Xhosa

John

11

1Ke kaloku, kwaye kusifa umntu othile, uLazaro waseBhetani, umzi wakulooMariya, noMarta udade wabo.2Yaye ke inguloo Mariya, wayithambisayo iNkosi ngamafutha aqholiweyo, wazisulayo iinyawo zayo ngeenwele zakhe, omnakwabo uLazaro wayesifa.3Bathumela ngoko oodade babo kuye, besithi, Nkosi, uyabona, lowo umthandayo uyafa.4Evile ke uYesu wathi, Esi sifo asiyelele kufeni; singenxa yozuko lukaThixo, ukuze uNyana kaThixo azukiswe ngaso.5Ke uYesu wayebathanda ooMarta nomsakwabo noLazaro.6Uthe ngoko akuva ukuba uyafa, wakha okunene wahlala kuloo ndawo abekuyo iintsuku ezimbini.7Waza emveni koko wathi kubo abafundi, Masibuye siye kwelakwaYuda.8Bathi abafundi kuye, Rabhi, amaYuda ebefuna ngoku ukukuxuluba ngamatye nje, ubuya uye khona na?9Waphendula uYesu wathi, Akalishumi elinamabini na amaxa emini? Ukuba umntu uthi ahambe emini, akakhubeki; ngokuba elubona ukhanyiselo lweli hlabathi.10Ke ukuba umntu uthi ahambe ebusuku, uyakhubeka; ngokuba ukukhanya kungekho kuye.11Wazithetha ezi zinto; aze emveni koko athi kubo, ULazaro, umhlobo wethu, ulele; ndiyaya ukuba ndimvuse.12Bathi ngoko abafundi bakhe, Nkosi, ukuba ulele, wosinda.13Ke yena uYesu ubethetha ukufa kwakhe. Bona ke bebeba uthetha ngokulala ubuthongo.14Wandula ngoku uYesu wathi kubo ngokungafihilisiyo, ULazaro ufile.15Ndiyavuya ke ngenxa yenu, ukuba ndibe ndingekho khona, ukuze nikholwe. Noko ke masiye kuye.16Uthe ngoko uTomas, okuthiwa nguDidimo, kubafundi kunye naye, Masiye nathi, ukuze sife naye.17Efikile ngoko uYesu, wafika eselesengcwabeni iintsuku zone.18(Ke kaloku iBhetani ibikufuphi neYerusalem, umgama wayo uzizitadiya ezingathi zilishumi elinazihlanu.)19Kwakufike abaninzi bakumaYuda, kwabo babenoMarta noMariya, ukuze babakhuze ngaye umnakwabo.20Akuva ngoko uMarta ukuba uYesu uyeza, wamhlangabeza; ke yena uMariya wahlala endlwini.21Wathi ngoko uMarta kuYesu, Nkosi, ukuba ubulapha, umnakwethu ange engafanga.22Nangoku ndiyazi ukuba, ongathi ukucele kuThixo, oko wokunika uThixo.23Athi kuye uYesu, Umnakwenu uya kubuya avuke.24Athi uMarta kuye, Ndiyazi ukuba uya kubuya avuke eluvukweni, ngomhla wokugqibela.25Wathi uYesu kuye, Ndim uvuko, ndim ubomi; lowo ukholwayo kum, nokuba ubethe wafa, wodla ubomi.26Bonke abadla ubomi bekholwa kum, abasayi kufa naphakade; uyakholwa na koko?27Athi kuye, Ewe, Nkosi, mna ndiyakholwa ukuba wena unguye uKristu, uNyana kaThixo, lowo uzayo ehlabathini.28Waza etshilo wemka, waya wabiza uMariya umsakwabo ngasese, wathi, UMfundisi ukho, uyakubiza.29Uthi yena, akuva oko, asuke kamsinya eze kuye.30(Ke kaloku, uYesu ebengekangeni phakathi komzi; wayesekuloo ndawo uMarta wamhlangabeza ekuyo.)31Athe ngoko amaYuda abenaye endlwini emkhuza, akumbona uMariya, ukuba usuke kamsinya waphuma, amlandela esithi, Uya engcwabeni, ukuya