Xhosa

Judges

8

1Athi amadoda akwaEfrayim kuye, Yintoni na le nto uyenzileyo kuthi, yokuba ungasibizi, ukuya kulwa kwakho namaMidiyan? Babambana naye kabukhali.2Wathi kuwo, Ndenze ntoni na ngoku ngangani? Ukubhikica kwamaEfrayim akukugqithile na ngokulunga ukuvuna iidiliya komAbhihezere?3UThixo ubanikele esandleni senu abathetheli bakwaMidiyan, uOrebhe noZebhe; yintoni na endinokuyenza ngangani? Yaza ingqumbo yawo ngakuye yadamba ekulithetheni kwakhe elolizwi.4Akufika uGidiyon eYordan, ewela enamadoda amakhulu mathathu, etyhafile, esasukela noko,5wathi kumadoda aseSukoti, Khanibaphe abantu aba bandilandelayo iintendana zezonka, ngokuba batyhafile; ndisukela uZebha noTsalimuna, ookumkani bamaMidiyan.6Bathi abathetheli baseSukoti, Isandla sikaZebha noTsalimuna sesisesandleni sakho yini na, ukuba siwunike umkhosi wakho isonka?7Wathi uGidiyon, Xa kunjalo, akubanikela uYehova ooZebha noTsalimuna esandleni sam, ndoyibhalula inyama yenu ngemithana enameva yasentlango, nangamakhakakhaka.8Wenyuka khona, waya ePenuweli, wathetha kubo kwangokunjalo. Bamphendula abantu basePenuweli njengoko bamphendula ngako abantu baseSukoti.9Watsho nakubantu basePenuweli, ukuthi, Ekubuyeni kwam ngoxolo ndoyidiliza le nqaba inde.10Ke kaloku uZebha noTsalimuna bebeseKarkore, benemikhosi yabo, ngathi ngamawaka alishumi elinamahlanu ewonke amadoda, abesele kwimikhosi yonke yabasempumalanga. Kwakuwe amadoda alikhulu elinamanci mabini amawaka, arhola ikrele.11Wenyuka uGidiyon ngendlela yabahlala ezintenteni, ngasempumalanga kweNobha neYogebheha, wayibulala impi; impi leyo ibingaxhalele nto.12Basaba ooZebha noTsalimuna; wabasukela, wababamba ookumkani bobabini bamaMidiyan, ooZebha noTsalimuna; wayothusa yonke impi.13Wabuya uGidiyon unyana kaYowashe emfazweni, evela eqhineni leHeheres,14wabamba indodana yabantu baseSukoti, wayibuza; yambalela abathetheli baseSukoti, namadoda amakhulu akhona, amadoda amashumi asixhenxe anesixhenxe.15Weza ebantwini baseSukoti, wathi, Naba ooZebha noTsalimuna, enibe nindingcikiva ngabo, nisithi, Isandla sikaZebha noTsalimuna sesisesandleni sakho yini na, ukuba siwanike isonka amadoda akho atyhafileyo?16Wawathabatha amadoda amakhulu aloo mzi, nemithana enameva yasentlango namakhakakhaka, wawaqondisa ngayo amadoda aseSukoti.17Wayidiliza nenqaba ende yasePenuweli, wababulala abantu baloo mzi.18Wathi kuZebha noTsalimuna, Ebenjani na amadoda enawabulalayo eTabhore? Bathi, Abenjengawe, elowo enesithomo sonyana wokumkani.19Wathi, Babengabazalwana bam abo, oonyana bakama. Ehleli nje uYehova, ukuba benibasindisile, ngendinganibulali.20Wathi kuYetere owamazibulo kuye, Suk’ ume, ubabulale. Ke indodana leyo ayilirholanga ikrele layo; ngokuba ibisoyika, kuba ibisengumfana.21Bathi ooZebha noTsalimuna, Suk’ ume wena, usithi qwele; njengoko injalo indoda, bunjalo nobugorha bayo. Wesuka ke uGidiyon, wababulala ooZebha noTsalimuna, wazithabatha iintsimbi ezisezintanyeni zeenkamela zabo.22Athi amaSirayeli kuGidiyon, Silawule wena, kwanonyana wakho, nonyana wonyana wakho; ngokuba usisindisile esandleni samaMidiyan.23Wathi uGidiyon kuwo, Andiyi kunilawula mna; akayi kunilawula nonyana wam; nguYehova oya kunilawula nina.24Wathi uGidiyon kuwo, Ndiya kucela ngcelo-nye kuni; ndinikeni elowo ijikazi lexhoba lakhe. (Ngokuba ebenamajikazi egolide, kuba ebengamaIshmayeli.)25Athi, Sokunika ngemvume. Azandlala iingubo, aphosa khona elowo ijikazi lexhoba lakhe.26Ubunzima bamajikazi egolide awawacelayo baba liwaka elinamakhulu asixhenxe eeshekele zegolide, ngaphandle kwezaa ntsimbi namacici neengubo ezimfusa ezibe zikookumkani bamaMidiyan, nangaphandle kwezidanga ezibe zisezintanyeni zeenkamela zabo.27UGidiyon wenza ngazo iefodi, wayibeka emzini wakhe eOfra; athi onke amaSirayeli ahenyuza ngokuyilandela khona; yangumgibe kuGidiyon nakwindlu yakhe.28Athotywa amaMidiyan phambi koonyana bakaSirayeli, akaphinda aziphakamise iintloko zawo. Lazola ke ilizwe iminyaka emashumi mane ngemihla kaGidiyon.29Waya uYerubhahali, unyana kaYowashe, wahlala endlwini yakhe.30UGidiyon ebenoonyana abangamashumi asixhenxe abaphumayo esinqeni sakhe, ngokuba ebenabafazi abaninzi.31Neshweshwe lakhe, elibe likwaShekem, lamzalela unyana nalo; awamthiya igama lokuba nguAbhimeleki.32Wafa uGidiyon unyana kaYowashe, eyingwevu enkulu, wangcwatyelwa engcwabeni likaYowashe uyise, eOfra yama-Abhihezere.33Kwathi, akufa uGidiyon, babuya oonyana bakaSirayeli bahenyuza ngokulandela uBhahali; bazimisela uBhahali-bheriti, waba nguthixo wabo.34Oonyana bakaSirayeli abamkhumbulanga uYehova uThixo wabo, owabahlangulayo esandleni seentshaba zabo zonke ngeenxa zonke;35abayenzela nceba indlu kaYerubhahali, kaGidiyon, ngokokulunga konke awawenzelayo amaSirayeli.