolide yam, izinto zamezintle ezinqwenelekayo, nazisa etempileni yenu;6nathengisa ngoonyana bakaYuda nangoonyana baseYerusalem koonyana bakaYavan, ukuze nibakhwelelisele kude emdeni wabo;7yabonani, ndiyabaxhoxha endaweni enathengisa ngabo kuyo, ndikubuyisele ukuphatha kwenu entlokweni yenu.8Ndothengisa ngoonyana benu nangeentombi zenu esandleni soonyana bakaYuda, bathengise ngabo kumaShebha, kuhlanga olukude; kuba uthethile uYehova.9Memezani oku ezintlangeni, ngcwalisani imfazwe; xhoxhani amagorha; makafike enyuke onke amadoda okulwa.10Khandani amakhuba enu abe ngamakrele, nezitshetshe zenu zemidiliya zibe zizikhali;11oswele amandla makathi, Ndiligorha. Khawulezani nize, nonke zintlanga zangeenxa zonke, nibuthelane; wahlisele khona amagorha akho, Yehova.12Mazixhoxhwe zinyuke iintlanga, ziye entilini yakwaYoshafati; ngokuba ndiya kuhlala phantsi khona, ukuze ndizigwebe zonke iintlanga zangeenxa zonke.13Fakani irhengqa, kuba ukudla kuvuthiwe; yizani nixovule, ngokuba isixovulelo sewayini sizele, iyaphalala imikhombe yokukhongozela; kuba bukhulu ububi bazo.14Yimbuthumbuthu, yimbuthumbuthu entilini yesigqibo! Kuba isondele imini kaYehova entilini yesigqibo.15Ilanga nenyanga zenziwe mnyama, iinkwenkwezi zikufinyezile ukukhanya kwazo.16UYehova ubharhula eZiyon, ukhupha ilizwi lakhe eYerusalem, linyikime izulu nehlabathi; ke uYehova ulihlathi kubantu bakhe, uligwiba koonyana bakaSirayeli.17Niya kwazi ke ukuba mna Yehova ndinguThixo wenu, ohleli eZiyon, entabeni yam engcwele; iYerusalem yoba ngcwele, abasemzini bangabi sacanda phakathi kwayo.18Kuya kuthi ngaloo mini, iintaba zivuze incindi yeediliya, iinduli ziphalale amasi, imijelo yonke yakwaYuda iphalale amanzi; kuphume umthombo endlwini kaYehova, useze isihlambo semingampunzi.19IYiputa kuya kuba senkangala, nelakwaEdom libe yintlango esenkangala, ngenxa yokugonyamela kwabo oonyana bakaYuda, ekubeni bephalaze igazi elimsulwa ezweni labo.20Ke uYuda uya kumiwa ngonaphakade, iYerusalem imiwe kwizizukulwana ngezizukulwana.21Ndiya kulisula igazi labo endandingalisulanga; ngokuba uYehova uhleli eZiyon.