kulila khona.32UMariya ngoko, akufika apho uYesu ebekhona, akumbona, wawa ezinyaweni zakhe, esithi kuye, Nkosi, ukuba ubulapha, ange engafanga umnakwethu.33Uthe ngoko uYesu, akumbona elila, namaYuda abeze naye elila, wafutheka, wakhathazeka.34Wathi, Nimbeke phi na? Bathi kuye, Nkosi, yiza ubone.35UYesu walila.36Ayesithi ngoko amaYuda, Yabonani ke ukumthanda kwakhe!37Ke abathile kuwo bathi, Ubengenako na lo, wawavulayo amehlo emfama, ukwenza ukuba nalo angafi?38Abuye ke uYesu afutheke ngaphakathi kwakhe, eze engcwabeni. Laye ke lingumqolomba, kubekwe ilitye kuwo.39Athi uYesu, Lisuseni ilitye. Athi kuye uMarta, udade wofileyo, Nkosi, uselenuka, kuba untsuku-ne efile.40Athi uYesu kuye, Anditshongo na kuwe ukuthi, Ukuba uthe wakholwa, wolubona uzuko lukaThixo?41Balisusa ngoko ilitye apho abelele khona ofileyo. Wawaphakamisa ke amehlo uYesu, wakhangela phezulu, wathi, Bawo, ndiyabulela kuwe kuba undivile.42Mna ke bendisazi ukuba uhleli undiva; ke nditsho ngenxa yesihlwele esixhonteleyo, ukuze bakholwe ukuba wena wandithuma.43Etshilo ke, wadanduluka ngezwi elikhulu, wathi, Lazaro, phuma.44Waphuma ofileyo, ebotshiwe iinyawo nezandla ngezithandelo, nobuso bakhe bujikelwe ngeqhiya. Athi kubo uYesu, Mkhululeni, nimyeke ahambe.45Ithe ngoko into eninzi kumaYuda, ebize kuMariya, yakuzibona izinto azenzileyo uYesu, yakholwa kuye.46Ke abathile kuwo bemka baya kubaFarisi, babaxelela izinto azenzileyo uYesu.47Bahlanganisa ngoko ababingeleli abakhulu nabaFarisi intlanganiso yamatyala, bathi, Senza ntoni na? Ngokuba lo mntu wenza imiqondiso emininzi.48Ukuba sithe samyeka ngokunje, bonke baya kukholwa kuye; athi ke amaRoma eze, athimbe indawo yethu, kwanohlanga lwethu.49Ke kaloku omnye wabo, uKayafa, engumbingeleli omkhulu ngaloo mnyaka, wathi kubo, Anazi nto nina;50kananjalo aniqondi ukuba kusilungele, ukuba kufe umntu abe mnye ngenza yabantu, ukuze lungatshabalali uhlanga luphela.51Oku ke akakuthethanga kuphuma kuye; wathi, kuba ebengumbingeleli omkhulu ngaloo mnyaka, waprofeta ukuba uYesu uza kulufela uhlanga;52kungabi ngenxa yohlanga olo lodwa, kube ngenxa yabantwana bakaThixo abalusali, ukuba abahlanganisele ndawonye.53Kususela kuloo mini ngoko babhunga ukuba bambulale.54Ngoko uYesu akabanga sahamba ekuhleni phakathi kwamaYuda; wasuka wemka apho, waya ezweni elikufuphi nentlango, emzini ekuthiwa kukwaEfrayim; walibala khona apho nabafundi bakhe.55Ke kaloku yayikufuphi ipasika yamaYuda; kwenyuka into eninzi iphuma kwelo zwe, yaya eYerusalem phambi kwayo ipasika, ukuze izenze nyulu.56Ayemfuna ngoko uYesu, ethetha odwa, emi etempileni, esithi, Nithini na? akasayi kuza na emthendelekweni?57Ke kaloku ababingeleli abakhulu nabaFarisi babewise umthetho wokuthi, ukuba umntu uthe wazi apho akhona, maze axele, ukuze bambambe.