1UYona wathandaza kuYehova uThixo wakhe embilinini wentlanzi, wathi, Ndakhala kuYehova ndisembandezelweni, Wandiphendula;2Ndazibika ndisesiswini selabafileyo, Waliva wena ilizwi lam.3Ngokuba wawundiphosa enzulwini, embilinini yeelwandle, Umlambo waba ngeenxa zonke kum; Adlula phezu kwam onke amaza akho alwayo, namaza akho agugumayo.4Ndathi ke mna, Ndigxothiwe phambi kwamehlo akho; Noko ke ndiya kubuya ndibheke etempileni yakho engcwele.5Andirhawula amanzi, ada eza emphefumlweni; Andijikeleza amanzi enzonzobila; Ingca yolwandle yayithi jize intloko yam.6Ndehla ndaya ezikhondweni zeentaba; Lona ihlabathi, imivalo yalo yandivalela ngonaphakade; Wasuka wabunyusa emhadini ubomi bam, Yehova Thixo wam.7Ekutyhafeni komphefumlo wam ngaphakathi kwam, ndakhumbula uYehova: Wafika kuwe umthandazo wam etempileni yakho engcwele.8Abagcine amampunge angento yanto Bashiya inceba yabo9Ke mna ndiya kubingelela kuwe ndinezwi lokubulela: Endakubhambathisayo ndiya kukuzalisa. Usindiso lukuYehova.10UYehova wathetha nentlanzi, yamhlanzela uYona emhlabeni owomileyo.