Xhosa

Leviticus

27

1Wathetha uYehova kuMoses, esithi,2Thetha koonyana bakaSirayeli, uthi kubo, Xa athe umntu wenza isibhambathiso esibalulekileyo, imiphefumlo yoba yekaYehova ngokulinganisela kwakho.3Ke, ukulinganisela kwakho, oyindoda makuthabathele kominyaka imashumi mabini ezelwe, kuse kominyaka imashumi mathandathu ezelwe: ukulinganisela kwakho makube ziishekele zesilivere ezimashumi mahlanu zengcwele.4Ke ukuba yinkazana, ukulinganisela kwakho makube ziishekele ezimashumi mathathu.5Ukuba kuthabathele kumntwana ominyaka mihlanu, kwesa kumntwana ominyaka imashumi mabini, ukulinganisela kwakho oyindoda makube ziishekele ezimashumi mabini; oyinkazana, makube ziishekele ezishumi-nye.6Ukuba kuthabathele kumntwana onyanga-nye, kwesa kumntwana ominyaka mihlanu, ukulinganisela kwakho oyindoda makube ziishekele zesilivere ezintlanu; ukulinganisela kwakho oyinkazana makube ziishekele zesilivere ezintathu.7Ukuba kuthabathele kominyaka imashumi mathandathu ezelwe kwenyusa, ukuba uyindoda, ukulinganisela kwakho makube ziishekele ezilishumi elinesihlanu; oyinkazana, makube ziishekele ezishumi-nye.8Ke ukuba uthe wanzonza kunokulinganisela kwakho, makamiswe phambi kombingeleli, umbingeleli amlinganisele; ngento esinokuyifumana isandla salowo ubhambathisileyo, umbingeleli amlinganisele.9Ukuba yinkomo leyo, kusondezwa yona ukuba ibe ngumsondezo kuYehova, yonke into enjalo enikelwa kuYehova mayibe ngcwele.10Ize ingaguqulwa, ize ingananwa, elungileyo ngembi, embi ngelungileyo; ukuba uthe wanana ukwanana oku inkomo ngenkomo, mayibe ngcwele yona, kwanaleyo kwananwe ngayo.11Ke ukuba yinto ezitho zine eyinqambi, nokuba yiyiphi, ekungasondezwa msondezo wayo kuYehova, into leyo izitho zine mayimiswe phambi kombingeleli,12umbingeleli ayilinganisele, abethe phakathi kwelungileyo nembi; yoba njengokulinganisela kwakho, wena mbingeleli.13Ukuba uthe wayikhulula okunene ngentlawulelo, makongeze isahlulo sesihlanu sayo kuko oko kulinganisela kwakho.14Xa athe umntu wayingcwalisa indlu yakhe ukuba ibe ngcwele kuYehova, umbingeleli makayilinganisele, abethe phakathi kwelungileyo nembi njengoko umbingeleli ayilinganiseleyo, yoqiniseka ngokunjalo.15Ukuba lowo wayingcwalisayo uthe wayikhulula ngentlawulelo indlu yakhe, makongeze isahlulo sesihlanu sesilivere yokulinganisela kwakho kuko oko, ibe yeyakhe.16Ukuba umntu uthe wangcwalisa kuYehova inxalenye yentsimi yelifa lakhe, ukulinganisela kwakho makube ngokwembewu yayo, ihomere yembewu yerhasi ngeeshekele zesilivere ezimashumi mahlanu.17Ukuba uthe wayingcwalisa intsimi yakhe, ethabathe emnyakeni wentlokoma, mayiqiniseke ngokulinganisela kwakho.18Ukuba uthe wayingcwalisa intsimi yakhe emva kowentlokoma, umbingeleli makambalele imali ngokweminyaka esaseleyo, kuse emnyakeni wentlokoma, iphungulwe kweyokulinganisela kwakho.19Ukuba lowo wayingcwalisayo uthe wayikhulula okunene ngentlawulelo intsimi, makongeze isahlulo sesihlanu semali yokulinganisela kwakho kuko oko, iqiniseke kuye.20Ukuba uthe akayikhulula ngentlawulelo intsimi, nokuba uthe wathengisa ngentsimi leyo komnye umntu, mayingabi sakhululwa ngentlawulelo.21Loo ntsimi yoba ngcwele kuYehova, ekuphumeni kwayo kuloo mntu ngomnyaka wentlokoma, njengentsimi eyahlulelwe ukuba ibe lilifa lombingeleli.22Ukuba uthe wangcwaliswa kuYehova intsimi yentengo yakhe, ingentsimi yelifa lakhe,23umbingeleli makambalele inani lokulinganisela kwakho, kuse emnyakeni wentlokoma, anike ukulinganisela kwakho ngaloo mhla, kube njengento engcwele kuYehova.24Ngomnyaka wentlokoma intsimi mayibuyele kulowo yathengwa kuye, kulowo belilelakhe ilifa lomhlaba.25Konke ukulinganisela kwakho makube ngeshekele yengcwele; ishekele yoba ziigera ezimashumi mabini.26Ngamazibulo odwa ezintweni ezizitho zine, azityulelwa kuYehova, angayi kungcwaliswa mntu, nokuba yinkomo, nokuba yimvu; ngakaYehova.27Ukuba ngawezinto ezizitho zine eziziinqambi, makamiselwe ngokulinganisela kwakho, kongezwe isahlulo sesihlanu sayo kuko oko; ke ukuba athe akakhululwa ngentlawulelo, makuthengiswe ngawo ngokulinganisela kwakho.28Kodwa yonke into esingelwe phantsi, asukuba umntu eyisingela kuYehova entweni yonke anayo, nokuba ngumntu, nokuba yinto ezizitho zine, nokuba yintsimi yelifa lakhe, makungathengiswa ngayo, mayingakhululwa nangentlawulelo. Yonke into esingelwe phantsi yingcwele kangcwele kuYehova.29Yonke into esingelwe phantsi ethe yasingelwa phantsi ingumntu, mayingakhululwa nangokumiselwa; mayibulawe ife.30Sonke isishumi somhlaba, sembewu yomhlaba, seziqhamo zomthi, sesikaYehova; singcwele kuYehova.31Ukuba uthe umntu wasikhulula okunene ngentlawulelo isishumi sakhe, makongeze kuso isahlulo sesihlanu saso.32Sonke isishumi seenkomo, nasempahleni emfutshane, yonke into ethubeleza phantsi kwentonga, eyeshumi mayibe ngcwele kuYehova.33Makangagocagoci phakathi kwelungileyo nembi, angayanani; ukuba uthe wayanana ukuyanana oku, mayibe ngcwele yona, naleyo kwananwe ngayo mayingakhululwa ngentlawulelo.34Yiyo leyo imithetho uYehova wayiwisela uMoses ngenxa yoonyana bakaSirayeli, entabeni yaseSinayi.